IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w98 6/1 iphe. 24-27
  • Isihlandlo Solonwabo—Ukuphumelela Kweklasi Ye-104 YaseGiliyadi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isihlandlo Solonwabo—Ukuphumelela Kweklasi Ye-104 YaseGiliyadi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isiluleko Esiluncedo Ukuze Bahlale Bonwabile
  • Ukuba Ngumntu Wabantu Kuphumela Kulonwabo
  • Izinto Ezikhokelela Kulonwabo Kwintsimi Yasemzini
  • Umoya Wokuzinikela Uqhuba Abantu Baze EGiliyadi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ukususela Kubafundi Abanempumelelo Ukusa Kubavangeli Basemazweni Abanempumelelo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Abafundi Abaphumeleleyo BeLizwi LikaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • IGiliyadi Ithumela Abavangeli Basemazweni “Kwezona Nxalenye Zikude Zomhlaba”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
w98 6/1 iphe. 24-27

Isihlandlo Solonwabo—Ukuphumelela Kweklasi Ye-104 YaseGiliyadi

“LE YIMINI yolonwabo, kwaye sonke siyagcoba.” Ngaloo mazwi uCarey Barber, ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, wayesenza imbulambethe yocwangciso lokuphumelela kwabeklasi ye-104 kwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi ngoMatshi 14, 1998. Abebekho abangama-4945 baye bamenywa ukuba bathelele ngokuvuma ingoma yoBukumkani yama-208, enomxholo othi “Ingoma Yokuchwayita.”

Isiluleko Esiluncedo Ukuze Bahlale Bonwabile

Intshayelelo yolu cwangciso, ungcelele lweentetho ezintlanu ezisekelwe eBhayibhileni, iye yadlulisela isiluleko esiluncedo ngokuphathelele indlela yokulondoloza uvuyo olwalesamele ngaloo mhla wombhiyozo.

Intetho yokuqala inikelwe nguJoseph Eames weSebe Lokubhala. Uye waxubusha umxholo othi “Xelisa Umoya Wabanyanisekileyo,” obusekelwe kwingxelo yeBhayibhile yeyesi-2 kaSamuweli isahluko 15 nese-17, apho uAbhisalom, unyana kaDavide, wayesenza iyelenqe lokubhukuqa ubukumkani bukayise awayebunikwe nguThixo ngokuqhwaya imvukelo. Noko ke, bakho abahlala benyanisekile kumthanjiswa kaYehova, uKumkani uDavide. Sisiphi isifundo ababenokusifunda aba bavangeli batsha kule ngxelo? UMzalwan’ uEames waqukumbela ngokuthi: “Enoba uya phi na kwisabelo sakho sobuvangeli basemazweni, wukhuthaze ngokunyaniseka umoya wentsebenziswano nokuhlonelwa kwegunya elingokobuthixo. Nceda nabanye benjenjalo.”

Emva koko kulandele uDavid Sinclair, ofike wadwelisa izinto ezilishumi ezifunekayo, nezikhankanywe kwiNdumiso 15, ukuze ubani abe lundwendwe ‘ententeni kaYehova.’ Intetho yakhe, ebinomxholo othi “Qhubeka Ulundwendwe Kwintente Yobuvangeli Basemazweni,” iye yakhuthaza abafundi abaphumeleleyo ukuba basebenzise le ndumiso kwizabelo zabo zobuvangeli basemazweni, abaza kuba ziindwendwe kuzo. UMzalwan’ uSinclair ubalaselise ukubaluleka kokuphila ngemilinganiselo kaThixo ngawo onke amaxesha. Ube yintoni ke umphumo? INdumiso 15:5 ithi: “Okwenzayo oko akayi kuza ashukunyiswe naphakade.”

Emva koko kulandele uJohn Barr, olilungu leQumrhu Elilawulayo, waza watsalel’ ingqalelo kwindlela ekomeleza ngayo ukuvuma iingoma ezintlanganisweni zamaKristu. Kodwa yiyiphi eyona ngoma iluncuthu evunywa emhlabeni wonke namhlanje? Ziindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obungoMesiya. Uyintoni umphumo wako konke oku kuvuma, okanye ukushumayela ngoBukumkani? Umgca wesibini wengoma yama-208 uwuchaza kamnandi: “Ngok’shumayela nokubuyela izimvu zonke ziza k’Thixo. Nazo zivuma zinokuvuya, kwindalo yonke ngawo lo mhla!” Ewe, suku ngalunye bamalunga ne-1000 abafundi abatsha ababhaptizwayo. UMzalwan’ uBarr waqukumbela ngokuthi: “Bazalwana, ngaba akunichulumancisi ukucinga ukuba nithunyelwa kwimihlaba enabantu abalindele ukuphulaphula ingoma yenu yendumiso?”

UJames Mantz weSebe Lokubhala walandela nentetho enomxholo othi: “Phulaphula Amazwi Amagqala.” Walitsolisa elokuba ezinye izinto zifuna ube phaya emsini ukuze uzazi. (Hebhere 5:8) Noko ke, IMizekeliso 22:17 isikhuthaza ukuba ‘sithobe indlebe yethu size sive amazwi ezilumko,’ okanye ke oomakad’ enetha. Aba bafundi baphumelelayo banokufunda lukhulu kwabo sele beyihambile le ndlela. UMzalwan’ uMantz wathi: “La magqala ayayazi indlela yokufumana izisulu koonovenkile basekuhlaleni. Ayazazi iindawo angenakuwubek’ umcondo wawo kuzo kuba ephepha ukwenzakala emzimbeni okanye ngokuziphatha. Ayayazi imibandela entununtunu kubantu basekuhlaleni. Aba diza-dala kade bemkhwahlaza babavangeli basemazweni bayazazi izinto eziyimfuneko ukuze wonwabe yaye uphumelele esabelweni sakho.”

Ethetha ngomxholo othi “Sixabise Isabelo Sakho Esingokobuthixo,” uWallace Liverance, umamkeli wabafundi kwiSikolo saseGiliyadi, wachaza ukuba ngoxa abanye abavangeli basemazweni, abanjengompostile uPawulos, uTimoti noBharnabhas, bafumana izabelo zabo kuThixo ngomoya oyingcwele okanye ngommangaliso othile, abavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi babelwa kwintsimi yehlabathi lonke “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mateyu 24:45-47) Wafanisa izabelo zaba bavangeli basemazweni neendawo uGidiyon awabela kuzo amadoda akhe awayeza kulwa namaMidiyan. (ABagwebi 7:16-21) UMzalwan’ uLiverance wababongoza esithi: “Zixabiseni izabelo zenu ezingokobuthixo zobuvangeli basemazweni. Kanye njengokuba amajoni kaGidiyon ‘ema onke ezindaweni zawo,’ gqalani izabelo zenu njengeendawo zenu. Yibani nokholo lokuba uYehova unokunisebenzisa kanye njengokuba wasebenzisa amadoda angamakhulu amathathu kaGidiyon.”

Ukuba Ngumntu Wabantu Kuphumela Kulonwabo

IMboniselo yakha yathi: “Kunokwakhela izilangazelelo nobomi bethu ezintweni ezivelisiweyo nakwizixhobo zolu lungelelwaniso lukhoyo, izinto ekungaqinisekwanga ngokuhlala kwazo, [hayi] indlela ekukuhle nekulumke ngakumbi ngayo ukwenza abantu umdla wethu wokwenyani nokufunda ukufumana uvuyo lokwenyani ekwenzeleni abanye izinto.” Ngokuvisisana noku, uMzalwan’ uMark Noumair, omnye wabahlohli beSikolo saseGiliyadi, waxubusha neqela labafundi ngamava abo enkonzo yasentsimini waza wagqabaza esithi: “Ukuba nomdla wobuqu kwabanye kuya kunenza abavangeli basemazweni abalungileyo.”

Izinto Ezikhokelela Kulonwabo Kwintsimi Yasemzini

Ziziphi ezinye zezinto ezikhokelela kwimpumelelo nakulonwabo kumsebenzi wobuvangeli basemazweni? UMzalwan’ uCharles Woody weSebe Lenkonzo noHarold Jackson, obesakuba ngumvangeli wasemazweni kumazwe akuMbindi noMzantsi Merika nokwalisekela kwiKomiti Yokufundisa, baye badlan’ indlebe namalungu ahlukeneyo eeKomiti zamaSebe abeye kwiklasi yesithoba yesikolo sabasebenzi beeofisi zamasebe. Makhe senze amabal’ engwe ngamacebiso anikelwe ngala malungu:

UAlbert Musonda waseZambia uthe: “Xa umvangeli wasemazweni esiba ngowokuqala ukuya kubazalwana aze ababulise, loo nto idala umoya omhle kuba abazalwana baya kusondela kuloo mvangeli wasemazweni, aze naloo mvangeli wasemazweni asondele kubo.”

URolando Morales waseGuatemala ucebise ukuba xa abavangeli basemazweni abatsha besenzelwa izinwe ngokuphiwa isiselo, ngobubele nangobuchule banokuphendula bathi: “Ubona nje ndiyafika kweli lizwe. Ngeba ndiyasamkela wena, into nje umzimba wam uthande ukuba cekecekana kunemizimba yenu. Iimin’ aziphelanga, ndokuvuyela ukusisela ngeny’ imini.” Iyintoni ingenelo yokuphendula ngobubele ngolu hlobo? “Abantu abayi kukhubeka, ibe nabo bavangeli baya kube babonakalise ububele kwabanye.”

Yintoni enokunceda abavangeli basemazweni banyamezele ezabelweni zabo? UMzalwan’ uPaul Crudass, owaphumelele kwiklasi yaseGiliyadi yama-79, nobekhonza eLiberia kwiminyaka eli-12 edluleyo, uye wenza la magqabaza: “Ndiyazi ukuba abazali baye babakhumbule gqitha abantwana babo. Kodwa kubakho amaxesha apho umvangeli wasemazweni azama ukuziqhelanisa nelizwe, imo yalo, izithethe zalo kunye nabantu balo. Usenokude abawele ukusishiya neso sabelo. Xa enokufumana ileta evela ekhaya ethi, ‘Indlela esikukhumbula ngayo; asiqinisekanga ukuba siya kukwazi ukuphila ngaphandle kwakho,’ hayi ke baya kube bamwezile, usenokuqoqosha yonk’ into yakhe aze ajongis’ umbombo ekhaya. Kubalulekile ukuba niyikhumbule loo nto nina zalamane enilapha namhlanje.”

Emva kodliwano-ndlebe, intetho yokuqukumbela ucwangciso iye yanikelwa nguTheodore Jaracz, ilungu leQumrhu Elilawulayo. Umxholo wakhe wawusithi: “Gcina UBukumkani Bukwindawo Yokuqala Ebomini Bakho.” Abavangeli basemazweni banokwenza njani ukuze bahlale benikele ingqalelo yaye bangaphazamiseki emsebenzini wabo? Wabakhuthaza ukuba bazenzele ucwangciso lofundisiso lweBhayibhile lobuqu, oluya kubanceda bagcine izilangazelelo zoBukumkani zikwindawo yokuqala ebomini. Yaye kwadluliselwa esi sikhumbuzo sisexesheni: “Abanye abavangeli basemazweni baye balutyeshela ufundisiso lobuqu kuba bexakeke zizinto ze-elektroniki, iE-mail nekhompyutha. Sifanele sibe nengqiqo epheleleyo ukuze silungelelane ekusebenziseni nasiphi na isixhobo size singachithi ixesha elininzi ngokugqithiseleyo kwinto enokusenza siluyeke ufundisiso lwethu lobuqu lweLizwi likaThixo.”

Emva kwentetho kaMzalwan’ uJaracz kwadluliselwa iziqinisekiso kwaza kwafundwa neleta evakalisa uxabiso evela kumalungu aloo klasi. Ummeli wale klasi uthethe egameni labo bonke abafundi esithi: “Siye sabona ubungqina obubambekayo bothando uYesu awathi luya kufanisa abafundi bakhe, ibe oku kuye kwasiqinisekisa ukuba naphi na apho sikhoyo, sixhaswa yintlangano efudumeleyo, nenothando olufana nolukamama. Ekubeni sinaloo nkxaso, sikulungele ukuya kutsho naseziphelweni zomhlaba.” Lowo ibingumqukumbelo ohlab’ umxhelo wosuku lolonwabo lokuthi halala kwabaphumelele kwiklasi ye-104 yaseGiliyadi.

[Ibhokisi ekwiphepha 24]

Inkcazelo Engabafundi

Inani lamazwe abavela kuwo: 9

Inani lamazwe ababelwe kuwo: 16

Inani labafundi: 48

Inani lezibini ezitshatileyo: 24

Umlinganiselo wobudala: 33

Umlinganiselo weminyaka besenyanisweni: 16

Umlinganiselo weminyaka bekubulungiseleli bexesha elizeleyo: 12

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Abaphumeleleyo kwiKlasi Ye-104 YeSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi

Kuludwe olungezantsi, kuqalwa ukusuka kuluhlu olungaphambili ukuya kolungasemva, yaye amagama adweliswe ukusuka ngasekhohlo ukuya ngasekunene kuluhlu ngalunye

(1) Romero, M.; Howarth, J.; Blackburne-Kane, D.; Hohengasser, E.; West, S.; Thom, S. (2) Colon, W.; Glancy, J.; Kono, Y.; Drews, P.; Tam, S.; Kono, T. (3) Tam, D.; Zechmeister, S.; Gerdel, S.; Elwell, J.; Dunec, P.; Tibaudo, H. (4) Taylor, E.; Hildred, L.; Sanches, M.; Anderson, C.; Bucknor, T.; Hohengasser, E. (5) Howarth, D.; Ward, C.; Hinch, P.; McDonald, Y.; Sanches, T.; Thom, O. (6) Drews, T.; Tibaudo, E.; Elwell, D.; Dunec, W.; Blackburne-Kane, D.; Ward, W. (7) Anderson, M.; Zechmeister, R.; McDonald, R.; Bucknor, R.; Glancy, S.; Gerdel, G. (8) Romero, D.; Hinch, R.; Hildred, S.; Taylor, J.; Colon, A.; West, W.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Abazalwana ababenegalelo ekuhlohleni iklasi ye-104: (ukusuka ekhohlo) uW. Liverance, u-U. Glass, uK. Adams, noM. Noumair

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share