IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 101
  • Sisono Esinjani Esingaxolelekiyo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Sisono Esinjani Esingaxolelekiyo?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Sikho Isono Esingaxolelekiyo?
    Vukani!—2003
  • UYehova Uxolela Ngokukhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Ngaba Wone Umoya Oyingcwele?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ngaba Ndenze Isono Esingaxolelekiyo?
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 101
Ijaji ibetha ngehamile yayo

Sisono Esinjani Esingaxolelekiyo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Isono esingaxolelekiyo sibhekisela kwizenzo ezihambisana nendlela umntu acinga ngayo ebangela ukuba umoni angaze axolelwe nguThixo. Inokwenzeka njani into enjalo?

UThixo uyabaxolela abo baguqukayo ezonweni zabo, baphile ngemithetho yakhe baze babe nokholo kuYesu Kristu. (IZenzo 3:19, 20) Kodwa umntu uyakwazi ukusiqhela isono, angaze ayitshintshe indlela acinga ngayo okanye indlela aziphethe ngayo. IBhayibhile ithi umntu onjalo ‘unentliziyo engendawo eyenziwe lukhuni ngamandla akhohlisayo esono.’ (Hebhere 3:12, 13) Loo ntliziyo imchasa ngokupheleleyo uThixo, njengodongwe olutshiswe eontini olungasoze luphinde lubumbeke. (Isaya 45:9) Umntu onjalo akasoze axoleleke, ngoko unetyala lesono esingaxolelekiyo.—Hebhere 10:26, 27.

Ngomhla kaYesu ezinye iinkokeli zonqulo zamaYuda zenza isono esingaxolelekiyo. Zazisazi ukuba uYesu wayesebenzisa umoya oyingcwele kaThixo ukuze enze imimangaliso, kodwa zazisithi amandla akhe wayewafumana kuSathana uMtyholi.—Marko 3:22, 28-30.

Imizekelo yezono ezinokuxolelwa

  • Ukunyelisa ngenxa yokungazi. Umpostile uPawulos wayekhe wangumnyelisi, kodwa kamva wathi: “Ndenzelwa inceba, ngenxa yokuba ndandisenza ngokungazi, ndiswele ukholo.”—1 Timoti 1:13.

  • Ukukrexeza. IBhayibhile ithetha ngabantu abakrexezayo baza batshintsha iindlela zabo, uThixo wabaxolela.—1 Korinte 6:9-11.

“Ngaba ndenze isono esingaxolelekiyo?”

Ukuba uzithiyile izinto ezimbi obukade uzenza yaye ufuna ukutshintsha, awenzanga isono esingaxolelekiyo. UThixo uyakwazi ukuxolela nesono esenziwa ngokuphindaphindiweyo ukuba nje intliziyo yakho awuyenzanga lukhuni kuye.—IMizekeliso 24:16.

Abanye abantu bavakalelwa kukuba isono abasenzayo soze sixolelwe kuba behlutshwa sisazela sabo. Nakuba kunjalo, iBhayibhile ithi asinakusoloko sizithemba iimvakalelo zethu. (Yeremiya 17:9) UThixo akasinikanga ilungelo lokuba sigwebe nabani na—nkqu neziqu zethu. (Roma 14:4, 12) Unako ukusixolela naxa iintliziyo zethu zisigweba.—1 Yohane 3:19, 20.

Ngaba uYudas Skariyoti wenza isono esingaxolelekiyo?

Ewe. Ukubawa kwamenza weba umnikelo owawuza kusetyenziselwa izinto ezingcwele. Wenza ngathi ukhathalele amahlwempu, kodwa eyona njongo yakhe yayikukufumana imali eninzi ukuze ayibe. (Yohane 12:4-8) Xa intliziyo kaYudas yaqhela okubi, wangcatsha uYesu ngamaqhosha esilivere ayi-30. UYesu wayesazi ukuba uYudas wayengenako ukuguquka ngoko wambiza ngokuba ‘ngunyana wentshabalalo.’ (Yohane 17:12) Oku kwakuthetha ukuba ekufeni kwakhe, uYudas wayeya kutshabalala ngonaphakade, engenathemba lovuko—Marko 14:21.

UYudas zange aguquke ngokunyanisekileyo. Wasivuma isono sakhe kwiinkokeli zonqulo awayenze iyelenqe kunye nazo, kungekhona kuThixo.—Mateyu 27:3-5; 2 Korinte 7:10.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share