IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yoshuwa 15:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Umda wenyuka waya kwintlambo yonyana kaHinom+ ukuya ethambekeni lamaYebhusi+ ngasemzantsi, oko kukuthi, eYerusalem;+ umda wenyuka waya phezulu entabeni ejongene nentlambo yaseHinom ukuya ngasentshona, engasekupheleni kwentili yamaRefa+ ukuya ngasentla.

  • 2 Kronike 28:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Yena waqhumisa+ umbingelelo kwintlambo yonyana kaHinom+ waza watshisa oonyana bakhe+ emlilweni, ngokwezinto ezicekisekayo+ zeentlanga ezo uYehova wazigxothayo phambi koonyana bakaSirayeli.+

  • Yeremiya 7:31
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 Kwaye bazakhile iindawo eziphakamileyo zaseTofete,+ esentlanjeni yoonyana bakaHinom,+ ukuze batshise oonyana babo neentombi zabo emlilweni,+ nto leyo ndingabayalelanga yona nengathanga qatha entliziyweni yam.’+

  • Yeremiya 19:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Kwaye umele uphume uye entlanjeni yonyana kaHinom,+ engaseSangweni leeNkamba. Yaye apho umele ubhengeze amazwi endiya kuwathetha kuwe.+

  • Mateyu 5:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Ke mna ndithi kuni, wonk’ ubani oqhubeka equmbele+ umzalwana wakhe uya kuphenduliswa+ kwinkundla yokusesikweni; kodwa nabani na obiza umzalwana wakhe ngegama elingathethekiyo lendelelo uya kuphenduliswa kwiNkundla Ephakamileyo; kanti nabani na othi, ‘Sidengendini esingento yanto!’ uya kuba sisisulu somlilo weGehena.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share