2 Samuweli 21:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Bandula ke bawangcwaba amathambo kaSawule nakaYonatan unyana wakhe kwilizwe lakwaBhenjamin eTsela+ kwindawo yokungcwaba kaKishe+ uyise, ukuze benze yonk’ into awayeyiyalele ukumkani. Ngoko uThixo wasabela akubongozwa ngenxa yelizwe emva koku.+ 1 Kronike 21:27 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 27 Ngaphezu koko, uYehova wathetha ilizwi kwingelosi,+ yaza yalibuyisela ikrele layo esingxotyeni salo. 2 Kronike 33:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Yaye waqhubeka ethandaza Kuye, kangangokuba Yena wasabela kwisibongozo+ sakhe ibe Yena wakuva ukucela kwakhe ubabalo wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe;+ wamazi ke uManase uYehova ukuba unguTHIXO oyinyaniso.+ Isaya 19:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 UYehova uya kuyibetha ngesibetho iYiputa.+ Iya kubethwa ngesibetho ize iphiliswe;+ baya kubuyela kuYehova,+ aze asabele akubongozwa ngabo, abaphilise.+
14 Bandula ke bawangcwaba amathambo kaSawule nakaYonatan unyana wakhe kwilizwe lakwaBhenjamin eTsela+ kwindawo yokungcwaba kaKishe+ uyise, ukuze benze yonk’ into awayeyiyalele ukumkani. Ngoko uThixo wasabela akubongozwa ngenxa yelizwe emva koku.+
27 Ngaphezu koko, uYehova wathetha ilizwi kwingelosi,+ yaza yalibuyisela ikrele layo esingxotyeni salo.
13 Yaye waqhubeka ethandaza Kuye, kangangokuba Yena wasabela kwisibongozo+ sakhe ibe Yena wakuva ukucela kwakhe ubabalo wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe;+ wamazi ke uManase uYehova ukuba unguTHIXO oyinyaniso.+
22 UYehova uya kuyibetha ngesibetho iYiputa.+ Iya kubethwa ngesibetho ize iphiliswe;+ baya kubuyela kuYehova,+ aze asabele akubongozwa ngabo, abaphilise.+