IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 12/15 iphe. 25-27
  • Umoya Wokuzinikela Uqhuba Abantu Baze EGiliyadi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umoya Wokuzinikela Uqhuba Abantu Baze EGiliyadi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Icebiso Elisexesheni Kwabo Baphumeleleyo
  • Inkonzo Yobuvangeli Basemazweni—Umsebenzi Owanelisayo
  • ISikolo SaseGiliyadi—Iminyaka Engama-60 Yokuqeqeshwa Kwabavangeli Basemazweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Ukususela Kubafundi Abanempumelelo Ukusa Kubavangeli Basemazweni Abanempumelelo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Bashukunyiselwa Ukuba Bakhonze
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Vuyani KuYehova Nize Nigcobe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 12/15 iphe. 25-27

Umoya Wokuzinikela Uqhuba Abantu Baze EGiliyadi

ISIKOLO SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi sikho ukuze siqeqeshe amadoda nabafazi abazinikeleyo kwinkonzo yobuvangeli basemazweni. Ngoobani abaza eGiliyadi? Ngabo banomoya wokuzinikela. (INdumiso 110:3) Oku kwangqineka kuyinyaniso ngoSeptemba 8, 2001, xa kwakuvuyiswana nabaphumelele kwiklasi ye-111.

Bambi abafundi bale klasi babesele beshiye iintsapho, abahlobo kunye namazwe abo okuzalwa ngokuzithandela ukuze bakhonze apho kukho imfuneko enkulu khona. Ngokwenjenjalo, bazivavanya ukuze babone enoba banako kusini na ukwenza uhlengahlengiso baze bahlale kwindawo enemozulu eyahlukileyo. Ngokomzekelo, uRicher noNathalie balungelelanisa iimeko zabo ukuze bafudukele eBolivia, uTodd noMichelle bona bafudukela eDominican Republic, ukanti uDavid noMonique baya kwilizwe eliseAsia ukuze basasaze iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Abanye abafundi babesele bekhonze eNicaragua, e-Ecuador naseAlbania.

UChristy wakhuthazwa ukuba afunde iSpanish esikolweni samabanga aphakamileyo, yaye oku kwamnceda wakwazi ukuhlala iminyaka emibini e-Ecuador ngaphambi kokuba atshate. Abanye baya kumabandla asebenzisa ulwimi lwasemzini akumazwe abo. Bejamelene nocelomngeni olwahlukileyo, uSaul noPriscilla babonakalisa umoya wokuzincama nokuzibhokoxa ukuze baphucule isiNgesi sabo ngaphambi kokuba baze esikolweni.

Iiveki ezingama-20 zokuqeqeshelwa ubuvangeli basemazweni zadlula ngokukhawuleza. Lwafika usuku lokuvuyisana nabaphumeleleyo, yaye abafundi baba kunye nabahlobo neentsapho zabo kwakhona, bephulaphule amacebiso obulumko namazwi okhuthazo.

Usihlalo wocwangciso yayinguTheodore Jaracz, owaphumelela kwiklasi yesixhenxe yeSikolo saseGiliyadi, ngoku okhonza njengelungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Amagqabaza akhe okuvula abalaselisa ingongoma yokuba njengentlangano, besisoloko siyazi injongo yokuqeqesha abafundi eGiliyadi, ngokukhethekileyo ukuze bashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani kuwo wonke umhlaba omiweyo. (Marko 13:10) IGiliyadi ixhobisa abafundi abafanelekayo ukuba baqhubeke nomsebenzi wokushumayela ngomkhamo omkhulu gqitha kunokuba kwakunjalo ngaphambili kwiindawo zomhlaba apho abavangeli basemazweni abaqeqeshiweyo bafuneka ngamandla. UMzalwan’ uJaracz wayalela abafundi ukuba balusebenzise kakuhle uqeqesho abalufumene eGiliyadi njengoko bethelela abavangeli basemazweni abakhonza kumazwe ali-19 apho abaphumeleleyo babelwe ukuya kukhonza kuwo.

Icebiso Elisexesheni Kwabo Baphumeleleyo

Kwalandela ungcelele lweentetho. UWilliam Van De Wall, ilungu leKomiti Yesebe YaseUnited States, wathetha ngomxholo othi, “Inzondelelo Yobuvangeli Basemazweni—Uphawu LwamaKristu Okwenyaniso.” Etsalel’ ingqalelo kumsebenzi ‘wokwenza abafundi’ okuMateyu 28:19, 20, wabongoza abafundi ngelithi: “Xelisani uYesu, owaphumeza isabelo sakhe sobuvangeli basemazweni ngenzondelelo nangehlombe.” Ukuze ancede abavangeli basemazweni bexesha elizayo baqhubeke benenzondelelo kumsebenzi wabo wobuvangeli basemazweni, wabakhuthaza ngelithi: “Yiba nocwangciso olusebenzisekayo; hlakulela imikhwa emihle yofundisiso lobuqu, uhambisane nezinto zobuthixo; yaye ngalo lonke ixesha khumbula izizathu zokuba ube kwisabelo sakho.”

Kolo cwangciso kwalandela uGuy Pierce, ilungu leQumrhu Elilawulayo. Wathetha ngomxholo othi, “Qhubeka Uhlakulela ‘Amandla Engqiqo.’” (Roma 12:1) Wanikela icebiso elisengqiqweni kubafundi abaphumeleleyo bale klasi, ebakhuthaza ukuba basebenzise ubuchule babo bokuqonda nokucamngca obuvela kuThixo. Wathi: “Qhubekani nicamngca nzulu ngoko uYehova anixelela kona ngeLizwi lakhe. Oku kuya kunikhusela.” (IMizekeliso 2:11) Kwakhona uMzalwan’ uPierce wayalela abafundi bale klasi ukuba bangagxininisi ngokugqithisileyo kwiimbono zabo ukuze bangaphazamisi ‘amandla abo engqiqo.’ Ngokuqinisekileyo, la macebiso asexesheni aza kunceda abaphumeleleyo njengoko bekhonza njengabavangeli basemazweni.

Usihlalo wandula wabizel’ eqongeni omnye umqeqeshi waseGiliyadi, uLawrence Bowen, owathetha ngomxholo othi, “Yenza Isigqibo Sokungazi Nanye Into.” Wabonisa ukuba ngokuphathelele umsebenzi wakhe wobuvangeli basemazweni eKorinte, umpostile uPawulos ‘wagqiba kwelokuba angazi nto ngaphandle koYesu Kristu, naye ebethelelwe.’ (1 Korinte 2:2) UPawulos wayesazi ukuba awona mandla makhulu emhlabeni, umoya oyingcwele, axhasa umyalezo weBhayibhile iphela: Ukuthethelelwa kolongamo lukaYehova ngeMbewu yakhe ethenjisiweyo. (Genesis 3:15) Abafundi abaphumeleleyo abangama-48 babongozwa ukuba babe njengoPawulos noTimoti nokuba baphumelele njengabavangeli basemazweni, babambelele “emazwini aphilileyo.”—2 Timoti 1:13.

Umxholo wokugqibela kungcelele lweentetho zokuvula wawusithi, “Lixabise Ilungelo Onalo, Isipho Esivela KuThixo.” UWallace Liverance, umamkeli wabafundi kwiSikolo saseGiliyadi, wanceda abaphumeleleyo baqonda ukuba amalungelo enkonzo yimbonakaliso yobubele bukaThixo obungasifanelanga, hayi into ekunyanzelekileyo ukuba bayifumane okanye abayisebenzeleyo. Esebenzisa umzekelo kampostile uPawulos, uMzalwan’ uLiverance wathi: “Ukukhetha kukaYehova uPawulos ukuba abe ngumpostile wakhe emazweni kwakungasekelwanga kwizenzo, ngokungathi uPawulos wayesisebenzele eso sabelo okanye kwakunyanzelekile ukuba asinikwe. Kwakungaxhomekekanga kwiminyaka emininzi yenkonzo yexesha elizeleyo okanye kumava. Ngokwembono yabantu, kwakunokubonakala ngathi uBharnabhas wayengoyena ufanelekayo. Kwakungasekelwanga kubuchule bobuqu; kubonakala ngathi uApolo wayeliciko ngaphezu kukaPawulos. Yayiyimbonakaliso yobubele bukaThixo obungasifanelanga.” (Efese 3:7, 8) UMzalwan’ uLiverance wakhuthaza abaphumeleleyo ukuba basebenzise isipho sabo, okanye amalungelo enkonzo, ukuze bancede abanye babe ngabahlobo bakaThixo yaye bafumane ‘isipho uThixo asinikayo ubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.’—Roma 6:23.

Emva koko, uMark Noumair, omnye umqeqeshi waseGiliyadi, waba nengxubusho ebangel’ umdla neqela labafundi ngomxholo othi, “Ukulungiselela Kuba Nemiphumo Emihle.” (IMizekeliso 21:5) Amava abonisa ukuba xa umlungiseleli ebulungiselela kakuhle ubulungiseleli, ingakumbi ukulungisa intliziyo yakhe, uya kuba nomdla ongazenzisiyo ngabantu. Akasokuze aphelelwe ngamazwi emqaleni. Kunoko, uya kuthetha aze enze izinto eziya kubanceda ngokomoya. UMzalwan’ uNoumair wathi: “Lo ngundoqo wokuba ngumvangeli wasemazweni ophumelelayo,” esitsho ngokuphuma kumava akhe njengomvangeli wasemazweni eAfrika.

Inkonzo Yobuvangeli Basemazweni—Umsebenzi Owanelisayo

URalph Walls noCharles Woody badlan’ indlebe nabavangeli basemazweni abanamava, ababekwiZiko Lemfundo lasePatterson ukuya kufumana uqeqesho olukhethekileyo. Udliwano-ndlebe lwagxininisa ukuba kukuthanda abantu okubangel’ uvuyo kwinkonzo yobuvangeli basemazweni. Kwakukhuthaza kubafundi nakumalungu eentsapho zabo nabahlobo ababekho ukuphulaphula aba bavangeli basemazweni banamava bechaza ngokuthe ngqo isizathu sokuba inkonzo yobuvangeli basemazweni ibe ngumsebenzi owanelisayo.

UJohn E. Barr, okhonza kwiQumrhu Elilawulayo, wanikela intetho engumxholo yaloo mini eyayisithi, “Mvumeleni Ingoma Entsha UYehova.” (Isaya 42:10) UMzalwan’ uBarr wabalaselisa ingongoma yokuba ibinzana elithi “ingoma entsha” livela izihlandlo ezisithoba eBhayibhileni. Wabuza umbuzo othi, “Ithetha ngantoni le ngoma intsha?” Waza waphendula wathi: “Umongo ubonisa ukuba ingoma entsha ivunywa ngenxa yokuba kukho izinto ezintsha ezenzekayo ngokuphathelele ukuthethelelwa kolongamo lukaYehova.” Wabongoza abafundi ukuba baqhubeke bethelela ngamazwi abo ekuvumeni iindumiso zoloyiso loBukumkani bukaThixo phantsi kweNkosi enguMesiya, uKristu uYesu. UMzalwan’ uBarr wakhankanya into yokuba uqeqesho abalufumeneyo eGiliyadi luye lwabanceda baziqonda ngakumbi kunanini na ngaphambili iinkalo ezahlukahlukeneyo zale ‘ngoma intsha.’ “Isikolo siye sagxininisa imfuneko yokuba ‘nivume’ iindumiso zikaYehova ngokumanyeneyo nabazalwana noodade benu naphi na apho nikhoyo; ngalo lonke ixesha hlakulelani umanyano nabanye kwizabelo zenu.”

Emva kokuba abafundi benikwe iziqinisekiso zabo, isithethi seklasi safunda ileta yokubonakalisa uxabiso ngoqeqesho abaye balufumana eGiliyadi.

Ngaba ungathanda ukwandisa inkonzo yakho kuThixo uze uyenze ibe nempumelelo? Ukuba kunjalo, zibhokoxe njengaba bafundi baphumeleleyo. Oko koko kuye kwabanceda bafanelekela ukuba kwintsimi yobuvangeli basemazweni. Kubakho uvuyo oluninzi xa ubani ezinikela ngokuchwayita nangokuzithandela kwinkonzo kaThixo.—Isaya 6:8.

[Ibhokisi ekwiphepha 25]

INKCAZELO ENGABAFUNDI

Inani lamazwe abavela kuwo: 10

Anani lamazwe ababelwe kuwo: 19

Inani labafundi: 48

Umlinganiselo wobudala: 33,2

Umlinganiselo weminyaka besenyanisweni: 16,8

Umlinganiselo weminyaka bekubulungiseleli bexesha elizeleyo: 12,6

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Abaphumelele Kwiklasi Ye-111 Yesikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi

Kuludwe olungezantsi, kuqalwa kuluhlu olungaphambili ukusa kolungasemva, yaye amagama adweliswe ukusuka ngasekhohlo ukusa ngasekunene kuluhlu ngalunye.

(1) Yeomans, C.; Toukkari, A.; Nuñez, S.; Phillips, J.; Dawkin, M.; Silvestri, P. (2) Morin, N.; Biney, J.; López, M.; Van Hout, M.; Cantú, A.; Szilvassy, F. (3) Williams, M.; Itoh, M.; Van Coillie, S.; Levering, D.; Fuzel, F.; Geissler, S. (4) Yeomans, J.; Moss, M.; Hodgins, M.; Dudding, S.; Briseño, J.; Phillips, M. (5) López, J.; Itoh, T.; Sommerud, S.; Kozza, C.; Fuzel, G.; Moss, D. (6) Williams, D.; Dudding, R.; Geissler, M.; Morin, R.; Biney, S.; Cantú, L. (7) Dawkin, M.; Hodgins, T.; Levering, M.; Silvestri, S.; Van Hout, D.; Briseño, A. (8) Van Coillie, M.; Nuñez, A.; Kozza, B.; Sommerud, J.; Toukkari, S.; Szilvassy, P.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share