ABagwebi 8:23 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 23 Kodwa uGidiyon wathi kuwo: “Mna ngokwam andiyi kunilawula, engayi kunilawula nonyana wam.+ UYehova nguye oya kunilawula.”+ 1 Samuweli 10:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 Kodwa nina—namhlanje nimgatyile uThixo wenu+ owayengumsindisi wenu kubo bonke ububi benu nokubandezeleka kwenu, naza naqhubeka nathi: “Hayi, kodwa ufanele ubeke ukumkani phezu kwethu.” Ke kaloku zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu+ nangokwamawaka enu.’” 1 Samuweli 12:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Xa nabona ukuba uNahashe+ ukumkani woonyana baka-Amon unifikele, namana nisithi kum, ‘Hayi, kodwa sifanele silawulwe ngukumkani!’+ lonke elo xesha ke uYehova uThixo wenu enguKumkani wenu.+ INdumiso 74:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Ukanti uThixo nguKumkani wam kususela kudala,+NguLowo ubangela usindiso oluzukileyo emhlabeni.+ Isaya 33:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Kuba uYehova nguMgwebi wethu,+ uYehova nguMmisi-mthetho wethu,+ uYehova nguKumkani wethu;+ yena uya kusisindisa.+
23 Kodwa uGidiyon wathi kuwo: “Mna ngokwam andiyi kunilawula, engayi kunilawula nonyana wam.+ UYehova nguye oya kunilawula.”+
19 Kodwa nina—namhlanje nimgatyile uThixo wenu+ owayengumsindisi wenu kubo bonke ububi benu nokubandezeleka kwenu, naza naqhubeka nathi: “Hayi, kodwa ufanele ubeke ukumkani phezu kwethu.” Ke kaloku zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu+ nangokwamawaka enu.’”
12 Xa nabona ukuba uNahashe+ ukumkani woonyana baka-Amon unifikele, namana nisithi kum, ‘Hayi, kodwa sifanele silawulwe ngukumkani!’+ lonke elo xesha ke uYehova uThixo wenu enguKumkani wenu.+
22 Kuba uYehova nguMgwebi wethu,+ uYehova nguMmisi-mthetho wethu,+ uYehova nguKumkani wethu;+ yena uya kusisindisa.+