IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/00 iphe. 4-9
  • Londoloza Ihambo Entle Ezukisa UThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Londoloza Ihambo Entle Ezukisa UThixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • “Hlalani Niphuthuma Okulungileyo”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
  • “Zonke Izinto Zenu Mazenzeke Ngothando”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Yiba Ngcwele Kuyo Yonke Ihambo Yakho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
  • Yenza Okulungileyo Uze Udunyiswe!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
km 10/00 iphe. 4-9

Londoloza Ihambo Entle Ezukisa UThixo

1 Nokuba siphi na, ihambo yethu, isinxibo nokuzilungisa zinikela ubungqina ngathi noThixo esimnqulayo. Oku kuphawuleka ngakumbi kwiindibano ezinkulu zabantu bakaThixo, apho kukho abantu abaninzi abasijongileyo. Xa siyimizekelo, igama likaYehova liyazukiswa. (1 Pet. 2:12) Noko ke, ihambo engatshongo khona okanye izenzo ezingacingwanga zabantu nje abambalwa zinokuzisa ugculelo egameni likaThixo nakubantu bakhe. (INtshu. 9:18b) Ukukhumbula ukuba ngehambo yethu abantu bangaphandle bagweba intlangano yethu noThixo esimnqulayo kufanele kusenze sikuphaphele ukuba ‘zonke izinto sizenzele uzuko lukaThixo.’—1 Kor. 10:31.

2 Ihambo Engumzekelo EziHotele NaseziHostele: Ubukhulu becala, abasebenzi bachukumiseka gqitha lulungelelwano, imikhwa emihle nokucoceka kwamaNgqina kaYehova. Omnye umphathi, xa wayethetha ngeentsapho zamaNgqina ezazihlala kwihotele yakhe, wathi: “Abantwana bamaNgqina kaYehova ngabona bantwana basemagqabini ndakhe ndababona! Banxiba njengamanene namanenekazi; banentlonelo, imbeko nemikhwa emihle; yaye abakhange babangele nayiphi na inkathazo. Ngokwenene nifanele nothulelw’ umnqwazi ngolutsha lwenu. Sikuvuyele ukuba nabantwana benu apha.” Amagqabaza anjengala aqhelekile kuba abo basebenzisana nathi bayalubona uthando nentlonelo ekhoyo phakathi kwabantu bakaYehova.

3 Kwelinye icala, amagqabaza abanye abasebenzi abonisa ukuba kusekho ingxaki ngabathile abangayise so ihambo yabo okanye abonakalisa izakhiwo. Oku kubangela ingxaki nokugxekwa ngokungeyomfuneko. Bambi abaphathi bakhalaza ngelithi abantwana nabakwishumi elivisayo bayangxola yaye abalawuleki, abajongwa ngabazali babo ngoxa bedlala kwiqula lokuqubha okanye kwezinye iindawo zokuzihlaziya.

4 Inkoliso yeehotele neehostele zinemithetho ekulindeleke ukuba iindwendwe ziyilandele. Bambi abazalwana baye bayaphula le mithetho iphathelele ingxolo okanye ukupheka emagumbini abo. Abaphathi beehotele neehostele basixelela ukuba ukupheka, apho kungavumelekanga khona, kokona kuphathwa kakubi kwesakhiwo sabo kuxhaphakileyo. Asikokonakaliswa kwamagumbi nje kuphela kodwa amavumba angapheliyo aye abangela ukuba kungaqeshiswa ngaloo magumbi kangangeentsuku ezithile okanye iiveki emva koko. Ngaphandle kokuba ukuphekwa kokutya kuvumelekile kwelo gumbi, akumele kuphekwe.

5 Kufanele kwenziwe umgudu okhethekileyo wokusebenzisana ngokupheleleyo nabasemagunyeni. Ngokuqinisekileyo, asifuni kubenzela igama elibi abantu bakaYehova. NjengamaKristu sifanele siziphathe ngokunyaniseka ngamaxesha onke. Asifanele sithabathe ilinen okanye “izinto ezisisikhumbuzo sento ethile (souvenirs)” ezihotele, njengokuba oko ibubusela; singamele singanyaniseki xa sichaza inani labantu esiceba ukuba nabo egumbini xa sicela ukubekelwa igumbi okanye xa sifika.

6 Indlela Efanelekileyo Yokuziphatha Endibanweni: Lungakhathaliseki uhlobo lwesakhiwo olusetyenziswayo, sifanele sijongwe njengeHolo yoBukumkani enkulu ngexesha lendibano. Sifanele sinxibe size sizilungise ngokufanelekileyo ngendlela esibonakala ngayo xa sisiya kwiintlanganiso zebandla lethu lasekuhlaleni. Ngexesha locwangciso lwendibano nasemva kwalo, abazalwana noodade bafanele bakuphephe ukunxiba impahla engandilisekanga okanye engenasidima, ebonisa umoya wehlabathi nto leyo ekwenza kube nzima ngathi ukubonakala sahlukile. Oodade bafanele baqinisekise ukuba uhlobo nobude bemibhinqo neelokhwe zabo zindilisekile. (1 Tim. 2:9, 10) IKomiti YeNdibano iye yanikela le ngxelo ilandelayo evela komnye umntu onomdla: “Abantu bakaYehova ngabantu abahle. Imfundiso yabo yinyaniso kodwa iilokhwe zoodade azindilisekanga ngokuvumelana nemfundiso yabaPostile.” Enye ikomiti yaphawula ukuba “ingxaki esisiseko kukuba iintsapho zabadala zimisela umzekelo ombi.” Enye iKomiti yeNdibano yanikela le ngxelo: “Siye sakuvuyela ukubona inkoliso yoodade inxibe ngendlela yobuKristu. Noko ke, kuyothusa ukuba kube kusekho oodade ababenemibhinqo neelokhwe ezimfutshane ezisikwe zade zaya kuveza amathanga.” Ukuze kwahlukanwe nale mikhwa kuya kuba kuhle ukuba iintsapho zihlolisise umbandela wesinxibo esifanelekileyo kwisifundo sentsapho. Enoba sisendibanweni, sihleli ehotele okanye ehostele, siyatya kwivenkile yokutyela, okanye size kuthenga evenkileni, ngamaxesha onke sifanele sibonise ukuba singabalungiseleli bakaThixo, singakhubekisi mntu.—2 Kor. 6:3.

7 Ubhaptizo endibanweni luya kuba ngentsasa yangoMgqibelo. IMboniselo ka-Aprili 1, 1995, iphepha 30, yachaza isimo sengqondo esifanele sisibonise ngeso sihlandlo. Ithi “sifanele siluqhube ngendlela efanelekileyo. Asiloxesha lamayeyeye, lamatheko, okanye lokuchwayita ngokugqithisileyo. Kodwa asiloxesha lokunxunguphala nosizi.” Bekungayi kufaneleka kwaphela ngabo babhaptizwayo ukunxiba impahla yokuqubha ebabambayo okanye evelisa umzimba, enoba ngamadoda okanye ngamabhinqa. Ngenxa yoko, bonke bafanele babonise isidima novuyo ngokubhaptizwa njengamaKristu.

8 UPetros usikhumbuza ‘uhlobo lwabantu esifanele sibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo.’ (2 Pet. 3:11) Ngamana amazwi nezenzo zethu kwiNdibano yeSithili ‘Yabenzi Belizwi LikaThixo’ zinganceda abo basijongileyo baneentliziyo ezinyanisekileyo ukuba bazi baze banqule uThixo wethu omkhulu, ofanelwe lulo lonke uzuko nembeko.—1 Kor. 14:24, 25.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share