IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/12 iphe. 3
  • Okungekho Sesikweni Kubangela Intlungu!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okungekho Sesikweni Kubangela Intlungu!
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Bungaze Bubekhona Ubulungisa Emhlabeni?
    Imixholo Engakumbi
  • Amapolisa—Liyintoni Ikamva Lawo?
    Vukani!—2002
  • Ngaba UThixo Uya Kuze Enze Nantoni Na Ngokungekho Sikweni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Xa Wena Okanye Abanye Bephethwe Kakubi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 5/12 iphe. 3

Okungekho Sesikweni Kubangela Intlungu!

NGOWAMA-2010, uMichael wakhululwa kwintolongo yaseTexas, eUnited States, emva kokuthothoza iminyaka engama-27 yokudlwengula—ityala angazange alenze. Wakhululwa emva kokuba uhlolisiso lweDNA—olwalungekho ngexesha lokubanjwa kwakhe—lungqine ukuba umsulwa. Kamva abasemagunyeni bazifumana ezona zaphuli-mthetho, kodwa azatshutshiswa ngenxa yokwala komthetho kuba kwakusele kudlule ixesha elide.

Zininzi izaphuli-mthetho ezibhungcayo emthethweni. Ngokomzekelo, eBritani ingxelo yeThe Telegraph yathi: “Aye anda ngokuphindiweyo amatyala okubulawa kwabantu angekaconjululwa kule minyaka ilishumi idluleyo, nto leyo ibangela uloyiko lokuba amapolisa neenkundla ziyoyiswa kukulwa nogonyamelo.”

NgoAgasti 2011, amapolisa aseBritani atsala nzima kolunye uhlobo lolwaphulo-mthetho—uqhankqalazo olwaluseBirmingham, eLiverpool, eLondon nakwezinye iindawo. Engalawuleki loo mahlokondiba ayentumeka imililo, esaphula iifestile yaye ephanga impahla, ngoko engatshabalalisi amashishini, imizi neemoto nje kuphela kodwa etshabalalisa nobomi babantu. Yayiyintoni injongo? Kwabaninzi yayikukubawa. Noko ke, abanye babesilwa nxamnye nokungekho sesikweni. Abanye abasasazi bathi, kusenokwenzeka ukuba abo baqhankqalazi babecaphukile ngenxa “yokucalulwa,” abaselula kubo bevakalelwa kukuba urhulumente akanaxesha labo baza bakhulela entluphekweni bengenathemba lakamva.

UYobhi ekuthethwa ngaye eBhayibhileni wathi: “Ndiyaqhubeka ndikhalela uncedo, kodwa akukho okusesikweni.” (Yobhi 19:7) Ngokufanayo ke namhlanje, abaninzi bakhalela okusesikweni, kodwa basoloko bengahoywa. Ngaba ngokwenene ukhona umntu onokukwazi ukuphelisa okungekho sesikweni? Okanye ngaba kukuzintwanisa ukuba nethemba lokuba kuya kuze kubekho okusesikweni? Ukuze sifumane impendulo eyanelisayo, simele sihlolisise ezona zinto zibangela okungekho sesikweni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share