IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 26:33
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 33 Ndonichithachitha phakathi kweentlanga,+ ndikhuphe ikrele lam esingxotyeni salo emva kwenu;+ liphanziswe ilizwe lenu,+ nezixeko zenu zibe ngamanxuwa aphanzileyo.

  • Duteronomi 4:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 ngoko ke namhlanje amazulu nomhlaba+ ngamangqina am okuba, niya kutshabalala ngokukhawuleza ezweni eniwela iYordan nisiya kulidla ilifa. Anisayi kuyandisa imihla yenu kulo, ngokuba niya kubhujiswa ngokuqinisekileyo.+

  • Duteronomi 28:36
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 36 UYehova wokusa wena+ nokumkani wakho+ oya kummisa phezu kwakho kuhlanga ongalwaziyo, wena nookhokho bakho; wokhonza khona thixo bambi, abenziwe ngomthi namatye.+

  • Duteronomi 28:64
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 64 “Uya kunichithachitha ngokuqinisekileyo uYehova phakathi kwezizwana zonke ukususela esiphelweni somhlaba kuse esiphelweni somhlaba,+ ukhonze thixo bambi khona ongabazanga, wena nookhokho bakho, abenziwe ngomthi nangelitye.+

  • 2 Kumkani 23:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Kodwa uYehova wathi: “NoYuda+ ndiya kumshenxisa phambi kwam,+ kanye njengoko ndimshenxisile uSirayeli;+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kusigatya esi sixeko ndisinyulileyo, yona kanye iYerusalem, nendlu endithe ngayo, ‘Igama lam liya kuqhubeka lilapho.’”+

  • Yeremiya 24:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 ndiza kubanikela ukuba bangcangcazeliswe, babe yinto yentlekele, kuzo zonke izikumkani zomhlaba,+ babe lungcikivo+ nomzekelo, babe sisigculelo nesiqalekiso,+ kuzo zonke iindawo endiya kubasasazela kuzo.+

  • Yeremiya 25:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Neli lizwe lonke limele libe yindawo ephanzileyo, into yokukhwankqiswa, nezi ntlanga ziya kumkhonza ukumkani waseBhabhiloni iminyaka engamashumi asixhenxe.”’+

  • Hezekile 12:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 ‘“Kuba mna, Yehova, ndiya kuthetha elo lizwi ndiya kulithetha, yaye liya kwenzeka.+ Akuyi kubekelwa elinye ixesha kwakhona,+ kuba ngemihla yenu,+ ndlundini inemvukelo, ndiya kuthetha ilizwi ndize ngokuqinisekileyo ndilenze,” itsho iNkosi enguMongami uYehova.’”

  • Hezekile 24:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Mna, Yehova, ndithethile.+ Kumele kuze,+ yaye ndiza kukwenza. Andiyi kungakhathali,+ ndingayi kuba nosizi+ ndaye ndingayi kuzisola.+ Ngokuqinisekileyo baya kukugweba ngokweendlela zakho nangokwezenzo zakho,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share