Iicawa Ziyavuma
“UPopu Umangalele iCawa.” “INkundla Yokuncina Amakholwa Nokuthiywa KwamaYuda—ICawa Ilungiselela I-‘Mea Culpa.’”a “I-‘Mea Culpa’ Ngenxa Yokubulawa Kwabantu Ngenkohlakalo.” “AmaWesile Acela Uxolo KumaINdiya Akwintshona Ekude.”
NGABA ukhe wayifunda imixholo yamaphephandaba efana nale? Kubonakala ukuba ngenxa yokwanda kokuphindaphindwa koku, iicawa ziyalivuma ityala yaye zicela uxolo ngoko zikwenzileyo ebudeni beenkulungwane. Amajelo eendaba asoloko ebalaselisa iimea culpa ezintsha zikapopu.
Xa UPopu Ecela Ukuxolelwa
Kwincwadi yakhe ethi Quando il papa chiede perdono (Xa Upopu Ecela Ukuxolelwa) umphengululi waseVatican uLuigi Accattoli uthi phakathi kowe-1980 nowe-1996, uJohn Paul II ‘wazivuma iimpazamo zeeCawa okanye wacela ukuxolelwa’ izihlandlo ezingama-94. Ngokutsho kuka-Accattoli, “kwiCawa yamaKatolika, ngupopu kuphela onokwenza i-mea culpa ekuhleni.” Ibe oku ukwenzile, ebhekisela kweyona mbali iyimpikiswano yamaKatolika—iiMfazwe Zomnqamlezo, iimfazwe, ukuxhaswa kolawulo lobuzwilakhe, iyantlukwano ezicaweni, ukuthiywa kwamaYuda, iNkundla yamaRoma Katolika Yokuncina Amakholwa, iMafiya nobuhlanga. Kwingxelo eyathunyelwa ngowe-1994 kwiikhadinali (egqalwa njengolona xwebhu lubalulekileyo ngexesha likapopu), uJohn Paul II waqulunqa “inkqubo kawonke wonke yokuvuma izono ezenziwe kule nkulungwane.”
Oobhishophu abaliqela baye balandela umzekelo kapopu. NgoDisemba 1994 iphephandaba laseItali i-Il Giornale lanikela le ngxelo: “Oobhishopu abaninzi baseMerika babonakala kumabonwakude naphambi kwabantu becela ukuxolelwa.” Benze ntoni? Ngenxa yokuyijongela phantsi ingxaki yokuxhaphaza abantwana ngokwesini kwabefundisi, de kuxhwaleke uninzi lwabaselula. NgoJanuwari 1995 iphephandaba iLa Repubblica lanikela ingxelo “ngemeko engenakuthelekiswa nanto embalini yamaKatolika”—kwathethwa ngombandela wokuthi cwaka kukaPopu Pius XII ngokuphathelele Ukubulawa Kwabantu Ngenkohlakalo. NgoJanuwari 1995, eli phephandaba lifanayo lanikela ingxelo yokuba iqela loobhishophu baseJamani lacela ukuxolelwa ngenxa “yamatyala amaninzi” amaRoma Katolika ayexhasa ulwaphulo-mthetho lwamaNazi. Iicawa zamaProtestanti ezahlukahlukeneyo nazo ziye zasoloko zizigxeka.
Kutheni Zifuna Ukuxolelwa?
IBhayibhile isikhuthaza ukuba sicele ukuxolelwa xa sonile, yaye uninzi lwabantu luziqhwabela izandla iicawa xa zizigxeka. (Yakobi 5:16) Kodwa kutheni iicawa zisenza oku? Imele iyichaphazele njani indlela esizijonga ngayo?
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama lesiLatini elithi “yimpazamo yam,” liyinxalenye yomthandazo wamaKatolika (iConfiteor okanye, “Ndiyavuma”), apho amalungu athembekileyo aphindaphinda eli ibinzana.