Fundisisa Incwadi Ethi Unokuphila Ngonaphakade Nethi Ukumanyana Ekunquleni
1 Amaphecana, iincwadana ezinemifanekiso, amaphephancwadi neencwadi—zisenokusetyenziswa ukuqalisa izifundo zeBhayibhile zamakhaya nabantu abanomdla. Kuba iye yasasazwa ngokubanzi yaye inomtsalane, incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila iye yasetyenziswa ukuqalisa izifundo. Ngokuqinisekileyo, wonke ubani ufanele akhuthazwe ayifunde yaye ayifundisise. Siye sakwenza oko ngokulungiselela nangokuya kwiSifundo Sencwadi Sebandla ngokuthe rhoqo.
2 Noko ke, kukho iincwadi ezimbini ezikhethekileyo ezifanele zifundisiswe nabasebatsha ukuze bancedwe baqonde iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile kunye nemilinganiselo yobuKristu yokuphila. Zezi: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni nethi Ukumanyana Ekunquleni Okuphela KoThixo Oyinyaniso. Kunconyelwa ukuba bonke abo baqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya kwezinye iimpapasho batshintshele kwenye yezi ncwadi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Ukuba ubuqhuba isifundo kwincwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo, mkhuthaze lowo umfundelayo aqhubeke ezifundela. Isifundo simele siqhubeke de kugqitywe incwadi Unokuphila Ngonaphakade nethi Ukumanyana Ekunquleni, kwanokuba umntu uye wabhaptizwa ngaphambi kokuba agqibe incwadi yesibini. Le nkqubo iya kumenza lowo ufundelwayo abe nolwazi olungakumbi lweBhayibhile aze omelele ngakumbi ngokomoya.