IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/12 iphe. 2
  • Ibhokisi Yemibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhokisi Yemibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Zaphul’ intliziyo, Ziphelis’ ukholo
    Vukani!—2007
  • Kuthekani Ukuba Singamahlwempu Ekhaya?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Amandla Enyaniso Okulungisa Isimilo Somntu
    Vukani!—1991
  • UYehova Uyawusikelela Umoya Wokuzithandela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
km 6/12 iphe. 2

Ibhokisi Yemibuzo

◼ Yintoni esifanele sicinge ngayo xa sifuna ukushiya inxalenye okanye yonke impahla yethu kwintlangano kaYehova, emva kokufa kwethu?

Xa umntu esifa, akasakwazi ukulawula izinto zakhe eziphathekayo. (INtshu. 9:5, 6) Ngenxa yoko, ngaphambi kokuba bafe, abantu abaninzi badla ngokubhala ilifa elichaza indlela ezifanele zabiwe ngayo izinto zabo. (2 Ku 20:1) Olu xwebhu lusemthethweni lukwachaza negama lalowo unembopheleleko yokwaba izinto zomfi. Ukuba olu xwebhu alukhange lwenziwe, abasemagunyeni baya kukhangela izalamane zomfi ezisondeleyo baze bazinike ilifa lakhe. Ngoko ke, ukuba kukho abantu esifuna bafumane inxalenye yelifa lethu, mhlawumbi sifuna ethile okanye yonke impahla yethu iye kwintlangano kaYehova, kubalulekile ukuba sibhale uxwebhu olusemthethweni oluchaza oku, size sikhethe ngobulumko lowo uya kwaba eli lifa. Kwakhona, qiniseka ukuba uyawachazela amalungu entsapho yakho, ingakumbi ukuba akangomaNgqina. Oku kuya kuthintela ukuxambulisana nentsapho kuba icinga ukuba lifanele lifunyanwe yiyo ilifa lakho.

Umabi-lifa unembopheleleko enzima. Ukuqokelela nokwaba impahla yomfi kunokuquka iinkcukacha ezininzi kuze kutye nexesha, kuxhomekeka kubungakanani baloo mpahla. Ukongezelela, abasemagunyeni badla ngokuba nemithetho ethile ekufuneka ilandelwe, ngenxa yoko kusenokufuneka ukhethe umntu ofaneleka ngokusemthethweni, njengegqwetha okanye isazi semali. Asifanele sikhethe naliphi na ilungu lebandla ukuba labe ilifa lethu. Sifanele sikhethe umntu esaziyo ukuba unobuchule, unyanisekile yaye uza kukwazi ukuthobela iminqweno yethu.—Funda inqaku elithi “The Wisdom and Benefits of Estate Planning,” kuVukani! wesiNgesi kaDisemba 8, 1998

Xa Ucelwa Ukuba Wabe Ilifa: Ukuba uyacelwa ukuba wabe ilifa lomntu othile emva kokufa kwakhe, cingisisa kakuhle uze uthandaze ngalo mba ukuze uqonde enoba uza kukwazi kusini na ukwenza oku. (Luka 14:28-32) Emva kokufa kwaloo mntu, kuza kufuneka uchazele bonke abo abashiyele ilifa. Emva koko, usakuba ufumene igunya lokwenjenjalo, nguwe ekuza kufuneka wabe izinto zomfi ngokuvumelana nomthetho nangendlela alahlule ngayo ilifa lakhe. Umntu owaba ilifa ufanele aqonde ukuba akafanele enze unothanda ngelifa lomfi, enoba lincinane okanye likhulu. Naziphi na izipho ezinikwa umbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova ziyinxalenye yeminikelo yentlangano kaYehova.—Luka 16:10; 21:1-4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share