Izizathu Ezilishumi Elinesibini Zokushumayela
Kutheni sishumayela size sifundise abanye iindaba ezilungileyo? Ngaba esona sizathu sethu siphambili kukuze sincede abantu abanyanisekileyo bafumane indlela esa ebomini? (Mat. 7:14) Esi sisizathu sokuqala kwezikhankanywe ngezantsi, kodwa ayisiso esona siphambili. Sisiphi kwezi zizathu zili-12 zokushumayela, ocinga ukuba sesona sibalulekileyo?
1. Ukushumayela kusindisa ubomi.—Yohane 17:3.
2. Kulumkisa abangendawo.—Hez. 3:18, 19.
3. Kufak’ isandla ekuzalisekeni kwesiprofeto seBhayibhile.—Mat. 24:14.
4. Kububungqina bokuba uThixo unobulungisa. UYehova akanakugxekwa kusithiwa uye watshabalalisa abangendawo engakhange abanike ithuba lokuguquka.—IZe. 17:30, 31; 1 Tim. 2:3, 4.
5. Kusivulela ithuba lokunceda abantu abathengwa ngegazi likaYesu ukuze babe nokholo.—Roma 1:14, 15.
6. Kusinceda siphephe ityala legazi.—IZe. 20:26, 27.
7. Kuyenye yezinto ekufuneka sizenze ukuze sisindiswe.—Hez. 3:19; Roma 10:9, 10.
8. Yindlela esibonisa ngayo ukuba siyabathanda abamelwane.—Mat. 22:39.
9. Kubonisa ukuba sithobela uYehova noNyana wakhe.—Mat. 28:19, 20.
10. Kuyinxalenye yonqulo lwethu.—Heb. 13:15.
11. Yindlela esibonisa ngayo ukuba siyamthanda uThixo.—1 Yoh. 5:3.
12. Kufak’ isandla ekungcwalisweni kwegama likaYehova.—Isa. 43:10-12; Mat. 6:9.
Kakade ke, ezi asikuphela kwezizathu esinazo zokushumayela. Ngokomzekelo, ukushumayela komeleza ukholo lwethu yaye kusinik’ ilungelo lokusebenza noThixo. (1 Kor. 3:9) Noko ke, esona sizathu sibalulekileyo sokushumayela sesi sibhalwe kwingongoma ye-12. Enoba abantu bayaphulaphula okanye akunjalo, ukushumayela kufak’ isandla ekungcwalisweni kwegama likaThixo yaye kwenza uYehova akwazi ukuphendula lowo umngcikivayo. (IMize. 27:11) Ngokwenene, sinezizathu ezivakalayo ‘zokuqhubeka ngaphandle kokuyekelela sifundisa kwaye sivakalisa iindaba ezilungileyo.’—IZe. 5:42.