IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 6/15 iphe. 27-28
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngubani Ofanele Agqibe Ngobukhulu Bentsapho?
    Vukani!—1996
  • Ucwangciso-ntsapho—Imbono YamaKristu
    Vukani!—1993
  • Iindlela Zokuvelisa Inzala Ezibangele Abafazi Bazala Baphul’ uluthi
    Vukani!—2004
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 6/15 iphe. 27-28

Imibuzo Evela Kubafundi

Ekubeni ngoku umntu owenze utyando lokuvala inzala kusithiwa unokuphinda avulwe xa efuna, ngaba umKristu unokulugqala olu tyando njengenye indlela yoqingqo-nzala?

Utyando lokuvala inzala luye lwayeyona nkqubo esetyenziswa gqitha yokucwangcisa intsapho. Kubantu abaninzi, ukwamkeleka kwalo kubonakala kuxhomekeke kwindawo umntu akuyo nakwimfundo anayo, kuquka neembono zonqulo. KumaNgqina kaYehova, inkolelo yonqulo ibalulekile, ekubeni evakalelwa ngendlela umdumisi avakalelwa ngayo xa esithi: “Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, ndikhaphe emendweni othe tye.” (INdumiso 27:​11) Kwenzeka ntoni kanye kanye xa kuvalwa inzala?

Emadodeni, utyando lokuvala inzala olusetyenziswa njengoqingqo-nzala kuthiwa yivasectomy. Kunqunyulwa imibhojana emibini ehambisa imbewu yendoda ekwisingxobo samasende ize ivalwe. Oku kunokwenziwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo zezonyango, kodwa injongo eyintloko kukuthintela imbewu yendoda ingadluli ukusuka emasendeni. Kumabhinqa inkqubo yokuvala inzala kuthiwa yitubal ligation. Ngokuqhelekileyo oku kwenziwa ngokunqunyulwa nokuqhinwa (okanye, ukutshiswa) kwemibhobho yesibeleko, ethwala amaqanda asuka kwisiyilelo-maqanda aya esibelekweni.

Ngaphambili kwakucingwa ukuba olu tyando alunakuguqulwa​—⁠okuthetha ukuthi ubani uba lidlolo ngokusisigxina. Kodwa bambi abantu, ngenxa yokuzisola ngokwenza olu tyando okanye ngenxa yokuguquka kweemeko, baye bafuna uncedo lwezamayeza ukuze baphelise ubudlolo. Ngenxa yokuveliswa kwezixhobo ezikhethekileyo neendlela zokutyanda amalungu amancinane omzimba, amalinge okuguqula le nkqubo aye aphumelela ngakumbi. Akunto ingaqhelekanga ukufunda ukuba kwiqela labantu elikhethiweyo kusenokubakho impumelelo kubantu abangama-50 ukusa kuma-70 ekhulwini yokuvula inzala kumadoda ngokuphinda kudityaniswe iincam ezimbini zemibhojana. Kuthiwa ngama-60 ukusa kuma-80 ekhulwini aphumelelayo ukuvula inzala kumabhinqa. Bambi abaye bafunda ngalo mba baye bavakalelwa kukuba akuseyomfuneko ukuba le nkqubo igqalwe njengento esisigxina. Basenokukholelwa kukuba inkqubo yokuvalwa kwenzala kumadoda nakumabhinqa isenokugqalwa njengezinto eziselwayo zokuthintela inzala, iicondom kunye neediaphragm​—⁠iindlela ezinokuyekwa xa ubani efuna ukukhulelwa. Sekunjalo, ubani akafanele azityeshele iinkalo ezithile ezibalulekileyo.

Eyokuqala kukuba amathuba okuvulwa kwakhona asenokwenziwa nzima ziingxaki ezinjengomonakalo obangelwe kwimibhojana ebudeni bokuvalwa inzala, ubude bombhobho onqunyuliweyo okanye owenzakeleyo, inani leminyaka edluleyo lwenziwe olo tyando, yaye kwimeko yamadoda kukuba kusenokuyileka imichiza ebulala imbewu yendoda. Yaye enye into engafanele ityeshelwe sisibakala sokuba izixhobo zokutyanda amalungu amancinane zisenokungabikho kwiindawo ezininzi, okanye olo tyando lusenokubiza imali eninzi gqitha. Ngenxa yoko, abo bakufuna ngamandla ukuvulwa inzala kwakhona basenokungakwazi ukwenjenjalo. Baya kuhlala bengamadlolo.a Ngoko ke amanani achazwe ngasentla okuvulwa kwenzala kwakhona ayinto nje ethethwa ngomlomo, hayi into ekunokuthenjelwa kuyo.

Ezinye izinto eziye zangqineka ziyinyaniso. Inqaku elapapashwa eUnited States ngotyando lokuvula inzala kumadoda lathi emva kotyando oluxabisa ii-$12 000 (R74 300), “kuphela ngabaguli abangama-63 ekhulwini abakwaziyo ukuwenza amaqabane awo akhulelwe.” Ngaphezu koko, kuphela “sisithandathu ekhulwini samadoda athi ekugqibeleni afune ukuvulwa kwakhona.” Kuhlolisiso olwenziwa eJamani ngombindi Yurophu, inokuba sisi-⁠3 ekhulwini kumadoda awakhetha ukwenziwa utyando lokuvala inzala aye kamva afuna ukuba ivulwe. Kwanokuba isiqingatha saloo malinge sinokuphumelela, kuya kuthetha ukuba kumadoda angama-98,5 ekhulwini, ukuvala inzala kuyinto esisigxina. Yaye lo mlinganiselo ubuya kuphakama kumazwe ekungekho kuwo abatyandi bamalungu amancinane.

Ngenxa yoku, akukho ngqiqweni ukuluthabatha lula utyando lokuvala inzala kumadoda okanye kumabhinqa, ngokungathi yinkqubo nje yokwexeshana yokuqingqa inzala. Yaye kumKristu onyanisekileyo, kukho ezinye iinkalo ezifanele ziqwalaselwe.

Ingongoma eyintloko ikukuba amandla okuvelisa inzala sisipho esivela kuMdali wethu. Injongo yakhe yantlandlolo yayiquka ukuba, abantu bavelise inzala engabantu abafezekileyo ababeya ‘kuzalisa umhlaba baweyise.’ (Genesis 1:​28) Emva kokuba uMkhukula uye wabanciphisa abemi bomhlaba baba sibhozo, uThixo wayiphinda loo miyalelo isisiseko. (Genesis 9:⁠1) UThixo akazange awuphinde loo myalelo kuhlanga lwakwaSirayeli, kodwa amaSirayeli ayekuthanda gqitha ukuba nenzala.​—⁠1 Samuweli 1:​1-11; INdumiso 128:⁠3.

UMthetho kaThixo kumaSirayeli wawubonisa ukubaluleka kokuvelisa inzala. Ngokomzekelo, ukuba indoda enomfazi yayisifa ngaphambi kokuzala unyana ukuze agcine umnombo, umntakwayo kwakufuneka ayivelisele unyana ngomtshato wongeno. (Duteronomi 25:⁠5) Ocace ngakumbi yayingumthetho waxa umfazi owayezama ukuncedisa indoda yakhe kumlo. Ukuba wayebamba enye indoda elwa nendoda yakhe ngamalungu enzala, kwakufuneka anqunyulwe isandla; ekuphawuleka ukuba, uThixo akazange afune iliso ngeliso kuye okanye amalungu enzala endoda yakhe. (Duteronomi 25:​11, 12) Ngokucacileyo lo mthetho wawubonisa ukuba amalungu enzala ayemele ahlonelwe; ayengafanele atshatyalaliswe ngokungeyomfuneko.b

Siyazi ukuba amaKristu akakho phantsi koMthetho kaSirayeli, ngoko ummiselo okwiDuteronomi 25:​11, 12 awusebenzi kuwo. Naye uYesu akazange ayalele okanye abonise ukuba abafundi bakhe bamele batshate baze babe nabantwana abaninzi kangangoko banako, nto leyo eye yaqwalaselwa zizibini ezininzi xa zisenza isigqibo enoba zifanele zisebenzise uhlobo oluthile lwendlela yokuqingqa inzala kusini na. (Mateyu 19:​10-12) Umpostile uPawulos wabakhuthaza ‘abahlolokazi abancinane abatshisekayo ukuba batshate baze bazale abantwana.’ (1 Timoti 5:​11-14) Akazange athethe ngotyando lokuvala inzala ngokusisigxina kwamaKristu​—⁠ ngokuzithandela ephelisa amathuba awo okuzala abantwana.

Oku kufanele kuwenze amaKristu acingisise nzulu ngesibakala sokuba uThixo wayebonakalisa ukuwaxabisa amandla awo okuvelisa inzala. Isibini ngasinye sifanele senze isigqibo enoba sifuna ukusebenzisa iinkqubo ezifanelekileyo zokucwangcisa intsapho nexesha ezifanele zizisebenzise ngalo. Kuyavunywa ukuba, isigqibo esinjalo siya kuxhomekeka enoba kukho isiqinisekiso sikagqirha sokuba umama okanye umntwana unokuba neengxaki ezinzulu zempilo, mhlawumbi ade afe, ukuba unokuphinda akhulelwe. Bambi kwimeko enjalo baye bavuma bengathandi ukuba benziwe utyando lokuvala inzala njengokuba kuchaziwe ngaphambilana ukuze kuqinisekwe ukuba umama akaphindi akhulelwe buze ubomi bakhe bube semngciphekweni (osenokuba selenabo abanye abantwana) okanye ubomi bomntwana osenokuzalwa kamva eneengxaki zempilo ezisongela ubomi.

Kodwa amaKristu angajamelananga nengxaki enjalo ukungaqheleki nangekho sesichengeni ngaloo ndlela ngokuqinisekileyo afanele asebenzise ‘ingqondo ephilileyo’ aze acinge yaye azenze izinto ngendlela ebonakalisa ukunikela ingqalelo kwindlela uThixo awagqala ngayo amandla okuvelisa inzala. (1 Timoti 3:⁠2; Tito 1:⁠8; 2:​2, 5-⁠8) Oku kuya kubonisa ukuba asabela ngendlela ebonakalisa ukuqola koko kwalathiswa ziZibhalo. Ukanti, kuthekani ukuba kuye kwaziwa nguwonke wonke ukuba umKristu othile uyityeshele ngabom imigaqo kaThixo? Ngaba abanye abayi kumgqala njengongumzekelo ombi, owaziwa ngokwenza izigqibo ezingavumelaniyo neBhayibhile? Ibala elinjalo eliphazamisayo kwindlela ubani aziwa ngayo, enyanisweni lisenokuchaphazela ukukufanelekela kwaloo mlungiseleli ukufumana amalungelo akhethekileyo enkonzo, nangona oku kunokungabi njalo ukuba ubani wavuma ukwenza olo tyando engazi.​—⁠1 Timoti 3:⁠7.

[Imibhalo esemazantsi]

a “Amalinge otyando okuphinda kudityaniswe [ivas deferens] aye aphumelela ngomlinganiselo wama-40 ekhulwini, yaye kukho ubungqina bokuba kunokubakho impumelelo engakumbi ukuba kunokuphuculwa iindlela zotyando zokusika inxeba elincinane. Sekunjalo, utyando lokuvala inzala emadodeni lufanele lugqalwe njengenkqubo engenakuguqulwa.” (Encyclopædia Britannica) “Utyando lokuvala inzala lufanele lugqalwe njengenkqubo engenakuguqulwa. Enoba yintoni na eviwe ngumguli ngokuvulwa kwayo kwakhona, utyando lokudibanisa amalungu anqunyuliweyo lubiza imali eninzi, yaye akunakuqinisekwa ukuba luza kuphumelela. Amabhinqa aye avula inzala kwakhona, asemngciphekweni omkhulu wokukhulelwa ngaphandle kwesibeleko.”​—⁠Contemporary OB/GYN, Juni 1998.

b Omnye umthetho onokubonakala uhambisana noku wawusithi indoda eyayityumke amalungu esini yayingenakungena ebandleni likaThixo. (Duteronomi 23:⁠1) Noko ke, i-Insight on the Scriptures ithi oku kubonakala ukuba “kwakunento yokwenza nokuwatyumza ngabom ngenjongo yokuziphatha okubi ngokwesini, njengamafanasini.” Ngenxa yoko, umthetho wawungaquki ukuthenwa okanye ukuqingqa inzala. Kwakhona i-⁠Insight ithi: “Ngokuthuthuzelayo uYehova waxela kwangaphambili esithi liya kufika ixesha xa amathenwa eya kwamkelwa njengabakhonzi bakhe yaye, ukuba ayathobela, aya kuba negama elihle kunoonyana neentombi. Ekubeni uYesu Kristu wawuphelisa uMthetho, bonke abantu abanokholo, enoba yayinjani imeko yabo yangaphambili, babenokuba ngoonyana bokomoya bakaThixo. Yashenxiswa yonke iyantlukwano engokwenyama.​—⁠Isa 56:​4, 5; Yoh 1:​12.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share