Duteronomi 33:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Wathi: “UYehova—wavela eSinayi,+Wakhazimla kwaSehire phezu kwabo.+Waqaqamba ekummandla weentaba wakwaParan,+Waye enamashumi amawaka angcwele,+Ekunene kwakhe ingamadoda akhe okulwa.+ 2 Kumkani 6:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 Yaye uElisha wathandaza+ esithi: “Owu Yehova, khawuncede uvule amehlo akhe,+ ukuze abone.” Ngoko nangoko uYehova wawavula amehlo omlindi, kangangokuba wabona; yaye khangela! ummandla weentaba wawuzele ngamahashe neenqwelo zokulwa+ zomlilo zijikeleze uElisha.+ Daniyeli 7:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Kwakuqukuqela umsinga womlilo uphuma phambi kwakhe.+ Kwakukho amawaka aliwaka awayelungiselela phambi kwakhe,+ neshumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka elalimi kanye phambi kwakhe.+ Yahlala phantsi iNkundla,+ kwaza kwavulwa iincwadi. Mateyu 26:53 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 53 Okanye ucinga ukuba andinako ukubongoza uBawo andibonelele ngawo lo mzuzu ngemikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini?+ ISityhilelo 5:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Ndabona, ndaza ndeva ilizwi leengelosi ezininzi ezijikeleze itrone nezidalwa eziphilayo nabadala, yaye inani lazo lalingamashumi amawaka aphindwe ngamashumi amawaka+ namawaka amawaka,+
2 Wathi: “UYehova—wavela eSinayi,+Wakhazimla kwaSehire phezu kwabo.+Waqaqamba ekummandla weentaba wakwaParan,+Waye enamashumi amawaka angcwele,+Ekunene kwakhe ingamadoda akhe okulwa.+
17 Yaye uElisha wathandaza+ esithi: “Owu Yehova, khawuncede uvule amehlo akhe,+ ukuze abone.” Ngoko nangoko uYehova wawavula amehlo omlindi, kangangokuba wabona; yaye khangela! ummandla weentaba wawuzele ngamahashe neenqwelo zokulwa+ zomlilo zijikeleze uElisha.+
10 Kwakuqukuqela umsinga womlilo uphuma phambi kwakhe.+ Kwakukho amawaka aliwaka awayelungiselela phambi kwakhe,+ neshumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka elalimi kanye phambi kwakhe.+ Yahlala phantsi iNkundla,+ kwaza kwavulwa iincwadi.
53 Okanye ucinga ukuba andinako ukubongoza uBawo andibonelele ngawo lo mzuzu ngemikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini?+
11 Ndabona, ndaza ndeva ilizwi leengelosi ezininzi ezijikeleze itrone nezidalwa eziphilayo nabadala, yaye inani lazo lalingamashumi amawaka aphindwe ngamashumi amawaka+ namawaka amawaka,+