Okwenzeka Ehlabathini
“Amanani abantu abatshatayo eNgilani naseWales aye ehla aya kutsho kwizinga eliphantsi ukususela oko kwabakho iingxelo yemitshato ngowe-1862.—IOFISI YOBALO MANANI ELIZWE, EBRITANI.
Ngaphezu kwesiqingatha sabaphathi beenkampani ezincinane zabucala eUnited States “balindele ukuba kubekho into yexabiso ebiwa ngabasebenzi [kwinkampani] kungekapheli nonyaka.”—IREUTERS NEWS SERVICE, EUNITED STATES.
Kungekapheli nonyaka kusekwe iphulo lokuvala iWebhsayithi ezinamanyala kwi-Intanethi, iNational Office Against Pornographic and Illegal Publications ithi, abasemagunyeni eTshayina “sebevale iiwebhsayithi zamanyala ezingaphezulu kwama-60 000.”—ICHINA DAILY, ETSHAYINA.
“Abantu abangaphezu kwezigidi ezingama-215—okanye isithathu ekhulwini kubemi bomhlaba—ngoku abahlali kumazwe abo.”—IUNITED NATIONS INTERNATIONAL FUND FOR AGRICULTURAL DEVELOPMENT, EITALI.
“Kubantwana besikolo abali-19 abazibulala mihla le eIndiya, abathandathu kubo bazibulala kuba besoyika ukutshona iimviwo.”—INDIA TODAY INTERNATIONAL, EINDIYA.
Iindlela Zokutsalela Abantu Kumashishini Okungcakaza
Ngokomlinganiselo, eJamani amakhoboka okungcakaza aphulukana nemali ephindwe ngaphezu kweshumi kunaleyo yabantu abangekakhotyokiswa. Iphephandaba eliphuma yonke imihla iSüddeutsche Zeitung lithi, la makhoboka okungcakaza “asisiseko seli shishini.” Ukuze afumane inzuzo, amashishini okungcakaza ayila imidlalo noomatshini ngohlobo lokuba abangcakazayo babe ngamakhoboka ako. Okukhona oomatshini besiba nesantya esiphezulu kokukhona umdlali engakwazi kuzilawula aze abe likhoboka. Ezi ndlela zoshishino ziyasebenza—ama-56 ekhulwini kwimali efunyanwa kwaba matshini ivela kumakhoboka okungcakaza. Bangama-38 ekhulwini abaya kwiicasino; ngoxa bengama-60 ekhulwini abangcakaza ngeIntanethi.
Ixesha Elifanelekileyo Lokuvela Phambi Kwejaji
Ngaba zikho izinto ezinokuba nefuthe kwisigwebo senkundla? Olunye uhlolisiso lubonisa ukuba oko kunokwenzeka. Iqela labaphandi lafumanisa ukuba iijaji ezinamava zakwaSirayeli ziye zakhupha izigwebo zokungakhathali ezingaphezu kwe-1 000. Olo hlolisiso lwafumanisa ukuba emva kwekhefu lesidlo nokuphunga, iijaji zithanda ukuyekelela kwizigwebo zazo, zisuke kumlinganiselo wama-65 ekhulwini de kuphantse ukuba njalo kuzo zonke ziphinde zikhawuleze zibuyele kuma-65 ekhulwini emva kwekhefu elilandelayo. Abaphandi bagqiba ekubeni izigwebo azisoloko zivisisana nezibakala nomthetho kodwa “zinokuphenjelelwa zezinye izinto ezingenakuthanani nomthetho.”