IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/10 iphe. 3
  • Abantu Abangakholelwa Kubukho BukaThixo Baphum’ Iphulo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantu Abangakholelwa Kubukho BukaThixo Baphum’ Iphulo
  • Vukani!—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Uya Kuthini Kumntu Ongakholelwayo Kubukho BukaThixo?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
  • Iziqulatho
    Vukani!—2010
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Ngaba Inzululwazi Inobungqina Bokuba Akakho UThixo?
    Vukani!—2010
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 11/10 iphe. 3

Abantu Abangakholelwa Kubukho BukaThixo Baphum’ Iphulo

KUKHO iqela elitsha labantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo. Eli qela litsha lithetha phandle ngeenkolelo zalo. Lisephulweni yaye ngokutsho kombhali wemihlathi uRichard Bernstein, “lizimisele ukweyisela abantu abakholelwa kuThixo ukuba batshintshe iinkolelo zabo.” Lifuna ukweyisela nkqu nabantu abathi akukho bungqina bokuba ukho okanye akakho uThixo. Kubo izicacele into yokuba uThixo akakho qha!

USteven Weinberg owawongwa ngembasa kaNobel wathi: “Ihlabathi kufuneka liyeke ukuzingcungcuthekisa ngeenkolelo zonqulo. Thina njengezazinzulu sifanele senze nantoni na ukunciphisa impembelelo yonqulo yaye oko ekugqibeleni kunokuba yeyona nto inkulu sakha sayenzela abantu.” Esinye isixhobo esisetyenziswayo ziincwadi ekubonakalayo ukuba ziyawuvuselela umdla wabantu abaninzi, kuba iincwadi ezintsha zabantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo ziphakathi kwezona zithengwa kakhulu.

Unqulo lungunobangela wobukho babantu abatsha abangakholelwayo kubukho bukaThixo, kuba abantu badikiwe ziicawa, ngabanqolobi neengxaki ezenzeka ehlabathini. Enye indoda engakholelwayo kubukho bukaThixo ithi: “Unqulo lutyhefa yonke into.” Ukongezelela, le ‘tyhefu’ iquka neenkolelo zonqulo eziqhelekileyo kungekuphela nje iimbono ezibaxiweyo. Aba bantu batsha bangakholelwayo kubukho bukaThixo bathi izinto ezifundiswa ziicawa zifanele zibhencwe, zilahlwe zize zithatyathelw’ indawo ziimbono ezikrelekrele ezisekelwe kwingqiqo nakwizibakala. USam Harris, naye ongakholelwayo kubukho bukaThixo uthi, abantu abafanele boyike ukuthetha phandle “ngobuvuvu” obubhalwe eBhayibhileni nakwiKoran. “Asinakuthula kusonakala kuba sisoyika ukukhubekisa abantu beecawa.”

Ngoxa aba bantu batsha bangakholelwayo kubukho bukaThixo bethetha kakubi ngonqulo, bayayihlonela inzululwazi yaye bambi bade bathi inzululwazi iyabuphikisa ubukho bukaThixo. Kodwa ngaba ngokwenene iyabuphikisa ubukho bakhe? Kona, ngaba ingakwazi ukubuphikisa? Lo kaHarris uthi: “Ekugqibeleni linye icala eliza kuphumelela kule mpikiswano yaye elinye liza kubuya nemband’ esikhova.”

Liliphi icala ocinga ukuba liza kuphumelela? Njengoko ucinga ngale mpikiswano, zibuze: ‘Ngaba kuyingozi ukukholelwa kuMdali? Ngaba ihlabathi beliya kuba bhetele kakhulu ukuba wonk’ umntu ebesithi uThixo akakho?’ Makhe sihlole oko kutshiwo zezinye izazinzulu nezithandi-zobulumko ngenkolelo yokungabikho kukaThixo, ngonqulo nangenzululwazi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share