Imfihlelo Yokungabikho Kwempilo
UOWMADJI OSELULA UYAGULA UYAHAMBISA. UHawa, unina ukhathazekile ngokuphelelwa kwakhe ngamanzi emzimbeni; uvile ukuba umza wakhe kwenye ilali uye wafelwa ngumntwana ngaloo ndlela. Umakhulu kaOwmadji, uninazala kaHawa, ufuna ukusa uOwmadji egqirheni. Uthi: “Lo mntwana uguliswa ngumoya omdaka. Uye wala ukumnxibisa intambo yokumkhusela, yaye ngoku kuqalisa iingxaki!”
LE MEKO iqhelekile kwiindawo eziliqela ehlabathini. Amakhulu ezigidi zabantu akholelwa ukuba imimoya engendawo ngoonobangela abafihlakeleyo bokugula. Ngaba oku kuyinyaniso?
Unobangela Wale Ngxaki
Wena ngokwakho usenokungakholelwa ukuba imimoya engabonakaliyo ibangela izifo. Enyanisweni, usenokuzibuza isizathu sokuba abantu bacinge njalo, kuba izazinzulu ziye zabonisa ukuba izifo zibangelwa ziintsholongwane. Noko ke, khumbula ukuba, abantu bebengazazi ezi ntsholongwane zincinane. Bazazi kuphela xa uAntonie van Leeuwenhoek wenza imikroskopu ngenkulungwane ye-17 baza abantu bakwazi ukubona izinto ngemikroskopu. Kwanangelo xesha, kwakungenxa yophando olwenziwa nguLouis Pasteur ngenkulungwane ye-19 eyaqala ngayo inzululwazi ukuqonda umahluko phakathi kweentsholongwane nezifo.
Ekubeni oonobangela bokugula babengaziwa yinkoliso yabantu embalini, kukho iinkolelo eziliqela, kuquka nembono yokuba zonke izigulo zibangelwa yimimoya engendawo. IThe New Encyclopædia Britannica ichaza enye indlela esenokuba yabangela oku. Ithi amaxhwele ayezama ukunyanga abo bagulayo ngeengcambu ezahlukahlukeneyo, ngamagqabi, nangayo nantoni na eyayiphambi kwawo. Maxa wambi, ezinye zezi zinto zazinceda. Emva koko ixhwele laliye liquke iinkolelo ezithile namasiko amaninzi, awayesithelisa loo nto iphilisa ngokwenene. Ngaloo ndlela ixhwele laliqinisekisa ukuba abantu babeya kuqhubeka besiza kulo. Ngale ndlela, amayeza ahlala eyimfihlelo, yaye abantu babekhuthazwa ukuba bakhangele kumandla angaphaya kwawemvelo.
Ezi ndlela zokunyanga zesithethe zisasetyenziswa kumazwe aliqela. Abaninzi bathi ukugula kubangelwa yimimoya yezinyanya. Abanye bathi nguThixo osenza sigule yaye ukugula sisohlwayo ngenxa yezono zethu. Kwanaxa abaziyo besiqonda isizekabani seso sigulo, basenokoyika amandla angaphezu kwawemvelo.
Abakhafuli namaxhwele bayaboyikisa abantu ukuze babaxhaphaze. Ngoko ke, yintoni esimele siyikholelwe? Ngaba kuyanceda ukufuna uncedo kwimimoya ukuze siphile? Ithini iBhayibhile?