Abantu abasoze bakwazi ukuziphelisa iimfazwe
Ziza Kuphela Njani Iimfazwe Nemilo?
IBhayibhile ithi ngu Thixo, kungekhona abantu, aba nokukwazi ‘ukuphelisa iimfazwe emhlabeni wonke.’—INdumiso 46:9.
UTHIXO UZAKUBATSHABALALISA OORHULUMENTE BABANTU
IBhayibhile isixelela ukuba uThixo uzakubatshabalalisa oorhulumente babantu kwimfazwe ebizwa ngokuba yiArmagedon.a (ISityhilelo 16:16) Ngeloxesha, ‘ookumkani bomhlaba wonke’, baza kuqokelelwa “kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.” (ISityhilelo 16:14) Akukho mfazwe iyakuphinda ibekho emhlabeni emva kwemfazwe kaThixo iArmagedon.
UThixo uzakumisa uBukumkani bakhe endaweni yoorhulumente babantu, obuza kulawula ezulwini nobungasoze butshatyalaliswe. (Daniyeli 2:44) UThixo ukhethe uNyana wakhe uYesu Kristu ukuba abe nguKumkani wobo Bukumkani. (Isaya 9:6, 7; Mateyu 28:18) BobuBukumkanib uYesu owafundisa abalandeli bakhe ukuba babuthandazele. (Mateyu 6:9, 10) Xa kulawula uYesu bonke abantu bazakumanyana phantsi korhulumente omnye.
Ngokwahlukileyo kubalawuli babantu, uYesu akazukusebenzisa igunya lakhe ukuze kungenelwe yena. Kuba enobulungisa yaye engakhethi buso, akukho mntu uzakuba nexhala lokuba uzakuphathwa kakubi ngenxa yohlanga, ubuzwe nemvelaphi yakhe. (Isaya 11:3, 4) Nabantu abazukulwela amalungelo abo. Ngoba? Kuba uYesu uzokwanelisa wonke umntu. “Uza kuwasindisa amahlwempu nabo bakhalela uncedo, abangathathi ntweni nabangenamncedi. . . . Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela.”—INdumiso 72:12-14.
UBukumkani bukaThixo buza kuzitshabalalisa zonke izixhobo zokulwa iimfazwe. (Mika 4:3) Buzakutshabalalisa nabantu abenza izinto zimbi, abangafuni kuyeka ukulwa nabo baphazamisa uxolo lwabanye. (INdumiso 37:9, 10) Bonke abantu abasemhlabeni bazakuziva bekhuselekile.—Hezekile 34:28.
Xa kulawula uBukumkani bukaThixo wonke umntu uzakuphila ubomi obumnandi. Buza kuziphelisa neengxaki ezenza abantu balwe njengokusokola, indlala, nokungabinazindlu. Wonke umntu uzakuba nokutya okuninzi okusempilweni nendawo yokuhlala ekhuselekileyo.—INdumiso 72:16; Isaya 65:21-23.
UBukumkani bukaThixo buza kuziphelisa zonke izinto ezibuhlungu ezenziwe ziimfazwe. Loo nto ayiquki nje amanxeba asemzimbeni kodwa buza kuziphelisa nezigulo eziphazamisa ingqondo neemvakalelo ezibangelwe ziimfazwe. Nabo baye bafa bazakuvuswa baze baphile kwakhona emhlabeni. (Isaya 25:8; 26:19; 35:5, 6) Iintsapho zizakuphinda zidibane zibe kunye, kwaye abantu abasoze baphinde bazikhumbule izinto ezimbi ebezikhe zenzeka kuba ‘izinto zangaphambili zizakube zingasekho.’—ISityhilelo 21:4.
UTHIXO UZAKUPHELISA ISONO
UBukumkani bukaThixo buza kwenza abantu bamanyane baze bakhonze uYehova c, “uThixo onothando nonika uxolo.” (2 Korinte 13:11) Abantu bazakufunda ukuhlalisana ngoxolo. (Isaya 2:3, 4; 11:9) Bonke abo bathobela uThixo bazakukhululwa esonweni baze bangabi nasono.—Roma 8:20, 21.
UTHIXO UZAKUMTSHABALALISA USATHANA NEEDEMON ZAKHE
UBukumkani bukaThixo buza kubatshabalalisa abo babangela iimfazwe, uSathana needemon zakhe. (ISityhilelo 20:1-3, 10) Xa abantu abenza izinto ezimbi bengasekho, “kuza kuhlala kukho uxolo.”—INdumiso 72:7.
Ungaqiniseka ukuba isithembiso sikaThixo sokuphelisa imilo neemfazwe sizakwenzeka kuba unawo umnqweno namandla okuziphelisa.
uThixo unobulumko namandla okuphelisa imilo neemfazwe. (Yobhi 9:4) Akukho nto angenakukwazi ukuyenza.—Yobhi 42:2.
UThixo akathandi ukubona abantu behlupheka. (Isaya 63:9) “Uyamcaphukela nabani na othanda ubundlobongela’’.—INdumiso 11:5.
UThixo uyayenza into ayithethileyo ibe akasoze axoke.—Isaya 55:10, 11; Tito 1:2.
UThixo uzakuzisa uxolo olungasoze luphele.
UThixo uza kuziphelisa iimfazwe
a Funda inqaku elithi “Yintoni Imfazwe YeArmagedon?” ku-jw.org/xh.
b Bukela ividiyo ethi: Yintoni UBukumkani BukaThixo? ku-jw.org/xh.
c UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.