IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 9:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Umlindi+ wayemi kwinqaba+ yaseYizereli,+ yaye wayibona indimbane yamadoda kaYehu njengoko wayesiza, kwaoko wathi: “Ndibona indimbane yamadoda.” UYehoram wathi: “Thabatha ijoni elikhwela ihashe uze ulithumele liye kuwahlangabeza, lize lithi, ‘Luxolo na?’”+

  • Isaya 62:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Ndimisele abalindi phezu kweendonga zakho, Yerusalem.+ Imini yonke nobusuku bonke, rhoqo, mabangathi cwaka.+

      “Nina nikhankanya uYehova,+ musani ukuthula,+

  • Yeremiya 51:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Ziphakamiseleni umqondiso iindonga zaseBhabhiloni.+ Qinisani ukulinda.+ Misani abalindi. Lungisani abo balalelayo.+ Kuba uYehova uyile ingcinga yaye ngokuqinisekileyo uya kukwenza oko akuthethileyo nxamnye nabemi baseBhabhiloni.”+

  • Hezekile 3:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 “Nyana womntu, ndikwenze umlindi kwindlu kaSirayeli,+ yaye umele uve intetho emlonyeni wam uze ke ubalumkise bona ngokusuka kum.+

  • Hezekile 33:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 ngokwenene yalibona ikrele lisiza elizweni yaza yavuthela isigodlo ilumkisa abantu,+

  • Habhakuki 2:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Ndiya kuqhubeka ndimi endaweni yam yokulinda,+ yaye ndiya kuqhubeka ndimi kudonga lokukhusela; ndihlale ndilindile,+ ukuze ndibone oko aya kukuthetha kum+ noko ndiya kukuphendula xa ndisohlwaywa.+

  • Mateyu 24:45
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 45 “Ngubani ngokwenene olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi+ ethe inkosi yalo yalimisela phezu kwempahla yendlu yayo, ukuze liyinike ukutya kwayo ngexesha elifanelekileyo?+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share