3 Kuwo onke amaphondo ahlukahlukeneyo,+ naphi na apho ilizwi likakumkani nomthetho wakhe wawufikelele khona, kwakukho ukuzila okukhulu+ phakathi kwamaYuda, nokuzila ukutya+ nokulila nokwenza isijwili. Kwabaninzi kwakwandlalwe irhonya+ nothuthu+ ngokungathi sisingqengqelo.