IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 19:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 AmaYiputa aya kudubadubeka,+ ndilitshitshise icebo lawo.+ Yaye ngokuqinisekileyo aya kubhenela koothixo+ abangenaxabiso nakwabasebenzisa amakhubalo nakwabaneshologu nakubaxeli-ziganeko kwangaphambili abaziinkunkqele.+

  • Isaya 47:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Udiniwe bubuninzi babacebisi bakho. Ke kaloku, mabeme baze bakusindise, abanquli bamazulu, abo bakhangela iinkwenkwezi,+ abo bathi ekuthwaseni kweenyanga bazise ngezinto eziya kukufikela.

  • Daniyeli 2:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Aphendula amaKhaledi phambi kokumkani, athi: “Akukho mntu kulo mhlaba womileyo unokukwazi ukwenza ngokomyalelo kakumkani, njengoko kungekho kumkani uzukileyo narhuluneli yakha yabuza into enjengale kuye nawuphi na umbingeleli oqhelisela umlingo okanye konobugqi okanye kumKhaledi.

  • Daniyeli 2:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Waphendula uDaniyeli wathi kukumkani: “Azikho izilumko, nabantu abanobugqi, nababingeleli abaqhelisela imilingo, nabavumisi ngeenkwenkwezi abanokukwazi ukuyityhila le mfihlelo kakumkani.+

  • Daniyeli 4:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 “Bafika ke ababingeleli abaqhelisela imilingo, nabo banobugqi, namaKhaledi,+ nabavumisi ngeenkwenkwezi;+ ndabaxelela iphupha elo, kodwa abakwazanga kundichazela intsingiselo yalo.+

  • Daniyeli 5:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Ukumkani wadanduluka ngamandla wathi makuziswe abo banobugqi namaKhaledi nabavumisi ngeenkwenkwezi.+ Wathi ukumkani kwizilumko zaseBhabhiloni: “Umntu othe wanako ukuwufunda lo mbhalo, wayichaza nentsingiselo yawo, uya kwambeswa ngezimfusa,+ afakwe nentsimbi yomqala yegolide entanyeni yakhe, aze alawule njengowesithathu ebukumkanini.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share