Roma
14 Mamkeleni umntu obuthathaka+ elukholweni, kodwa ningaphikisani nezimvo+ zakhe. 2 Omnye umntu unokholo lokutya yonk’ into,+ kodwa umntu obuthathaka utya imifuno. 3 Lowo utyayo makangamjongeli phantsi lowo ungatyiyo,+ nalowo ungatyiyo makangamgwebi lowo utyayo, kuba uThixo umamkele lowo. 4 Ungubani na wena ukuba ugwebe isicaka sendlu somnye?+ Ukuma okanye ukuwa kwaso kusenkosini yaso.+ Eneneni, siya kwenziwa sime, kuba uYehova unako ukusenza sime.+
5 Omnye umntu uthi umhla othile ubalulekile kunomnye;+ wumbi ke uthi imihla iyafana;+ mntu ngamnye makaqiniseke kweyakhe ingqiqo. 6 Lowo ugcina umhla uwugcinela uYehova. Kanjalo, lowo utyayo, utyela uYehova,+ kuba uyabulela kuThixo;+ nalowo ungatyiyo engatyi nje wenzela uYehova,+ ukanti uyabulela kuThixo.+ 7 Akukho namnye kuthi, enyanisweni, ophilela yena kuphela,+ yaye akukho bani ufela yena kuphela; 8 kuba ukuba siyaphila, siphilela uYehova,+ yaye ukuba siyafa, sifela uYehova.+ Ngoko ke ukuba siyaphila nokuba siyafa, singabakaYehova.+ 9 Kuba ngenxa yoku uKristu wafa waza wabuyela ebomini kwakhona,+ ukuze abe yiNkosi yabafileyo+ nabaphilayo.+
10 Kodwa kutheni umgweba nje umzalwana wakho?+ Okanye kutheni umjongela phantsi nje umzalwana wakho? Sonke siya kuma phambi kwesihlalo sokugweba+ sikaThixo; 11 kuba kubhaliwe kwathiwa: “‘Njengoko ndiphila,’ utsho uYehova,+ ‘onke amadolo aya kugoba kum, yaye zonke iilwimi ziya kumvuma ekuhleni uThixo.’”+ 12 Ngamnye wethu uya kuziphendulela kuThixo.+
13 Ngoko ke masingabi sagwebana,+ kodwa kunoko zenzeleni esi sigqibo,+ sokuba ningamkhubekisi+ umzalwana+ okanye nimwise. 14 Ndiyazi yaye ndeyisekile kwiNkosi uYesu ukuba akukho nto iyinqambi ngokwayo;+ kuphela kuxa umntu eyigqala into njengenqambi, ethi ibe yinqambi kuye.+ 15 Kuba ukuba ngenxa yokutya umzalwana wakho uba buhlungu, akusahambi ngokuvumelana nothando.+ Musa ukumonakalisa ngokutya kwakho lowo uKristu wamfelayo.+ 16 Musani, ke ngoko, ukuvumela okulungileyo enikwenzayo kuthethwe kakubi ngako. 17 Kuba ubukumkani bukaThixo+ abuthethi kutya nakusela,+ kodwa buthetha ubulungisa+ noxolo+ novuyo+ ngomoya oyingcwele. 18 Lowo uthi ngokubhekisele koku abe likhoboka likaKristu wamkelekile kuThixo yaye ukholekile ebantwini.+
19 Ngoko, ke, masisukele izinto ezisingisa eluxolweni+ nezinto ezakhayo komnye nomnye.+ 20 Musa ukuchitha umsebenzi kaThixo ngenxa nje yokutya.+ Enyanisweni, zonke izinto zicocekile, kodwa kubi kuloo mntu uthi ngokutya akhubekise.+ 21 Kuhle ukuba ungatyi nyama okanye ungaseli wayini okanye ungenzi nantoni na emkhubekisayo umzalwana wakho.+ 22 Ukholo onalo, yiba nalo ngokuvumelana nawe emehlweni kaThixo.+ Unoyolo umntu ongazibeki ekugwetyweni ngoko akholiswa kuko. 23 Kodwa lowo uthandabuzayo, ukuba uthe watya+ sele egwetyelwe isohlwayo, kuba akatyi ngokwaselukholweni. Eneneni, yonk’ into engasuki lukholweni isisono.+