Wulawule Umsindo Ungakukhubekisi
“TSAL’ UMOYA!” “Musa ukungxama!” “Lubambe ulwimi lwakho!” Ngaba ukhe waweva la mazwi? Mhlawumbi uye uwaphindaphinde xa ufuna ukuthomalalisa umsindo wakho. Bambi abantu kuba bezama ukuzibamba bangagqajukelwa ngumsindo, baye bahambahambe. Ezi ziindlela nje ezilula zokulawula umsindo nokugcina ulwalamano oluhle nabanye abantu.
Noko ke, kwiminyaka yakutshanje, ukungqubana kwamacebiso eengcali enoba ubani ufanele awulawule umsindo okanye azibambe kusini na kushiya abantu abaninzi bedidekile. Ngokomzekelo, ezinye izazinzulu ngengqondo ziye zayikhuthaza ingcamango yokuba “ukuba kukwenza uzive ubhetele,” wubonakalise umsindo wakho. Abanye balumkisa ngelithi ukusoloko ugqajukelwa ngumsindo “kusenokukubangela ufe uselula kunokuba kunjalo ngezinye iingozi ezinjengokutshaya, uxinezeleko lwegazi, nomlinganiselo ophakamileyo wecholesterol.” ILizwi likaThixo ngokucacileyo lithi: “Lahla umsindo, ushiye ubushushu; musa ukuzivuthisa ngomsindo ngonempumelelo ngendlela yakhe, ngomntu ofeza amayelenqe.” (INdumiso 37:8) Kutheni iBhayibhile inikela isiluleko esicace ngolu hlobo?
Ukungalawulwa komsindo kunokukhokelela kwizenzo ezingalawulekiyo. Oku kwabonakala ekuqaleni kokudalwa kwabantu. Sifunda oku: “Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe.” Oku kwamkhokelela entwenini? Wabanjwa ngumsindo waza wamlawula, kangangokuba yaba lukhuni intliziyo yakhe xa uYehova wamlumkisa ukuba aguquke aze enze okuhle. Umsindo ongalawulekiyo kaKayin wamkhokelela kwisono esinzulu—ukubulala umntakwabo.—Genesis 4:3-8.
USawule, ukumkani wokuqala wakwaSirayeli, ngokufanayo wakhathazeka xa weva ukuba uDavide unikwa udumo olukhulu. “Bavuma abafazi abaqambayo, bathi, uSawule ubulele amawaka akhe, uDavide ubulele amawaka akhe angamashumi. USawule wavutha kunene ngumsindo, lalibi emehlweni akhe elo lizwi.” USawule waba nomsindo gqitha kangangokuba wenza amayelenqe aliqela okubulala uDavide. Nangona uDavide wafuna ukwakha ubuhlobo, uSawule wayengafuni ukuhlakulela uxolo noxolelwano. Ekugqibeleni, uYehova akazange akholiswe nguye.—1 Samuweli 18:6-11; 19:9, 10; 24:1-21; IMizekeliso 6:34, 35.
Kuyabonakala ukuba, xa ubani engakwazi ukuwulawula umsindo, uya kuthetha okanye enze izinto eziya kucaphukisa wonke umntu. (IMizekeliso 29:22) UKayin noSawule baba nomsindo ngenxa yokuba ngamnye kubo, ngendlela yakhe, wayenomona. Noko ke, ubani usenokuba nomsindo ngezizathu ezahlukahlukeneyo. Ukugxekwa kungekho sizathu, ukuthukwa, okanye ukungaqondani, okanye ukungaphathwa ngendlela efanelekileyo kusenokuba zizinto eziqalisa ingxabano.
Umzekelo kaKayin noSawule ubonisa ukusilela kwabo okunzulu. Kuyabonakala ukuba xa wayesenza umnikelo uKayin wayengaqhutywa lukholo. (Hebhere 11:4) Ukungafuni kukaSawule ukuthobela uYehova neenzame zokuzithethelela kwakhokelela ekubeni aphulukane nenkoloseko kaThixo nomoya wakhe. Licacile ke ngoko elokuba, omabini la madoda aphulukana nolwalamano noYehova.
Thelekisa ezo meko nemeko awayekuyo uDavide, owayenesizathu sokuba nomsindo ngendlela awayephethwe ngayo nguSawule. UDavide wawubamba umoya wakhe. Ngoba? Wathi: “Makube lee kum, ngenxa kaYehova, ukuthi ndiyenze loo nto enkosini yam umthanjiswa kaYehova.” UDavide wayesoloko ecinga ngolwalamano lwakhe noYehova, yaye lwayichaphazela indlela awayeqhubana ngayo noSawule. Ngokuthobeka wayishiyela kuYehova imicimbi.—1 Samuweli 24:6, 15.
Enyanisweni, izinto ezibangelwa ngumsindo ongalawulekiyo ziyingozi. Umpostile uPawulos walumkisa ngelithi: “Qumbani, ukanti ningoni.” (Efese 4:26) Ngoxa ukucaphuka okuthile kufanelekile, kukho ingozi ehlala ikho yokuba umsindo ungasisikhubekiso. Ngoko ke, akumangalisi ukuba sibe sijamelene nocelomngeni lokulawula umsindo wethu. Sinokukwenza njani oko?
Eyona ndlela ingundoqo kukuhlakulela ulwalamano olusondeleyo noYehova. Uyakumema ukuba umtyhilele intliziyo nengqondo yakho. Mxelele izinto ezikuxhalabisayo, uze umcele akuphe intliziyo ezolileyo ukuze ukwazi ukulawula umsindo wakho. (IMizekeliso 14:30) Qiniseka ukuba “amehlo kaYehova aphezu kwabo bangamalungisa, yaye iindlebe zakhe zisingisele esikhungweni sabo.”—1 Petros 3:12.
Umthandazo unokukubumba uze ukukhokele. Ngayiphi indlela? Unokuba negalelo elikhulu kwindlela oqhubana ngayo nabanye. Khumbula indlela aye waqhubana ngayo uYehova nawe. Kunjengokuba iZibhalo zisitsho, uYehova “akenzi kuthi ngokwezono zethu.” (INdumiso 103:10) Umoya wokuxolela ubaluleke gqitha “ukuze singabi zizisulu zikaSathana.” (2 Korinte 2:10, 11) Ukongezelela, umthandazo uvula intliziyo yakho ukuze ukwazi ukukhokelwa ngumoya oyingcwele, onokudlulela ngaphaya kweengxaki zobomi. Ngovuyo uYehova usinika ‘uxolo olugqwesa yonke ingcamango,’ olunokukukhulula kumandla amakhulu okuba nomsindo.—Filipi 4:7.
Noko ke, umthandazo, umele ukhatshwe kukuhlolisisa iZibhalo rhoqo ukuze ukwazi ‘ukuqhubeka ukuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.’ (Efese 5:17; Yakobi 3:17) Ukuba kunzima ngokwenene ukulawula umsindo wakho, zama ukubona indlela uYehova awujonga ngayo umbandela. Hlolisisa izibhalo ezinxulumene nokulawula umsindo.
Umpostile uPawulos unikela esi sikhumbuzo sibalulekileyo: “Masisebenze oko kulungileyo kubo bonke, kodwa ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.” (Galati 6:10) Milisela iingcinga nezenzo zakho ekubeni ubenzele okuhle abanye. Umsebenzi onjalo owonwabisayo nomhle uya kukhulisa umoya wovelwano nokuthembana yaye uya kuphelisa ukungavisisani okunokuphumela ekubeni ube nomsindo.
Umdumisi wathi: “Qinisa ukunyathela kwam ngentetho yakho, mabungabi nagunya kum ubutshinga nabuphi na. Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho; akukho sikhubekiso kubo.” (INdumiso 119:133, 165) Oko kunokwenzeka nakuwe.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
AMANYATHELO OKULAWULA UMSINDO
□ Thandaza kuYehova.—INdumiso 145:18.
□ Hlolisisa iZibhalo yonke imihla.—INdumiso 119:133, 165.
□ Zigcine uxakekile yimisebenzi ebalulekileyo.—Galati 6:9, 10.