IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 9:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Kuba ngeli xesha ndiya kuthumela zonke izibetho zam nxamnye nentliziyo yakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho namnye unjengam emhlabeni wonke.+

  • Eksodus 15:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova?+

      Ngubani na onjengawe, wena uvethe amandla obungcwele?+

      Wena ungowokoyikwa+ ngeengoma zokudumisa,+ Wena wenza izinto ezimangalisayo.+

  • 2 Samuweli 7:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Kungenxa yoko le nto umkhulu ngokwenene,+ Nkosi enguMongami Yehova; kuba akakho omnye onjengawe,+ kungekho naThixo ngaphandle kwakho+ phakathi kwabo bonke esive ngabo ngeendlebe zethu.

  • INdumiso 83:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Ukuze abantu bazi+ ukuba wena, ogama linguYehova,+

      Nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo+ phezu komhlaba wonke.+

  • INdumiso 86:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  8 Akukho unjengawe phakathi koothixo, Yehova,+

      Yaye akukho misebenzi injengeyakho.+

  • Isaya 46:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Khumbulani izinto zakuqala zexesha lakudala,+ ukuba ndinguLowo Ungokobuthixo+ yaye akakho omnye uThixo,+ okanye nabani na onjengam;+

  • Yeremiya 10:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Akukho namnye unjengawe, Yehova.+ Umkhulu, negama lakho likhulu ngamandla.+

  • Roma 9:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Kuba iSibhalo sithi kuFaro: “Ndikuyekile ukuba uhlale, ukuze ndiwabonakalise ngawe amandla am, nokuze igama lam livakaliswe kuwo wonke umhlaba.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share