IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 21:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Kodwa abantu belo lizwe babaxabela bonke abo babemenzele iyelenqe+ uKumkani uAmon. Bandula abantu belo lizwe benza uYosiya+ unyana wakhe ukumkani esikhundleni sakhe.

  • 2 Kumkani 22:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 UYosiya+ wayeneminyaka esibhozo ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka engamashumi amathathu ananye eYerusalem. Igama likanina lalinguYedida intombi ka-Adaya waseBhotsekati.+

  • 2 Kumkani 23:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Isibingelelo esasiseBheteli,+ indawo ephakamileyo eyayenziwe nguYerobhoham+ unyana kaNebhati, owonisa uSirayeli,+ kwaneso sibingelelo nendawo ephakamileyo, wazidiliza. Wandula ke wayitshisa indawo ephakamileyo; wayisila yaluthuli waza wasitshisa isibonda esingcwele.

  • 2 Kumkani 23:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Ngemihla yakhe uFaro Neko+ ukumkani waseYiputa weza kukumkani waseAsiriya ngakuMlambo umEfrate,+ yaye uKumkani uYosiya waya kumhlangabeza;+ kodwa kamsinya akumbona wambulalela+ eMegido.+

  • 2 Kronike 34:33
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 33 Emva koko uYosiya washenxisa zonke izinto ezicekisekayo+ kuwo onke amazwe oonyana bakaSirayeli,+ yaye wenza ukuba bonke ababefunyanwa kwaSirayeli bakhonze, ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo. Yonke imihla yakhe abaphambukanga ekulandeleni uYehova uTHIXO wookhokho babo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share