IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 10/15 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni ityeya yesivumelwano?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Umkhombe KaNowa Nokwakhiwa Kweenqanawa
    Vukani!—2007
  • Abantu Abayi-8 Basindela Kumhlaba Omtsha
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ngaba Ubusazi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 10/15 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Zazimi njani izibonda zokuthwala ityeya yomnqophiso, kuba eyoku-1 yooKumkani 8:8 ibonisa ukuba zazibonakala xa ukwiNgcwele?

Xa uYehova wanika uMoses imiyalelo ngokuma komnquba entlango, oyena ndoqo yayiyityeya yomnqophiso. Le bhokisi ebuxande, egutyungelwe ngegolide yayiphethe amacwecwe oMthetho nezinye izinto. Yayigcinwa kwelona gumbi liphakathi, kweYona Ngcwele. Kwisigubungelo seTyeya kwakukho imifanekiso emibini yeekherubhi ezenziwe ngegolide ezinamaphiko oluliweyo. Kwicala ngalinye leTyeya, kwakukho amakhonkco ukwenzela ukuba ikwazi ukuphathwa ngezibonda ezibini, ezenziwe ngomthi womnga ezigutyungelwe ngegolide. Ngokusengqiqweni, izibonda zazifakwa kumakhonkco kwicala lobude beTyeya. Ngoko, njengoko iTyeya ikwindawo yayo kweYona Ngcwele yomnquba eyayijonge ngasempumalanga, izibonda zazalathe emntla nasemzantsi. Kwakunjalo nakamva xa iTyeya yayisetempileni eyayakhiwe nguSolomon.—Eksodus 25:10-22; 37:4-9; 40:17-21.a

Umkhusane wawusahlula eYona Ngcwele kwiNgcwele (igumbi elingaphandle). Ababingeleli abakwiNgcwele babengenakujonga kweYona Ngcwele baze babone iTyeya, awayezibonakalisa kuyo uThixo. (Hebhere 9:1-7) Ngoko ke eyoku-1 yooKumkani 8:8 inokubonakala idida: “Izibonda zazizide, kangangokuba iincam zezibonda zazibonakala kwiNgcwele ngaphambi kwelona gumbi lingaphakathi, kodwa zazingabonakali ngaphandle.” Kuphuhliswa ingongoma efanayo kweye-2 yeziKronike 5:9. Zazibonakala njani izibonda kuye nabani na okwiNgcwele yetempile?

Bambi baye bacinga ukuba izibonda zazichukumisa umkhusane, zisenza amaqhuma abonakalayo. Kodwa oku kwakungayi kuba njalo ukuba izibonda zazalathe kumntla nakumzantsi, ube umkhusane umelene nezibonda. (Numeri 3:38) Kukho ingcaciso esengqiqweni ngakumbi. Kusenokwenzeka ukuba izibonda zazinokubonakala ukuba kwakukho umsantsa omncinane phakathi komkhusane kunye nodonga lwetempile okanye xa umbingeleli omkhulu engena kweYona Ngcwele. Umkhusane wawuyisitha ngokupheleleyo iTyeya, kodwa izibonda ezisemacaleni kusenokwenzeka ukuba zazinokubonakala kuloo msantsa. Nangona le ngcaciso inokuqondakala, asinakubetha ngenqindi phantsi sithi ichanile.

Ngokucacileyo, zininzi iinkcukacha esinokuzifunda. Umpostile uPawulos wakhankanya iinkalo ezimbalwa kwileta yakhe eya kumaHebhere. Wandula ke wagqabaza wathi: “Ngoku asiloxesha lokuthetha ngokweenkcukacha ngezi zinto.” (Hebhere 9:5) Uvuko lwamalungisa oluzayo luya kuvula amathuba abangel’ umdla okufunda kwabo bafana noMoses, uAron, uBhetsaleli kunye nabanye ababeqhelene nendlela owawumi ngayo umnquba kunye nomsebenzi owenziwa kuwo.—Eksodus 36:1.

[Umbhalo osemazantsi]

a Izibonda zazingamele zisuswe kumakhonkco kwanaxa iTyeya yayihleli kwindawo yayo emnqubeni. Ngenxa yoko, izibonda zazingayi kusetyenziselwa nayiphi na enye injongo. Kwakhona, iTyeya yayingachukunyiswa; ukuba izibonda zazinokushenxiswa, nanini na ihanjiswa iTyeya engcwele kwakuya kufuneka izibonda zibuyiselwe kumakhonkco azo. Amagqabaza eNumeri 4:6 ‘angokufakwa kwezibonda’ anokubhekisela ekulungisweni okanye ekulungelelanisweni kwezibonda ukulungiselela ukuthwala le bhokisi inzima ukuyisa kwinkampu entsha.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share