Unako Ukuboyisa Ubulolo
NGUBANI onokuthi akazange ayive intlungu ebangelwa bubulolo? Zininzi izinto ezisenza sizive singamalolo. Ubulolo bunokuwahlasela ngamandla amabhinqa angazange atshate okanye lawo angabahlolokazi okanye aqhawule umtshato.
Ngokomzekelo, ibhinqa eliselula elingumKristu eligama linguFrances liyabalisa: “Xa ndandineminyaka engama-23 ubudala, kwabonakala ngathi abahlobo bam bonke batshatile, yaye ndandisele ndodwa.”a Umntu unokuziva elilolo ngakumbi njengoko iminyaka ihamba yaye namathemba okutshata ebonakala encipha ngokuncipha. USandra, ngoku osele eyigabhule iminyaka engama-40 ubudala uyavuma esithi: “Ndandingazimiselanga kuhlala ndingatshatanga, yaye ndisakufuna ukutshata xa ithuba linokuvela.” UAngela, ngoku okwiminyaka yama-50, uthi: “Andizange ndenze sigqibo sokuhlala ndingatshatanga, kodwa kuye kwaba njalo. Babembalwa kakhulu abazalwana abangatshatanga kwindawo endandabelwe kuyo njengovulindlela okhethekileyo.”
Into encomekayo yeyokuba, amabhinqa amaninzi angamaKristu akhetha ukuhlala engatshatanga ngenxa yokuba, ngokunyanisekileyo athobela isiluleko esivela kuYehova sokutshata “kuphela eNkosini.” (1 Korinte 7:39) Abanye bayakwazi ukunyamezela bahlale bengatshatanga, kodwa abanye bafumanisa ukuba umnqweno wokutshata nowokuba nabantwana uya ukhula njengoko iminyaka ihamba. USandra uyavuma: “Ndihlala ndinomvandedwa ngenxa yokungabi naqabane lomtshato.”
Abanye oothunywashe, njengokunyamekela abazali abalupheleyo, banokubangela umntu azive elilolo ngakumbi. USandra uthi: “Ekubeni ndingatshatanga, intsapho yayilindele ukuba ndinyamekele abazali bethu abalupheleyo. Eyona nxalenye inkulu yale mbopheleleko, yaba semagxeni am kangangeminyaka engama-20, nakuba ekhaya singabantwana abathandathu. Ubomi babuya kuba lula ngakumbi ukuba ndandinomyeni owayeza kundixhasa.”
UFrances ukhankanya enye into emenza azive elilolo nangakumbi. Uthi: “Maxa wambi abantu baye bandibuze ngokungqalileyo bathi, ‘Kutheni ungekatshati nje?’ Umbuzo onjalo undenza ndivakalelwe kukuba ndim obekek’ ityala ngokungatshati kwam. Phantse kuyo yonke imitshato endiya kuyo, kubakho umntu ondibuza lo mbuzo undingcungcuthekisayo, ‘Khawutsho, uza kutshata nini?’ Nantsi into endiye ndiyicinge, ‘Ukuba abazalwana abakhulileyo ngokomoya abanamdla kum, mhlawumbi andinazo iimpawu zobuKristu eziyimfuneko okanye ke bububi nje apha kum.’”
Zinokoyiswa njani iimvakalelo zobulolo? Ngaba ikho indlela abanokunceda ngayo abanye?
Yayama NgoYehova
Umdumisi wavuma ingoma esithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.” (INdumiso 55:22) Igama elithi “umthwalo” kumbhalo wesiHebhere ngokoqobo lithetha “isabelo,” yaye libhekisela kwiinkathazo namaxhala anokusenza sibandezeleke. UYehova uyazazi ezi nkathazo ngaphezu kwakhe nawuphi na umntu yaye unokusinika amandla okuhlangabezana nazo. UAngela wancedwa kukwayama ngoYehova uThixo ukuze ahlangabezane nobulolo. Ethetha ngobulungiseleli bakhe bexesha elizeleyo, uthi: “Ukuqalisa kwam ukuba nguvulindlela, mna neqabane endandisebenza nalo sasihlala kude nelona bandla lalikufuphi. Safunda ukwayama ngoYehova ngokupheleleyo, yaye oku kuye kwandinceda ubomi bam bonke. Xa ndiziva ndidakumbile, ndiye ndithethe noYehova yaye uyandinceda. INdumiso 23 iye yandithuthuzela kakhulu, yaye ndiyifunda rhoqo.”
Umpostile uPawulos wayenomthwalo onzima awayefanele awuthwale. Izihlandlo ezithathu ubuncinane, ‘wabongoza iNkosi ukuba iliva elalisenyameni yakhe lisuke kuye.’ UPawulos akazange ancedwe ngokungummangaliso, kodwa wathenjiswa ukuba wayeza komelezwa bububele bukaThixo obungasifanelanga. (2 Korinte 12:7-9) UPawulos wafumana nemfihlelo yokwaneliseka. Kamva wabhala: “Kuzo zonke izinto nakuzo zonke iimeko ndiye ndayifunda imfihlelo yokuba kunjani ukuhlutha nokulamba, neyokuba kunjani ukuba nentabalala nokuswela. Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”—Filipi 4:12, 13.
Unokuwafumana njani umntu amandla avela kuThixo xa eziva edimazekile okanye elilolo? UPawulos wabhala: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) USandra uyalisebenzisa eli cebo. Uthi: “Ekubeni ndingatshatanga, amaxesha amaninzi ndiba ndodwa. Oku kundinika ithuba elaneleyo lokuthandaza kuYehova. Ndiziva ndisondele kakhulu kuye yaye ndinokuthetha naye ngokukhululekileyo ngeengxaki zam nangezinto ezindivuyisayo.” UFrances yena uthi: “Kunzima ukuba ndilwe neentsizi zam ndindodwa. Kodwa ukuxelela uYehova ngokuphandle indlela endivakalelwa ngayo kundinceda kakhulu. Ndeyisekile kukuba uYehova unomdla kuyo nantoni na enokuchaphazela impilo-ntle yam yokomoya neemvakalelo zam.”—1 Timoti 5:5.
“Qhubekani Nithwala Elowo Uxanduva Lomnye”
Phakathi kwabazalwana abangamaKristu, akuyomfuneko ukuba umntu azithwale yedwa iingxaki zakhe. Umpostile uPawulos wabongoza: “Qhubekani nithwala elowo uxanduva lomnye, yaye ngokwenjenjalo noba nizalisekisa umthetho kaKristu.” (Galati 6:2) Ngokunxulumana kwethu namanye amaKristu, sinokufumana “ilizwi elilungileyo” lokhuthazo elinokwenza ubulolo bungabi loxanduva kangako.—IMizekeliso 12:25.
Kwakhona, phawula oko kuthethwa ziZibhalo ngentombi yoMgwebi wakwaSirayeli ogama linguYifeta. Ngaphambi kokuba oyise imikhosi yeentshaba zakhe, ama-Amoni, uYifeta wafunga ukuba ilungu lentsapho yakhe eliphume kuqala endlwini ukuza kuvuyisana naye uya kunikela ngalo kuYehova. Kwaphuma intombi yakhe kuqala. (ABagwebi 11:30, 31, 34-36) Nakuba oko kwakuthetha ukuba yayiza kuhlala ingatshatanga ubomi bayo bonke ize incame umnqweno wemvelo wokuba nentsapho, intombi kaYifeta yenza ngokuvisisana nesi sifungo yaza yakhonza kwingcwele yaseShiloh ubomi bayo bonke. Ngaba akuzange kubekho mntu ubonakalisa uxabiso ngoko kuzincama kwayo? Ngokwahlukileyo koko: “Unyaka nonyaka iintombi zakwaSirayeli zazisiya kwintombi kaYifeta umGiliyadi, ukuze ziyincome iintsuku ezine ngonyaka.” (ABagwebi 11:40) Ewe, ukuncoma umntu kunokumkhuthaza. Ngoko ke, masibancome abo bafanelwe kukunconywa.
Senza kakuhle xa siqwalasela umzekelo kaYesu. Nangona kwakungelosiko lamaYuda ukuba amadoda ancokole namabhinqa, uYesu wachitha ixesha elithile noMariya noMarta. Kusenokwenzeka ukuba babengabahlolokazi okanye babengatshatanga. UYesu wayefuna ukuba bobabini banandiphe iingenelo zokomoya ngokuba nobuhlobo nabo. (Luka 10:38-42) Sinokuxelisa umzekelo kaYesu ngokubabandakanya oodade wethu bokomoya abangatshatanga kwiimbutho esiba nazo nangokwenza amalungiselelo okusebenza nabo kumsebenzi wokushumayela. (Roma 12:13) Ngaba bayayixabisa ingqalelo enjalo? Omnye udade wathi: “Ndiyazi ukuba abazalwana bayandithanda yaye bayandixabisa, kodwa ndivuya kakhulu xa bebonakalisa umdla wobuqu kum.”
USandra uthi: “Ekubeni singenazo iintsapho, sikufuna kakhulu ukuthandwa, ukuziva siyinxalenye yentsapho yabazalwana noodade bokomoya.” Ngokucacileyo, uYehova ubakhathalele abantu abanjalo, yaye xa sibenza bazive befunwa yaye bethandwa siya kuba siyasebenzisana naye. (1 Petros 5:6, 7) Inkxalabo enjalo iya kuvuzwa, kuba “obabala isisweli uboleka uYehova, yaye impatho yakhe [uYehova uThixo] uya kumbuyekeza ngayo.”—IMizekeliso 19:17.
“Ngamnye Uya Kuthwala Owakhe Umthwalo”
Nangona abanye benokunceda, yaye nenkxaso yabo inokuba lukhuthazo, “ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.” (Galati 6:5) Noko ke, xa sithwala umthwalo wobulolo, kufuneka silumkele iingozi ezithile. Ngokomzekelo, ubulolo bunokusoyisa xa singabantu abangathethiyo. Ukanti kwelinye icala, sinokuboyisa ubulolo ngothando. (1 Korinte 13:7, 8) Ukupha nokwabelana nabanye yeyona ndlela ibalaseleyo yokufumana ulonwabo—enoba iimeko zethu zinjani na. (IZenzo 20:35) Omnye udade onguvulindlela osebenza nzima uthi: “Andibi nalo ixesha lokucinga ngobulolo bam. Xa ndivakalelwa kukuba ndiye ndaluncedo naxa ndixakekile, andiziva ndililolo.”
Kwakhona simele silumkele ukuba ubulolo bungasibangeli sakhe ulwalamano ngobuyatha. Ngokomzekelo, hayi indlela ebekuya kuba lusizi ngayo ukuba besiya kuvumela umnqweno wokufuna umtshato usimfamekise singaziboni iingxaki ezininzi ezibangelwa kukutshata nomntu ongakholwayo ngokukodwa xa unokusenza singacingi nangesiluleko seZibhalo esiphathelele ukuphepha ukuzibophelela okunjalo! (2 Korinte 6:14) Elinye ibhinqa elingumKristu eliqhawule umtshato lathi: “Kukho into ebuhlungu ngaphezu kokuhlala ungatshatanga. Kukutshata nomntu ongafanelekanga.”
Kusenokufuneka ukuba umntu ayinyamezele ingxaki logama nje engekabi nasicombululo okwelo xesha. Ngoncedo lukaThixo, ubulolo bunokunyamezeleka. Njengoko siqhubeka sikhonza uYehova, ngamana singaba nentembelo yokuba ngenye imini siya kwaneliswa kuzo zonke iintswelo zethu, ngeyona ndlela ibalaseleyo.—INdumiso 145:16.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amagama amabhinqa acatshulwe apha atshintshiwe.
[Imifanekiso ekwiphepha 28]
Ubulolo bunokoyiswa ngokupha nangokwabelana nabanye ngezinto