IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/09 iphe. 28-29
  • Ngaba Iinkxwaleko Sisohlwayo Esivela KuThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Iinkxwaleko Sisohlwayo Esivela KuThixo?
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Abanquli Abathembekileyo Behlelwa Ziintlekele
  • Umthombo Weengxaki
  • Zonke Iinkxwaleko Sele Ziza Kuphela
  • Ngaba UThixo Uyasohlwaya Ngezinto Ezibuhlungu Ezenzeka Kuthi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • UYobhi—Indoda Yonyamezelo Nengqibelelo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Isifundo Ngendlela Yokusingatha Iingxaki
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • UYobhi Walizukisa Igama LikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 1/09 iphe. 28-29

Imbono YeBhayibhile

Ngaba Iinkxwaleko Sisohlwayo Esivela KuThixo?

Emva kokufumanisa ukuba linomhlaza, elinye ibhinqa elineminyaka engaphezu kwama-50 ubudala lathi, “Ndivakalelwa kukuba ndiyohlwaywa.” Licinga ngesiphoso elasenzayo kwiminyaka edluleyo, lafikelela kwesi sigqibo: “Kumele ukuba le yindlela uThixo andixelela ngayo ukuba ndamona.”

XA BETHWAXWA ziinkxwaleko, abantu abaninzi baye bacinge ukuba uThixo uyabohlwaya ngenxa yeziphoso abazenza kwixa elidluleyo. Bakufikelwa ziingxaki ezininzi baye bakhalaze bathi: “Kutheni ezi ngxaki zisehlela mna nje? Yintoni endiyenzileyo?” Ngaba sifanele sigqibe kwelokuba iingxaki esinazo sisohlwayo esivela kuThixo? Ngaba ngokwenene iinkxwaleko sisohlwayo esivela kuThixo?

Abanquli Abathembekileyo Behlelwa Ziintlekele

Khawucinge ngoko kuthethwa yiBhayibhile ngoYobhi. Waphulukana nobutyebi bakhe ngequbuliso. Emva koko, abantwana bakhe babulawa ngumoya omkhulu. Kungekudala emva koko, waba nesifo esenyanyekayo. (Yobhi 1:13-19; 2:7, 8) Ezi nkxwaleko zabangela uYobhi ukuba adanduluke athi: “Isandla sikaThixo sindichukumisile.” (Yobhi 19:21) Ngokucacileyo, ngokufanayo nabaninzi namhlanje, uYobhi wayevakalelwa kukuba uThixo uyamohlwaya.

Noko ke, iBhayibhile ibonisa ukuba ngaphambi kokuba uYobhi ehlelwe zezi ngxaki, uThixo wachaza uYobhi ‘njengendoda engenakusoleka nethe tye, eyoyika uThixo nephambukayo ebubini.’ (Yobhi 1:8) Ekubeni kubonakala ukuba uThixo wayekholiswa nguYobhi, kucacile ukuba iinkxwaleko ezamehlelayo zazingesosohlwayo esivela kuThixo.

Eneneni, eBhayibhileni kukho iingxelo ezininzi ezithetha ngabantu abehlelwa ziintlekele nakuba babethembekile. Nangona wayengumkhonzi kaThixo onyanisekileyo, uYosefu wavalelwa iminyaka entolongweni, emsulwa. (Genesis 39:10-20; 40:15) UmKristu owayethembekile, uTimoti ‘wayekhathazwa yimpilo.’ (1 Timoti 5:23) KwanoYesu Kristu ongazange enze sono, waphathwa ngenkohlakalo waza wabulawa kabuhlungu. (1 Petros 2:21-24) Ngenxa yoko, akuchananga ukuthi iinkxwaleko sisohlwayo esivela kuThixo. Ngoko ke, ukuba uThixo akasithwaxi ngeenkxwaleko, zibangelwa ngubani?

Umthombo Weengxaki

IBhayibhile ibonisa ukuba iingxaki zikaYobhi zazibangelwa nguSathana uMtyholi. (Yobhi 1:7-12; 2:3-8) Ngaphezu koko, ibonisa ukuba nguSathana obangela iingxaki zabantu, xa isithi: “Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.” (ISityhilelo 12:12) ‘Njengomlawuli weli hlabathi,’ uSathana uye waphembelela abantu abaninzi ukuba benze izinto ezimbi yaye oko kuye kwaphumela kwiingxaki nentlungu engathethekiyo.—Yohane 12:31; INdumiso 37:12, 14.a

Noko ke, asifanele sikhawuleze sibek’ ityala uMtyholi ngazo zonke iingxaki ezisehlelayo. Kuba sazalwa sinesono yaye singafezekanga, sityekele ekwenzeni izigqibo zobuyatha ezinokusifaka engxakini. (INdumiso 51:5; Roma 5:12) Ngokomzekelo, cinga ngomntu osuka ayeke ukutya yaye angaphumli ngokwaneleyo. Xa lo mntu egula, ngaba unokubek’ ityala uMtyholi? Akunjalo, uvuna imiphumo yokungasebenzisi ngqiqo. (Galati 6:7) Kwimeko enjalo kuzaliseka amazwi eBhayibhile athi: “Bubudenge bomntu wasemhlabeni obugqwetha indlela yakhe.”—IMizekeliso 19:3.

Okokugqibela, simele siqonde ukuba iingxaki ezininzi ngumphumo ‘wexesha nesihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ (INtshumayeli 9:11) Cinga ngomntu ofunyanwa sisiphango esendleleni. Unokuba manzi nje kancinane okanye abe manzi tixi, kuxhomekeka ukuba imvula imfumana endawoni. Ngokufanayo, kula ‘maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ sisenokwehlelwa ziingxaki ezininzi. (2 Timoti 3:1-5) Indlela esichaphazeleka ngayo zezo ngxaki idla ngokuxhomekeka kwiimeko esiphila kuzo, ekusenokungabikho nto ingako sinokuyenza ngazo. Ngaba oku kuthetha ukuba iinkxwaleko azisokuze ziphele?

Zonke Iinkxwaleko Sele Ziza Kuphela

Okuvuyisayo kukuba, uYehova uThixo uza kuziphelisa zonke iinkxwaleko kungekudala. (Isaya 25:8; ISityhilelo 1:3; 21:3, 4) Okwangoku, ubonisa ukuba usikhathalele ‘ngokusiyalela nangentuthuzelo yeZibhalo’ ukuze sikwazi ukuhlangabezana neengxaki, njengoko sikhangele phambili kwikamva eliqaqambileyo, elingekude. (Roma 15:4; 1 Petros 5:7) Ngelo xesha, abo bangamalungisa ngokwembono kaThixo baya kuphila ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha elingenazo iinkxwaleko.—INdumiso 37:29, 37.

[Umbhalo osemazantsi]

a Funda inqaku elithi “Imbono YeBhayibhile: Ngubani USathana? Ngaba Ngumntu Wokwenene?” kuVukani! kaFebruwari 2007.

NGABA WAKHA WACINGA NGOKU?

◼ Ngaba iinkxwaleko zehlela abangendawo kuphela?—Yobhi 1:8.

◼ Ngaba uMtyholi ubekek’ ityala ngazo zonke iingxaki ezisehlelayo?—Galati 6:7.

◼ Ngaba iinkxwaleko azisokuze ziphele?—ISityhilelo 21:3, 4.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]

“Bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.”—INtshumayeli 9:11

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share