Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Sept. 15
“Abantu abaninzi emhlabeni baye beva ngoYesu Kristu. Bambi bathi wayengumntu obalaseleyo. Abanye bamnqula njengoThixo uSomandla. Ucinga ukuba wayengubani uYesu Kristu? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lichaza umntu awayenguye ngokwenene, indawo awayevela kuyo, nalapho akhoyo ngoku.” Funda uYohane 17:3.
IMboniselo Okt. 1
Mfundele umbuzo ongaphandle kweli phephancwadi. Emva koko mbuze: “Ngaba uyawazi lo mqondiso kuthethwa ngawo apha? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uMateyu 24:3.] Le Mboniselo ixubusha ngeengongoma ezintlanu eziziintloko zalo mqondiso yaye icacisa isizathu sokuba kufuneka siwazi.” Mbonise ibhokisi ekwiphepha 6.
Vukani! Okt. 8
“Abantu abaninzi abanamali yokufumana iindawo zokuhlala ezifanelekileyo. Ucinga ukuba luya kuze lufike usuku apho bonke abantu baya kuhlala kwizindlu ezifanelekileyo? [Mlinde aphendule.] Lo Vukani! uchaza ingxelo yakutshanje ngengxaki yeendawo zokuhlala. Kwakhona ubonisa isizathu sokuba siqiniseke ukuba isithembiso sikaThixo siya kuzaliseka.” Funda uIsaya 65:21, 22.
“Ukuselwa kotywala ngokugqithiseleyo kubangela iingxaki ezininzi. Eli phephancwadi lichaza umonakalo obangelwa butywala emzimbeni. [Mbonise umfanekiso okwiphepha 7.] La manqaku axubusha ngendlela abantu abanokwahlukana ngayo nokusela utywala ngokugqithiseleyo kwanendlela abanye abanokunceda ngayo.”