Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Juni 15
“Ucinga ukuba ziya kuze ziphele iingxaki ezinjengezi? [Funda amazwi acatshuliweyo atshayelela inqaku lokuqala, uze umlinde aphendule.] ILizwi likaThixo eliphefumlelweyo liyasiqinisekisa ukuba iingxaki ezinjengezi ziza kuphela kungekudala. [Funda INdumiso 72:12-14.] Le Mboniselo ichaza indlela ekuza kwenziwa ngayo oku.”
IMboniselo Julayi 1
“Izigidi zabantu zinqula imifanekiso eqingqiweyo okanye izithixo, ngoxa ezinye izigidi zicinga ukuba kuphosakele ukwenjenjalo. Ngaba wakha wazibuza ngoko uThixo akucingayo? [Mlinde aphendule. Yandula ke ufunde uYohane 4:24.] La manqaku abonisa indlela eyaqala ngayo ukusetyenziswa imifanekiso eqingqiweyo noko iBhayibhile ikutshoyo ngonqulo-zithixo.”
Vukani! Julayi 8
“Ngaba ucinga ukuba wonke umntu uya kuze akhululeke ngokwenene emhlabeni? [Mlinde aphendule.] Khawuve esi sithembiso simnandi kangaka sivela kuThixo. [Funda eyabaseRoma 8:21.] Ukuze oku kwenzeke, kuya kufuneka buphele bonke ubukhoboka, uthini wena? Lo Vukani! uchaza indlela okuya kwenzeka ngayo oku.”
“IBhayibhile yaprofeta isithi kuza kuba nzima kule mihla yokugqibela. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:1, 3.] Ukwanda kolwaphulo-mthetho ehlabathini lonke kuyakungqina oku. Hayi indlela ebekuya kuba kubi ngayo ukuba ebengekho amapolisa! Lo Vukani! uchaza ucelomngeni ajamelene nalo amapolisa kulo lonke ihlabathi.”