26 Wathi: “Ukuba uthe waliphulaphula ngenyameko ilizwi likaYehova uThixo wakho, wenza okulungileyo emehlweni akhe, wayibekela indlebe imiyalelo yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe,+ andiyi kubeka phezu kwakho nasinye kwezo zifo ndizibekileyo phezu kwamaYiputa;+ kuba ndinguYehova okuphilisayo.”+