Numeri
14 Yaza ke yonke indibano yaliphakamisa ilizwi layo, balikhupha abantu ilizwi labo, balila+ bonke obo busuku. 2 Bonke oonyana bakaSirayeli bambombozela kuMoses noAron,+ yathi kubo yonke indibano: “Akwaba besifele ezweni laseYiputa, okanye akwaba besifele kule ntlango! 3 Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwe likrele?+ Abafazi nabantwana bethu baza kuphangwa.+ Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?”+ 4 Batsho nokuthi omnye komnye: “Masizimisele intloko, sibuyele eYiputa!”+
5 Bawa ngobuso+ uMoses noAron phambi kwebandla lonke lendibano yoonyana bakaSirayeli. 6 UYoshuwa unyana kaNun+ noKalebhi unyana kaYefune,+ ababekwabo babelihlolile ilizwe, bazikrazula izambatho zabo,+ 7 bathi kwindibano yonke yoonyana bakaSirayeli: “Ilizwe esadlula kulo silihlola, lilizwe elihle kunene.+ 8 Ukuba uYehova uyayoliswa sithi,+ wosisa ngokuqinisekileyo kweli lizwe, asinike, ilizwe eliqukuqela ubisi nobusi.+ 9 Kuphela nje musani ukumvukela uYehova;+ musani ukuboyika abantu belo lizwe,+ kuba basisonka sethu. Limkile ikhusi labo kubo,+ yaye uYehova unathi.+ Musani ukuboyika.”+
10 Kodwa ke, yonke indibano yathi mabagityiselwe ngamatye.+ Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova ententeni yokuhlangana kubo bonke oonyana bakaSirayeli.+
11 Ekugqibeleni wathi uYehova kuMoses: “Kuya kude kube nini na+ singandihloneli+ esi sizwana, yaye kuya kude kube nini na singakholwa kum ngemiqondiso yonke endiyenzileyo phakathi kwaso?+ 12 Ndiya kusibetha ngendyikitya yokufa ndize ndisigxothe, wena ndikwenze uhlanga olukhulu nolunamandla kunaso.”+
13 Kodwa wathi uMoses kuYehova: “Nakanjani na aya kuva amaYiputa ukuba wasikhupha esi sizwana ngamandla akho phakathi kwawo.+ 14 Yaye nakanjani na aya kubaxelela abemi beli lizwe. Bavile nabo ukuba wena Yehova uphakathi kwesi sizwana,+ oye wabonakala ubuso ngobuso kuso.+ Nokuthi unguYehova, nelifu lakho limi phezu kwaso, kwaye uhamba phambi kwaso emqulwini welifu emini nasemqulwini womlilo ebusuku.+ 15 Ukuba uthe wasibulala esi sizwana njengandoda-nye,+ zotsho ngokuqinisekileyo iintlanga eziluvileyo udumo lwakho ukuthi, 16 ‘Kungenxa yokuba uYehova akakwazanga ukusingenisa esi sizwana ezweni abesifungele lona, le nto asibuleleyo nje entlango.’+ 17 Ngoko, nceda, Yehova, makabe makhulu amandla akho,+ kanye njengoko wathethayo, wathi, 18 ‘UYehova, ozeka kade umsindo+ nonobubele bothando obuninzi,+ oxolela isiphoso nokunxaxha,+ kodwa ongakhe amsindise ofanelwe kukohlwaywa,+ ozisa isohlwayo sesiphoso sooyise koonyana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana.’+ 19 Nceda usixolele isiphoso sesi sizwana ngokobukhulu bobubele bakho bothando, kanye njengoko usixoleleyo esi sizwana ukususela eYiputa kude kube ngoku.”+
20 Wandula wathi uYehova: “Ndiyasixolela ngokwelizwi lakho.+ 21 Yaye, kwelinye icala, ndiphila nje, buya kuwuzalisa umhlaba wonke ubuqaqawuli bukaYehova.+ 22 Kodwa bonke abantu ababubonileyo ubuqaqawuli bam+ nemiqondiso yam+ endayenzayo eYiputa nasentlango baza sekunjalo bandivavanya+ ezi zihlandlo zilishumi, abaliphulaphula ilizwi lam,+ 23 bona abasokuze balibone ilizwe endalifungela ooyise, ewe, bonke abo bangandihlonelanga abasokuze balibone.+ 24 Ke yena umkhonzi wam uKalebhi,+ ngenxa yokuba eye waba nomoya owahlukileyo waza wandilandela ngokupheleleyo,+ ndiya kumngenisa ngokuqinisekileyo ezweni aye waya kulo, ilidle ilifa inzala yakhe.+ 25 Njengoko ama-Amaleki namaKanan+ ehleli entilini, ndulukani nina ngomso nisinge entlango ngendlela eya kuLwandle Olubomvu.”+
26 Waqhubeka ethetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi: 27 “Kuya kude kube nini na indimbombozelela le ndibano ingendawo?+ Ndikuvile ukumbombozela koonyana bakaSirayeli abandimbombozelela ngako.+ 28 Yithi kubo, ‘“Ndiphila nje,” utsho uYehova, “inene ndiya kwenza kanye njengoko nithethileyo ezindlebeni zam!+ 29 Izidumbu zenu ziya kuwa+ kule ntlango, ewe, nabo bonke ababalwayo kuni ngokwenani lenu lonke ukususela kwabanamashumi amabini eminyaka ubudala ukusa phezulu, nina bandimbombozeleleyo.+ 30 Ke nina, aniyi kungena ezweni endaliphakamisela isandla sam+ ndifunga ukuba ndinihlalise kulo, ngaphandle kukaKalebhi unyana kaYefune noYoshuwa unyana kaNun.+
31 “‘“Ke abantwana benu ebenisithi baya kuphangwa,+ ndiya kubangenisa nabo, balazi ngokuqinisekileyo ilizwe eniligatyileyo.+ 32 Kodwa nina izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango.+ 33 Yaye oonyana benu baya kuba ngabalusi entlango+ iminyaka engamashumi amane, baphendule ngesenzo senu sohenyuzo,+ zide ziphele izidumbu zenu entlango.+ 34 Ngokwenani leentsuku enalihlola ngazo ilizwe, iintsuku ezingamashumi amane,+ usuku lube ngunyaka,+ niya kuphendula ngeziphoso zenu iminyaka engamashumi amane,+ ukuze nazi ukuba kuthetha ukuthini na ukwahlukaniswa kwam nani.+
35 “‘“Ndithethile nje mna Yehova, inene ndiya kukwenza oku kule ndibano yonke engendawo,+ leyo ehlanganisene ndawonye nxamnye nam: Baya kuphelela kule ntlango, bafele kuyo.+ 36 Ke amadoda awayewathumele uMoses ukuba alihlole ilizwe, aza abuya, ayenza yambombozela yonke indibano nxamnye naye, ngokuzisa ingxelo embi ngalo ilizwe,+ 37 ewe, loo madoda azisa ingxelo embi ngelizwe elo aya kufa sisibetho phambi koYehova.+ 38 Kodwa yena uYoshuwa unyana kaNun noKalebhi unyana kaYefune ngokuqinisekileyo baya kuqhubeka bephila, kuloo madoda ebeye kuhlola ilizwe.”’”+
39 Akuwathetha uMoses la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli, benza isijwili esikhulu abantu.+ 40 Ngaphezu koko, bavuka ekuseni bazama ukunyuka baye encotsheni yentaba, besithi: “Sithi aba, kwaye simele sinyuke siye kuloo ndawo ayikhankanyileyo uYehova. Kuba sonile.”+ 41 Kodwa wathi uMoses: “Yini na ukuba niwugqithe umyalelo kaYehova?+ Oko akuyi kuphumelela. 42 Musani ukunyuka, kuba uYehova akakho phakathi kwenu, ukuze ningoyiswa ziintshaba zenu.+ 43 Ngokuba ama-Amaleki namaKanan aphambi kwenu;+ yaye ngokuqinisekileyo niya kuwa likrele, kuba, ngenxa yokuba nibuyile ekumlandeleni uYehova, akayi kuqhubeka enani uYehova.”+
44 Noko ke, banyanzelisa ukunyuka baye encotsheni yentaba,+ kodwa ayiphumanga enkampini yona ityeya yomnqophiso kaYehova kunye noMoses.+ 45 Ehla ama-Amaleki+ namaKanan awayehleli kuloo ntaba, abaxabela aza abachithachitha ukuya kufikelela eHorma.+