Abaselula Bayabuza
Ngaba Kuphosakele Ukuba Yindumasi?
Khetha impendulo echanileyo kwezi:
Yiyiphi into elungileyo kwezi? ․․․․․
A. kukusoloko uyindumasi?
B. kukuba yindumasi ngamaxesha athile?
C. kukungaze ube yindumasi?
IMPENDULO echanileyo “nguB.” Ngoba? Kaloku ukuduma kuthetha ukuthandwa ngabantu abaninzi—yaye akusoloko kuphosakele oko! IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba amaKristu ayeya kuba ‘lukhanyiselo lweentlanga’ yaye abantu babeza kutsaleleka kuwo. (Isaya 42:6; IZenzo 13:47) Xa sicinga ngoko, sinokutsho ukuba amaKristu adumile.
Ngaba ubusazi ukuba?
UYesu wayeyindumasi. Naxa wayeselula, ‘wayekholeka kuThixo nasebantwini.’ (Luka 2:52) IBhayibhile ithi xa wayesele emdala, “izihlwele ezikhulu zamlandela zivela eGalili naseDekapoli naseYerusalem nakwelakwaYuda nangaphesheya kweYordan.”—Mateyu 4:25.
Kutheni kwakufanelekile nje oko kuduma?
Kungenxa yokuba uYesu wayengazifuneli uzuko okanye udumo ibe wayengazami ukuzithandisa kwabanye. UYesu wayesenza nje okulungileyo—isenzo esasibangela ukuba athandwe maxa wambi. (Yohane 8:29, 30) Kwangaxeshanye, uYesu wayeqonda ukuba abo bantu babenokumjikela ethubeni. Loo nto wayivuma xa wayechaza ukuba abantu babeza kumbulala!—Luka 9:22.
Eyona Into Ibalulekileyo:
Udumo lufana nobutyebi. Ukuba nalo akusoloko kuphosakele. Ingxaki zizinto ezenziwa ngabantu ukuze balufumane okanye bangaphulukani nalo.
Isilumkiso!
Abaninzi abaselula baxolele ukwenza nantoni na ukuze bafumane udumo. Abanye bazama ukukholisa izihlwele. Abanye bade banyanzele abantu ukuba babathande—kwanokuba benjenjalo kuba besoyika.a
Kwiphepha elilandelayo, siza kuqwalasela ezi ndlela zimbini zobuqhophololo abantu bazifunela udumo ngazo. Emva koko sinikele ingqalelo kweyona ndlela ifanelekileyo.
a IBhayibhile isichazela ngabaxhaphazi ekwakusithiwa ‘ziiNefili,’ ekubhekiselwa kuzo ngokuthi ‘ngamadoda adumileyo.’ Eyona nto zazinomdla kuyo kukuzizukisa.—Genesis 6:4.