IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ABagwebi 8:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Kodwa uGidiyon wathi kuwo: “Mna ngokwam andiyi kunilawula, engayi kunilawula nonyana wam.+ UYehova nguye oya kunilawula.”+

  • 1 Samuweli 10:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Kodwa nina—namhlanje nimgatyile uThixo wenu+ owayengumsindisi wenu kubo bonke ububi benu nokubandezeleka kwenu, naza naqhubeka nathi: “Hayi, kodwa ufanele ubeke ukumkani phezu kwethu.” Ke kaloku zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu+ nangokwamawaka enu.’”

  • 1 Samuweli 12:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Xa nabona ukuba uNahashe+ ukumkani woonyana baka-Amon unifikele, namana nisithi kum, ‘Hayi, kodwa sifanele silawulwe ngukumkani!’+ lonke elo xesha ke uYehova uThixo wenu enguKumkani wenu.+

  • INdumiso 74:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Ukanti uThixo nguKumkani wam kususela kudala,+

      NguLowo ubangela usindiso oluzukileyo emhlabeni.+

  • Isaya 33:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Kuba uYehova nguMgwebi wethu,+ uYehova nguMmisi-mthetho wethu,+ uYehova nguKumkani wethu;+ yena uya kusisindisa.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share