Inyanga Ekhethekileyo Yenkonzo Yasentsimini
1 Ngaba uDisemba unokuba yinyanga ekhethekileyo yenkonzo yasentsimini kuwe? Kusenokuba yimfuneko ukwenza uhlengahlengiso oluthile kucwangciso lwakho oluqhelekileyo, kodwa ngaba imivuzo ayiyi kukufanela oko?
2 Abanye abavakalisi abaselula ababhaptiziweyo baya kuba neeholide zesikolo yaye baya kuthanda ukubhalisa njengoovulindlela abangabancedani kule nyanga. Hayi indlela ekuya kubakhuthaza ngayo xa abadala, izicaka zolungiselelo nabanye abavakalisi besebenza nabo entsimini! Ukuba iimeko zobuqu azikuvumeli ukuba ube nguvulindlela kule nyanga, ngaba kunokwenzeka ukuba uchithe iiyure ezimbalwa ezingakumbi enkonzweni nabo baya kube bengoovulindlela? Ngokuqinisekileyo oku kuya kukukhuthaza kuze kukhuthaze nabanye.
3 Sikwafuna intsebenziswano yakho ekuqinisekiseni ukuba zonke iingxelo zenkonzo yasentsimni zikaDisemba zifakwa kwangethuba. Siya kuba neeNdibano zeSithili “Zemfundiso Yobuthixo” ebudeni bukaDisemba yaye bambi bathabatha ikhefu labo lonyaka ngexesha lendibano. Ukuba uya kube ungekho kwibandla lakho ekupheleni kukaDisemba, qiniseka ukuba uba nesabelo kubulungiseleli ekuqaleni kwenyanga. Faka ingxelo yakho yenkonzo yasentsimini ngaphambi kokuya kwikhefu okanye uyithumele kunobhala webandla ixesha lisavuma ukuze iqukwe kwiNgxelo Yebandla yenyanga.
4 Ukuba bonke abavakalisi benza umgudu owongezelelekileyo, abadala basenokulungiselela ukuba kunikelwe ubungqina njengeqela suku ngalunye ebudeni bexesha lekhefu ukuze abo banokuba ngoovulindlela basoloko benomntu abaya kusebenza naye kwinkonzo yasentsimini. Lingoku ixesha lokuba, mntu ngamnye nanjengamaqela eentsapho kwananjengebandla, acebe ukwenza uDisemba inyanga ekhethekileyo yenkonzo yasentsimini kwibandla akulo.