ISityhilelo
20 Ndabona ingelosi isihla iphuma ezulwini inesitshixo senzonzobila+ nomxokelelwane omkhulu esandleni sayo. 2 Yayibamba inamba,+ loo nyoka+ yantlandlolo, enguMtyholi,+ uSathana,+ yaza yayibopha iminyaka eliwaka. 3 Yayiphosa enzonzobileni+ yaza yayivala, yayitywina, ukuze ingabi nakuzilahlekisa iintlanga kwakhona de kuphele iminyaka eliwaka. Emva koko iya kukhululwa ithuba elincinane.+
4 Ndabona iitrone,+ yaye abo babehleli kuzo banikwa igunya lokugweba.+ Ewe, ndabona imiphefumlo yabo babebulewe ngezembe ngenxa yobungqina ababunikelayo ngoYesu nangenxa yokuthetha ngoThixo, nabo babengalinqulanga irhamncwa+ nomfanekiso walo+ nababengalwamkelanga uphawu ebunzini labo okanye esandleni sabo.+ Babuyela ebomini baza balawula njengookumkani+ kunye noKRISTU iminyaka eliwaka. 5 (Abanye abafileyo+ abazange babuyele ebomini kwada kwaphela iminyaka eliwaka.)+ Luvuko lokuqala ke olo.+ 6 Unoyolo+ yaye ungcwele+ lowo unesabelo kuvuko lokuqala; ukufa kwesibini+ akunagunya+ kubo, kodwa baya kuba ngababingeleli+ bakaThixo nabakaKRISTU, balawule njengookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.+
7 Iya kuthi ke yakuphela iminyaka eliwaka, akhululwe uSathana entolongweni, 8 aphume aye kulahlekisa iintlanga ezikwiimbombo zone zomhlaba, uGogi noMagogi, abahlanganisele emfazweni. Inani lingangentlabathi yaselwandle.+ 9 Banyuka kububanzi bomhlaba, bayirhawula inkampu yabo bangcwele+ nesixeko esithandiweyo.+ Kodwa kwehla umlilo uphuma ezulwini waza wabadla.+ 10 UMtyholi+ owayebalahlekisa waphoswa edikeni lomlilo nesalfure, apho lalisele liphoswe khona irhamncwa+ nomprofeti wobuxoki;+ yaye baya kuthuthunjiswa imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.
11 Ndaza ndabona itrone enkulu emhlophe nalowo wayehleli kuyo.+ Umhlaba nezulu zasaba zemka phambi kwakhe,+ zaza azafunyanelwa ndawo. 12 Kwaye ndababona nabafileyo, abakhulu nabancinane,+ bemi phambi kwetrone, nemisongo yayivuliwe. Kodwa kwavulwa omnye umsongo; umsongo wobomi.+ Baza abafileyo bagwetywa ngokwezinto ezibhalwe kuloo misongo ngokwezenzo zabo.+ 13 Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa neHadesi kwabakhupha abafileyo+ abalapho, bagwetywa elowo ngokwezenzo zakhe.+ 14 Kwaza ukufa+ neHadesi kwaphoswa edikeni lomlilo. Oku kuthetha ukufa+ kwesibini, idike lomlilo.+ 15 Ngapha koko, nabani na ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi+ waphoswa edikeni lomlilo.+