Duteronomi 25:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 “Xa athe umntu wahlala ndawonye nomntakwabo waza wafa omnye kubo engenanyana, umfazi walowo ufileyo makangendeli ngaphandle kwindoda yasemzini. Umntakwabo ndoda yakhe ufanele amthabathe abe ngumfazi wakhe, enze kuye umtshato wongeno.+ Duteronomi 25:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Wothi ke owamazibulo athe wamzala abizwe ngegama lomntakwabo ofileyo,+ ukuze lingacinywa igama lakhe kwaSirayeli.+ Rute 1:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Kodwa uNahomi wathi: “Buyelani, zintombi zam. Kutheni nifanele nihambe nam? Ndisenabo na oonyana ezibilinini zam, yaye ngaba baya kuba ngamadoda enu na?+ Mateyu 22:24 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 24 “Mfundisi, uMoses wathi, ‘Ukuba nawuphi na umntu ufa engenabantwana, umntakwabo umele atshate umfazi wakhe aze amvelisele inzala umntakwabo.’+
5 “Xa athe umntu wahlala ndawonye nomntakwabo waza wafa omnye kubo engenanyana, umfazi walowo ufileyo makangendeli ngaphandle kwindoda yasemzini. Umntakwabo ndoda yakhe ufanele amthabathe abe ngumfazi wakhe, enze kuye umtshato wongeno.+
6 Wothi ke owamazibulo athe wamzala abizwe ngegama lomntakwabo ofileyo,+ ukuze lingacinywa igama lakhe kwaSirayeli.+
11 Kodwa uNahomi wathi: “Buyelani, zintombi zam. Kutheni nifanele nihambe nam? Ndisenabo na oonyana ezibilinini zam, yaye ngaba baya kuba ngamadoda enu na?+
24 “Mfundisi, uMoses wathi, ‘Ukuba nawuphi na umntu ufa engenabantwana, umntakwabo umele atshate umfazi wakhe aze amvelisele inzala umntakwabo.’+