IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • IMizekeliso 21:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Umbingelelo wabangendawo yinto ecekisekayo.+ Kobeka phi na xa ubani ewuzisa kunye nehambo evakalala.+

  • Isaya 1:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Yekani ukuzisa nayiphi na iminikelo engakumbi yokudla okuziinkozo engenaxabiso.+ Isiqhumiso—siyinto ecekisekayo kum.+ Ukuthwasa kwenyanga+ nesabatha,+ ukubizwa kwendibano+—andinakukunyamezela ukusetyenziswa kwamandla angaqhelekanga+ kunye nendibano engcwele.

  • Yeremiya 7:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 nize ke nifike nime phambi kwam kule ndlu elibiziweyo kuyo igama lam,+ nithi, ‘Ngokuqinisekileyo siya kuhlangulwa,’ phezu kwako nje ukwenza zonke ezi zinto zicekisekayo?

  • Hezekile 23:39
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 39 Bakuba ke bexhelele izithixo zabo ezinezothe+ oonyana babo bada beza nasengcweleni yam ngaloo mini ukuze bayihlambele,+ khangela! benze oko ngaphakathi endlwini yam.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share