IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Samuweli 7:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Ke kaloku makube kuwe ukuyisikelela+ indlu yomkhonzi wakho ukuze iqhubeke ukusa kwixesha elingenammiselo phambi kwakho;+ kuba wena ngokwakho, Nkosi enguMongami Yehova, uthembisile, yaye ngenxa yentsikelelo yakho indlu yomkhonzi wakho mayisikelelwe ukusa kwixesha elingenammiselo.”+

  • 2 Samuweli 14:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Kwaye intsapho isuke yonke nxamnye nesicakakazi sakho yaye ithi, ‘Sinike umbethi womntakwabo, ukuze simbulale ngenxa yomphefumlo womntakwabo+ ambuleleyo,+ ewe masiyibhubhise indlalifa!’ Yaye ngokuqinisekileyo baya kuwucima umlilo wamalahle am eenkuni oseleyo, khon’ ukuze kungabikho gama nantsalela yabelwa indoda yam phezu komhlaba.”+

  • 1 Kumkani 15:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Kuba, ngenxa kaDavide,+ uYehova uThixo wakhe wamnika isibane+ eYerusalem ngokuvelisa unyana wakhe emva kwakhe nokugcina iYerusalem ikho,+

  • 2 Kumkani 8:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Yaye uYehova akazange afune ukumonakalisa uYuda+ ngenxa kaDavide umkhonzi wakhe,+ kanye njengoko wayemthembisile ukumnika isibane+ ngalo lonke ixesha yena noonyana bakhe.

  • Luka 1:69
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 69 Kwaye uye waluphakamisa uphondo+ losindiso lwethu kwindlu kaDavide umkhonzi wakhe,

  • IZenzo 15:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 ‘Emva kwezi zinto ndiya kubuya ndize ndiwakhe umnquba kaDavide owe phantsi; yaye ndiya kubuya ndiwakhe amanxuwa awo ndize ndiwumise kwakhona,+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share