Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ukuhlonela Ubungcwele Bobomi
IBHAYIBHILE ibonisa ukuba igazi lixabisekile emehlweni kaThixo yaye uyakugweba ukusetyenziswa kakubi kwalo. (Levitikus 17:14; IZenzo 15:19, 20, 28, 29) Ngenxa yolu lwalathiso lweBhayibhile, amaNgqina kaYehova akalwamkeli utofelo-gazi.
Ukuze kuncedwe oogqirha nabasebenzi basesibhedlele baqonde ukuma konqulo kwamaNgqina kaYehova kulo mbandela baze baqonde nokuba amaNgqina aya kulamkela olunye unyango, iWatch Tower Society ilungiselele iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele (Hospital Liaison Committees [HLC]) kumazwe awahlukahlukeneyo. Amalungu ezi komiti atyelela izibhedlele ngenjongo yokuthetha nabo basebenza kwezonyango. Kutshanje, kwizixeko ezili-12 ePoland, kuqhutywe iintlanganiso ezingaphezu kwama-200, ezibandakanya oogqirha abangaphezu kwama-500, ubukhulu becala ingabalawuli beekliniki okanye bamagumbi abaguli asesibhedlele (wards). Oku kulandelayo kwenzeka kolo tyelelo:
“Intlanganiso eyayikwiKliniki Yotyando Lwentliziyo eZabrze yaba yeyona inempumelelo. Ukususela ngowe-1986 abasebenzi balapho bebesenza utyando kubazalwana bethu ngaphandle kokusebenzisa igazi. Ukuza kuthi ga ngoku, sekwenziwe utyando kwabangama-40. Le kliniki ikulungele ukwamkela abaguli abasuka kulo lonke elasePoland nabavela kwamanye amazwe. Emva kwengxubusho yemizuzu engama-50, isekela lomphathi wamagumbi abaguli lazisa amalungu eHLC kwiqela labaguli laza lathi: ‘Aba bantu ngamaNgqina kaYehova. Bayasebenzisana nekliniki yethu, yaye bayasinceda. Asingobantu abakhonza nabo kuphela abangenelwayo kuncedo lwabo kodwa kwanabanye abaguli bayangenelwa kulo. Ngoncedo lwamaNgqina kaYehova, siye seyiseka ukuba kwanotyando oluntsonkothileyo lwentliziyo lunokwenziwa ngaphandle kwegazi.
“‘Ngokomzekelo, siye senza utyando kweli nenekazi [lisalatha komnye wabaguli balo] ngaphandle kwegazi, yaye ngoMvulo liza kugoduka. Ndifuna ukuchaza ukuba asisalisebenzisi rhoqo igazi njengangaphambili kuba liyingozi. Linxulunyaniswa neHIV, nehepatitis, ibe libangela ukuba umntu angachachi ngokukhawuleza.
“‘NdingumKatolika, kodwa ekhayeni lethu besisoloko sizihlonela izimvo zabanye. Ngenye imini ndandidlula ngakwiBala Lemidlalo iSlaski nabantwana bam. Ngaphambili, eli bala lemidlalo lalingasakhathalelwe, kodwa ndaphawula ukuba litshintshe kakhulu. Ndabuza omnye wabasebenzi balapho indlela elatshintsha ngayo. Wathi abaphathi babesele bebuphelelwa lithemba lokuba bangalilungisa, kodwa laqeshwa ngamaNgqina kaYehova, aza alilungisa ngokutsha.
“‘Ngoko aba ngabantu sonke esinokufunda lukhulu kubo. Ndicinga ukuba nakweli gumbi labaguli sifanele sizihlonele izimvo zabanye.’ Ngoko, lisalatha kwelinye iNgqina elaliza kwenziwa utyando kwiintsuku ezimbalwa, lathi: ‘Eli nenekazi lingomnye wamaNgqina kaYehova, yaye liza kutyandwa ngaphandle kwegazi.’”
Ngoxa amaNgqina kaYehova engazami ukunyanzelisa iinkolelo zawo kwabanye, alandela umzekelo wabapostile yaye ‘eva uThixo kunokuba eve abantu.’ (IZenzo 5:29) Oku kuquka ukuhlonela igazi. Ayakuxabisa ukubona ukuba abanye bayazihlonela iimbono zawo zonqulo kulo mbandela.