IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yeremiya 2:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Ububi bakho bufanele bukulungise,+ nezenzo zakho zokungathembeki zifanele zikohlwaye.+ Yazi, ke, uze ubone ukuba ukumshiya kwakho uYehova uThixo wakho yinto embi nekrakra,+ nokuba akukhange unkwantye ndim,’+ itsho iNkosi enguMongami,+ uYehova wemikhosi.

  • Yeremiya 3:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Kumendo ohanjwe kakhulu kuvakele isandi, ukulila, izibongozo zoonyana bakaSirayeli. Kuba bayijijile indlela yabo;+ bamlibele uYehova uThixo wabo.+

  • Yeremiya 13:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Liqashiso lakho elo, isahlulo osilinganiselweyo sivela kum,”+ utsho uYehova, “ngenxa yokuba undilibele+ kwaye uhlala ukholosa ngobuxoki.+

  • Yeremiya 16:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Owu Yehova mandla am negwiba lam, nendawo yam yokusabela ngomhla wokubandezeleka,+ iintlanga ziya kuza kuwe zivela eziphelweni zomhlaba,+ zithi: “Eneneni ookhokho bethu badla ilifa lobuxoki obupheleleyo,+ amampunge nezinto ekungekho nto iyingenelo kuzo.”+

  • Yeremiya 17:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Owu Yehova, themba likaSirayeli,+ bonke abo bakushiyayo baya kuhlaziswa.+ Abo bawexukayo kum+ baya kubhalwa phantsi emhlabeni, ngenxa yokuba bawushiyile umthombo wamanzi aphilayo, uYehova.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share