IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 135
  • Ithini IBhayibhile Ngokubulala Umntu Kuba Egulela Ukufa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ithini IBhayibhile Ngokubulala Umntu Kuba Egulela Ukufa?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Amanqaku Afanayo
  • Olona Ncedo Lulungileyo Luyafumaneka!
    Vukani!—1991
  • Ingxaki Esehlabathini Lonke
    Vukani!—2001
  • Ungancedwa
    Vukani!—2001
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 135
Intombazana ibambe isandla somntu okhulileyo esibhedlele

Ithini IBhayibhile Ngokubulala Umntu Kuba Egulela Ukufa?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ayithethi ngokubulala umntu kuba egulela ukufa.a Kodwa ikhe ithethe ngobomi nokufa. Ukubulala akuvumelekanga, kodwa akunyanzelekanga ukuba senze yonk’ into kuba sifuna ukuphila ubomi obude xa sigulela ukufa.

IBhayibhile ithi uThixo nguMdali wethu, “umthombo wobomi.”(INdumiso 36:9; IZenzo 17:28) UThixo ubuxabisile ubomi. Ngenxa yoko, akafuni sibulale omnye umntu okanye sizibulale. (Eksodus 20:13; 1 Yohane 3:15) Ukongezelela koko, iBhayibhile ibonisa ukuba kufuneka senze izinto ezithile ukuze singabeki ubomi bethu nobabanye abantu engozini. Icacile into yokuba uThixo ufuna sibuxabise ubomi.

Xa umntu egulela ukufa

Nokuba segulela ukufa, iBhayibhile ayithi umntu kufuneka abulawe. Umzekelo kaKumkani uSawule wakwaSirayeli uyangqinelana nale nto. Xa wonzakala emfazweni, wathi kumphathi wezikrweqe zakhe makambulale. (1 Samuweli 31:3, 4) Umphathi wezikrweqe zikaSawule akazange avume. Kodwa ke, emva kwexesha elithile enye indoda yathetha ubuxoki yathi, iyenzile le nto ibifunwa nguSawule. UDavide owayijonga ngendlela uThixo awayijonga ngayo le nto yenziwe yile ndoda, wathi inetyala legazi.​—2 Samuweli 1:6-16

Ngaba umntu kufuneka enze yonke into ukuze aqhubeke ephila nangona egulela ukufa?

Xa umntu egulela ukufa, iBhayibhile ayithi kufuneka enze yonk’ into ukuze angakhawulezi asweleke. Endaweni yoko, isinceda sikujonge ngendlela efanelekileyo ukufa. Ukufa lolona tshaba lwethu, olwabangelwa sisono. (Roma 5:12; 1 Korinte 15:26) Nangona singamele sikufune ukufa, asimele sikoyike kuba uThixo uthembisa ukuba uza kubavusa abantu abaswelekileyo. (Yohane 6:39, 40) Umntu obuxabisileyo ubomi akasoze angazami iindlela zokuba anyangwe xa egula. Kodwa loo nto ayithethi kuthi umntu xa egulela ukufa kufuneka afune ukunyangwa ukuze angasweleki.

Ngaba ukuzibulala sisono esingenakuxolelwa?

Hayi, iBhayibhile ayithi ukuzibulala sisono esingenakuxolelwa. Nangona ukuzibulala kusisono esinzulu,b uThixo uyaziqonda izinto ezibangela abantu bazibulale njengokugula ngengqondo, ukuba nestres kakhulu okanye imizila yemfuza. (INdumiso 103:13, 14) Esebenzisa iBhayibhile, uyabathuthuzela abantu abakhathazekileyo. Ukongezelela koko, iBhayibhile ithi, “kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” Oku kubonisa ukuba likhona ithemba lokuba baza kuvuka abantu abenze iimpazamo ezinzulu, njengabantu abazibuleleyo.

Xa kubulawa isilwanyana sasekhaya esigulela ukufa

Ukubulawa kwesilwanyana sasekhaya esigulela ukufa akufani nokomntu. Nangona uThixo enike abantu ithemba lokuphila ngonaphakade, akazinikanga zona izilwanyana. (Roma 6:23; 2 Petros 2:12) IBhayibhile ayikuvumeli ukuphathwa kakubi kwezilwanyana, nangona kunjalo, ithi zimele ziphathwe ngumntu. (Genesis 9:3) Ekubeni uThixo elindele ukuba siziphathe kakuhle izilwanyana zasekhaya, ngumntu waso omele agqibe ngeyona ndlela ibonisa ukuba usikhathalele, oko kusenokuquka ukukhetha ukuba asibulale kunokuba sibe sezintlungwini.​—IMizekeliso 12:10.

a  Xa icacisa olu hlobo lokubulala okanye ukubulala umntu ngenxa yokuba nosizi, iMerriam-Webster Learner’s Dictionary ithi, “kukubulala umntu ogulela ukufa okanye owonzakele kakhulu ukuze angangcungcutheki.” Uza kube ezibulele umntu xa encediswe nangugqirha ukuba enze loo nto.

b  Bonke abantu abambalwa abazibulalayo ekuthethwe ngabo eBhayibhileni, babengakwenzi ukuthanda kukaThixo.​—2 Samuweli 17:23; 1 Kumkani 16:18; Mateyu 27:3-5.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share