IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 5:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Ngoko ke kanye njengoko ulwimi lomlilo luzidla luzigqibe iindiza+ nengca eyomileyo ihla iye edangatyeni, yona kanye ingcambu yabo iya kuba njengevumba lokuvunda,+ nentyatyambo yabo iya kunyuka kanye njengomgubo, ngenxa yokuba bawugatyile umthetho kaYehova wemikhosi,+ abalihlonela ilizwi laLowo Ungcwele kaSirayeli.+

  • Yeremiya 4:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Unyuke njengengonyama iphuma entshinyeleni yayo,+ yaye lowo wonakalisa iintlanga undulukile;+ uphumile endaweni yakhe ukuze enze ilizwe lakho libe yinto ekhwankqisayo. Izixeko zakho ziya kuwa zibe ngamanxuwa, zingabi nabemi.+

  • Yeremiya 7:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Khangela! Umsindo wam nobushushu bam buthululelwa phezu kwale ndawo,+ phezu koluntu naphezu kwesilwanyana sasekhaya, naphezu komthi wasendle+ naphezu kwesiqhamo somhlaba; umele uvuthe, kwaye awuyi kucima.’+

  • Hezekile 20:47
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 47 Uze uthi kwihlathi lasemzantsi, ‘Live ilizwi likaYehova. Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabona, ndikutshisa ngomlilo,+ kwaye umele uqwenge kuwe wonke umthi osafumileyo nawo wonke umthi owomileyo.+ Idangatye elivuthayo aliyi kucinywa,+ yaye bonke ubuso bumele butshiswe nguwo ukususela emzantsi ukusa emntla.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share