Zama Ukwenza Abantu Baphulaphule Ngenyameko
1 Abantu abaninzi esidibana nabo kumsebenzi wethu wendlu ngendlu abacingi ngezinto zokomoya. Basenokuba baxakekiswe ngamalungu entsapho, ziingxaki zoqoqosho, okanye ziingxaki zobuqu. Xa uqalisa incoko, ngokufuthi kuhle ukuthetha ngemibandela abanomdla kuyo abaninzi elumelwaneni. Unokusebenzisa imibuzo ukuze uvuse umdla, ekubeni oku kumbandakanya umninimzi encokweni. Imibuzo efuna imbono yabaphulaphuli engabenzi abantu bazive beneentloni iluncedo kakhulu.
2 Unokubenza abantu baphulaphule ngenyameko ngokusebenzisa intshayelelo enjengale:
◼ “Bhota. Igama lam ndingu _____. Ndihlala kwalapha elumelwaneni. Abantu abaninzi endiye ndathetha nabo ngale ntsasa baxhalatyiswe [khankanya isiganeko sakutshanje seendaba zaselumelwaneni okanye into exhalatyelweyo ekuhlaleni]. Ngaba ucinga ukuba uThixo wayefuna ihlabathi libe nje?” Vumela impendulo. Kweli nqanaba usenokuhambisa iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo. Ngokufutshane hlolisisa umfanekiso okwiphepha 1 nenkcazelo ekwisiqendu 1-3 xa ixesha livuma. Ukuba kubonakaliswa umdla, usenokuhambisa incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade. Unokutsalela ingqalelo kwiNdumiso 37:9, 10 njengokuba icatshulwe kwiphepha 157 uze uyifunde ngokusuka encwadini. Usebenzisa imifanekiso ekwiphepha 156-7, chaza iimeko zobulungisa eziya kubakho emhlabeni wonke xa ubungendawo bungasekho.
3 Ngamaxesha onke kulungele ukuhambisa IMboniselo noVukani! Abantu naphi na bothukile kukuwohloka kokuziphatha. Xa ufunda uVukani! ka-Agasti 8, phawula iingongoma ezimbalwa ovakalelwa kukuba ziya kuvusa umdla kubantu abakwintsimi yakho. Ngaphandle kokugxininisa kakhulu kwiimeko ezikhoyo ezimbi, tsalela ingqalelo yomninimzi kwinqaku elithi “Ukhokelo Olugqibeleleyo Olungokuziphatha,” uze uthethe ngendlela ekhuthazayo ngeengenelo zokubambelela kwisiluleko seLizwi likaThixo. Kwinyanga elandelayo, xa uhambisa uVukani! kaSeptemba 8, tsalela ingqalelo kwinqaku elithi “Xa Iintlanga Zonke Zihlelisene Ngoxolo.” Balaselisa isiluleko seBhayibhile esinokunceda iintlanga zibe nolwalamano oluhle. Iinkupho zakutshanje nezindala zeMboniselo noVukani! zisenokuhanjiswa nanini na enoba ayizontsuku zikhethekileyo zokuhambisa amaphephancwadi.
4 Khumbula ukuba injongo yethu ephambili kukuvusa umdla kwisigidimi soBukumkani. Ukuze senze abantu baphulaphule ngenyameko, simele kuqala sizuze ingqalelo yomninimzi size sivuselele ukucinga kwakhe. Oku kuya kubangela abantu ababumvu bafune ‘ukuva oko aya kukuthetha uThixo uYehova’ ngenjongo yakhe ngoluntu.—INdu. 85:8.