Oko Kuthenjiswa ‘Ngokuphela KoThixo Oyinyaniso’
UYEHOVA UTHIXO wabeka isibini sokuqala esingabantu kwiparadesi esemhlabeni—umyezo wase-Eden. Wabayalela ukuba babe nabantwana baze ‘bawoyise umhlaba,’ nto leyo eyayiquka ukwandisa ikhaya labo eliyiParadesi njengoko intsapho yabo yayisanda. (Genesis 1:26-28; 2:15) Ngaba iya kuze izaliseke injongo kaThixo yokuba abantu baphile kamnandi kwiparadesi esemhlabeni?
Ngokwenene iza kuzaliseka! Isiprofeto seBhayibhile sithi, ‘UYehova okunene uya kuginya ukufa ngonaphakade yaye ngokuqinisekileyo uya kosula iinyembezi ebusweni bonke.’ Xa oku kusenzeka, “kuya kuthiwa: “Khangela! Lo nguThixo wethu. Besithembele kuye, ibe uya kusisindisa. Lo nguYehova. Besithembele kuye. Masivuye sibe nemihlali ngosindiso lwakhe.’”—Isaya 25:8, 9.
Incwadi yokugqibela yeBhayibhile ichaza indlela oya kuba yiyo umhlaba emva kokuba liphelile eli hlabathi okanye inkqubo yezinto elawulwa nguSathana. Ngokuphathelele ‘umhlaba omtsha’ obunjwa ngabantu abathanda uThixo, iBhayibhile ithi: “Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:1-4.
Zivuyisa ngokwenene ezo zithembiso. Kodwa ngaba sifanele sizikholelwe? Cinga nje ngendlela ukufa kukaYesu okulidini nemimangaliso awayenzayo okusisiseko ngayo sako nakuphi na uThixo athi uya kukufeza.—2 Korinte 1:20.
UYesu Unikela Ngobomi Bakhe Njengentlawulelo
Xa uSathana waphembelela uAdam ukuba angamthobeli uThixo aze one, yonke inzala ka-Adam yasizuza njengelifa isono sakhe. IBhayibhile ithi: “Kanye njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” Kodwa le ngxelo yeBhayibhile ihlabela mgama isithi: “Kwanangentobelo yomntu omnye [uYesu ofezekileyo] abaninzi baya kwenziwa amalungisa.” (Roma 5:12, 19) Njengoko kubonisiwe kwinqaku lokuqala lolu ngcelele, uYesu ‘nguAdam wokugqibela,’—lowo “uphuma ezulwini”—nowanikela ngobomi bakhe ‘njengentlawulelo ngenxa yabaninzi.’—1 Korinte 15:45, 47; Mateyu 20:28.
Ngoko bonke ababonisa ukholo kuYesu ‘banokukhululwa [kwisono] ngentlawulelo’ baze baphile ngonaphakade. (Efese 1:7; Yohane 3:36) Ngokuqinisekileyo iyasivuyisa into yokuba uYehova uThixo ethande ihlabathi loluntu kangangokude anikele ngoNyana wakhe njengoMsindisi wethu! (Luka 2:10-12; Yohane 3:16) Ukuhlolisisa oko uYesu wakwenzela uluntu olubandezelekileyo kwinkulungwane yokuqala kusikrobisa kwikamva. Yaye oko kwenziwa nguYesu kubalasele ngokwenene!
Izinto Ezisikrobisa Kwihlabathi Elitsha
UYesu wayekwazi ukuphilisa nawuphi umntu ogulayo owayesiziswa kuye. Kwakungekho namnye angakwazi kumphilisa, enoba wayegula kangakanani na. Ukongezelela, wondla amawakawaka ngokungummangaliso ngeentlanzi nezonka nje ezimbalwa, yaye oko wakwenza izihlandlo eziliqela.—Mateyu 14:14-22; 15:30-38.
Xa uYesu wavula amehlo endoda eyayizelwe ingaboni, abamelwane nabahlobo bayo, bavuyiswa gqitha nguloo mmangaliso, kodwa iinkokeli zonqulo zamaYuda azizange zithande. Ngoko le ndoda yayivulwe amehlo yaqiqa nazo ngelithi: “Kwakudala akuzange kuviwe ukuba nabani na wavula amehlo alowo uzelwe eyimfama. Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo, ebengenakwenza nto konke konke.”—Yohane 9:32, 33.
Ngexesha lobulungiseleli bukaYesu, umza wakhe uYohane uMbhaptizi owayesentolongweni, wathumela abantu ukuze bangqine ngezinto ezazenziwe nguYesu. IBhayibhile ithi: “Ngelo lixa [uYesu] waphilisa abaninzi kwizigulo nezifo ezibuhlungu noomoya abangendawo, waza wanika abantu abaziimfama abaninzi ubabalo lokubona.” Emva koko uYesu wathi kwaba babethunyiwe: “Hambani niye kuxela kuYohane oko nikubonileyo nenikuvileyo: iimfama ziyabona, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa nezithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa.”—Luka 7:18-22.
Khawufan’ ucinge: Xa into entle ikhe yenzeka ngaphambili, ngaba loo nto ayikuniki themba lokuba inokuphinda yenzeke? Ngemimangaliso awayenzayo, uYesu wabonisa ngomlinganiselo omncinane oko aya kukwenza ngokupheleleyo ebudeni bolawulo lwakhe njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. Imimangaliso awayenzayo ibubungqina bokuba wayethunywe nguThixo yaye ngokwenene wayenguNyana kaThixo.
Xa kulawula uBukumkani bukaThixo, ziya kuzaliseka ngokoqobo iziprofeto eziphathelele izinto ezibalaseleyo. Njengoko kwakuxelwe kwangaphambili, aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu, isiqhwala siya kutsiba njengexhama, yaye akusayi kubakho mntu ugulayo. Kuya kubakho uxolo nonqabiseko kuwo wonke umhlaba. Kwanezilwanyana eziyingozi ngoku ziya kuba seluxolweni kunye nabantu.—Isaya 9:6, 7; 11:6-9; 33:24; 35:5, 6; 65:17-25.
Ngaba ungathanda ukuphila ngonaphakade, ulawulwa buBukumkani bukaThixo phantsi kwezi meko? UYesu wachaza oko umele ukwenze xa wathandaza wathi kuYise: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ngamana ungangavumeli nantoni na ikuthintele njengoko uqhubeka ungenisa olo lwazi lunik’ ubomi.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UThixo uthembisa ukuba umhlaba uza kuba nje