“Zonke Izinto Mazenzelwe Ukwakhana”
1 Xa siqhubana nabazalwana bethu, sifanele senze okuhle ukuze bakheke. Oku kuthetha ukuxhalabela ukukhuseleka kwezilangazelelo zabo zokomoya. Ukuba sinendlela ethile yokuziphilisa ebandakanya ukuthengisa into ethile okanye ukwenza umsebenzi othile, kufuneka siqinisekise ukuba akukho nto siyenzayo eya kukhubekisa abazalwana bethu.—2 Kor. 6:3; Fil. 1:9, 10.
2 Abanye baye babandakanyeka kumaphulo awahlukahlukeneyo ezoshishino, bejonge ukuxunywa ngamaKristu abakhonza nawo. Iintlangano ezithile zentengiso zikhuthaza abameli bazo ukuba wonke ubani bamjonge njengomntu onokuthenga—kuquka nabo bakunqulo lwabo. Abanye abazalwana baye baququzelela iimbutho ezinkulu zamaNgqina ukuze bawakhuthaze abandakanyeke kwezoshishino. Abanye bakhuthaza amaphulo abo ngokuthumelela abo bakhonza nabo amanqaku abangakhange bawacele, iincwadana ezinemifanekiso, inkcazelo kwi-Internet okanye iikhasethi zeteyiphu neevidiyo. Ngaba bekuya kufaneleka ngomKristu ukuba asebenzise ulwalamano analo lobuthixo ukuze axhaphaze abazalwana bakhe bokomoya? Nakanye!—1 Kor. 10:23, 24, 31-33.
3 Abazalwana Bafanele Balumke: Oku akuthethi ukuba umKristu akanakuqhuba ishishini nomzalwana. Lowo ngumbandela wobuqu. Noko ke, abanye baqalisa amaphulo oshishino akhuthaza ukubawa yaye bakhuthaza abo bangamakholwa kunye nabo ukuba babe ngamaqabane abo okanye batyale imali kubo. Uninzi lwala maphulo aphelel’ emoyeni, nto leyo ebiza imali enkulu kwabo babandakanyekileyo. Nangona abo baye bangenelela eli phulo besenokuba bashukunyiswe ngumnqweno wokwenza imali ekhawulezileyo, umququzeleli walo akafanele avakalelwe kukuba ukhululekile ukuba eli phulo liyasilela. Ufanele ayihlolisise ngenyameko kwangaphambili indlela abaya kuchatshazelwa ngayo ngokomoya nangokwenyama abazalwana bakhe ukuba eli phulo aliphumeleli. Abo baneembopheleleko zobuthixo bafanele baziphaphele ngokukhethekileyo iindlela zabo zokuziphilisa kuba abanye banokubahlonela baze babathembe ngomlinganiselo othile. Bekungayi kufaneleka ukukusebenzisa kakubi ukuthenjwa okunjalo. Amalungelo enkonzo engcwele unokuphulukana nawo umzalwana ukuba akahlonelwa ngabanye.
4 Usukelo lwethu lufanele lube kukuba “zonke izinto zenzelwe ukwakhana.” (1 Kor. 14:26) Simele sikuphephe ukwenza nantoni ephembelela urhwebo ebandleni okanye ekhuthaza lona. Izinto ezinjalo azinanto yakwenza nokuhlanganisana kwethu ndawonye okungokweZibhalo.—Heb. 10:24, 25.