IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 10/15 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Isipho Seelwimi Siyinxalenye YobuKristu Bokwenyaniso?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukukhokelwa Ngumoya KaThixo Ngenkulungwane Yokuqala Nanamhlanje
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba Bonke Abantu Abaphiliswa Ngokungummangaliso Baphiliswa NguThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 10/15 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba ibinzana elithi “ongowomoya,” elifumaneka kweyoku-1 kwabaseKorinte 14:37, lithetha ukuba umntu ufumene umoya oyingcwele ngengqiqo yokuba ethanjisiwe, okanye ngaba lithetha ukuba unesipho esingummangaliso somoya?

KwiNew World Translation of the Holy Scriptures, le ndinyana ifundeka ngolu hlobo: “Ukuba ubani ucinga ukuba ungumprofeti okanye unesipho somoya, makazamkele izinto endinibhalela zona, kuba zingumyalelo weNkosi.”—1 Korinte 14:37.

Umfundi unokuthabatha ibinzana elithi ‘isipho somoya’ njengelisingisele ekubeni amaKristu enkulungwane yokuqala ayezelwe ngomoya aza angoonyana bakaThixo bokomoya. Okanye eli binzana linokuqondwa njengelisebenza kulowo wamkele isipho esikhethekileyo somoya oyingcwele. Le ntsingiselo yesibini isengqiqweni, njengoko umongo usinceda ukuba sibone.

Apha umpostile uPawulos wasebenzisa igama lesiGrike elithi pneu·ma·ti·kosʹ, ngokusisiseko elinengqiqo yokuba “enokuthanani nomoya, yomoya.” Iintlobo zawo zisetyenziswa kwiinkcazelo ezithi ‘umzimba ongowomoya,’ ‘intsikelelo yomoya,’ ‘ukuqonda okukokomoya,’ ‘nendlu eyiyeyomoya.’—1 Korinte 15:44; Efese 1:3; Kolose 1:9; 1 Petros 2:5.

Kwiimeko ezinjalo, iBhayibhile igxininisa ingongoma (umzimba, intsikelelo, ukuqonda, indlu) echazwa ligama elithi ‘yomoya.’ Kodwa kwezinye iimeko, ingqiqo kunye nenguqulelo efanelekileyo yegama elithi ‘yomoya’ imele imiselwe ngokusuka kumongo. Ngokomzekelo, eyoku-1 kwabaseKorinte 2:14, 15 ithelekisa isimo sengqondo somntu wemvelo nesoweho pneu·ma·ti·kosʹ, ngokusengqiqweni ethetha ‘umntu womoya.’

EyokuQala kwabaseKorinte isahluko 12 ukusa kwese-14 ibhekisela kwizipho ezingummangaliso zomoya oyingcwele. UThixo wanikela ezi zipho kumaKristu athile okuqala ukuze abonise ukuba wayengasawasebenzisi amaSirayeli emvelo kodwa ngoku wayebabala amaKristu ‘anguSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16) Ethetha ngezi zipho, uPawulos wabhala: “Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye.” (1 Korinte 12:4) Ubulumko obukhethekileyo, ulwazi nokholo yayizezinye zezipho zomoya, njengoko babeprofeta, bethetha ngeelwimi ibe kucaciswa neelwimi.—1 Korinte 12:8-11.

AmaKristu aseKorinte awayebhalelwa nguPawulos ayethanjiswe ngomoya oyingcwele kaThixo. UPawulos wathi: “Kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.” (1 Korinte 6:11; 12:13) Ewe, bonke babamkele “isinyaniso sakhe uMoya.” (2 Korinte 5:5) Noko ke, asingabo bonke abafumana isipho esikhethekileyo ngomoya oyingcwele. Yaye kubonakala ngathi abaninzi babethabathekile ekuthetheni ngeelwimi, besibalaselisa ngokungafanelekanga esi sipho. UPawulos wababhalela ukuze alungise ingcinga ababenayo waza wababonisa ngokuphandle ukuba iilwimi zazingayi kuba yingenelo kubantu abaninzi njengoko kwakuza kuba njalo ngesipho sokuprofeta. Ekupheleni kwesahluko 12, uPawulos wacebisa abaseKorinte esithi: “Zondelelani ke ezona zibabalo zilungileyo.”—1 Korinte 12:28-31.

Ngoko ke, ekuqaleni kwesahluko 14, wawabongoza: “Phuthumani uthando olo, nibe kodwa nizondelela ukufuna izipho ezizezoMoya [ta pneu·ma·ti·kaʹ], ngokukodwa ke ukuba niprofete.” Yintoni ababeza kuyifuna? Loo maKristu ayengaz’ ukufuna ukuthanjiswa ngomoya, kuba ayesele ethanjisiwe. Ngokusengqiqweni uPawulos wayethetha “izipho” zomoya, ezo, ekupheleni kwesahluko 12, wayewabongoza ukuba azifune. Ngenxa yoko, iNew World Translation of the Holy Scriptures iguqulela eyoku-1 kwabaseKorinte 14:1 ngolu hlobo: “Zondelelani ukufuna izipho zokomoya.” Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile ziguqulela uta pneu·ma·ti·kaʹ ngokuthi “izipho ezingokomoya” okanye “izipho zoMoya.”

Ngenxa yaloo mongo, siphawula ukuba ngasekupheleni kwesahluko 14, uPawulos unxulumanisa ukuprofeta nepneu·ma·ti·kosʹ. Njengakwindinyana 1, umongo ubonisa ukuba wayethetha ukufumana isipho somoya. IThe New Testament in Modern Speech, kaR. F. Weymouth, yamkela le nguqulelo ithi: “Ukuba ubani ucinga ukuba ngumprofeti okanye unezipho zomoya, makakwamkele njengomyalelo weNkosi oko ndinibhalela kona ngoku.”

Ewe, onke amaKristu, enoba anesipho sokuprofeta okanye nasiphi na esinye isipho esisesomoya, kufuneka amkele aze alandele isiluleko esabhalwa nguPawulos mayela nendlela ezifanele ziqhubeke ngayo izinto ebandleni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share