Ngaba Izihlangu Zakho Zikulingana Kakuhle?
“Isihlangu sidl’ umniniso.”—KUTHIWA LOO MAZWI ATHETHWA SISITHANDI SOBULUMKO SASEROMA.
WAGQIBELA nini ukuthenga izihlangu? Ngaba zazikulingana kakuhle? Ngaba wawuhamba kamnandi ngazo? Wathabatha ixesha elingakanani xa wawuzikhetha? Wayeluncedo kangakanani umthengisi walapho? Ngaba wazikhetha ngenxa yendlela ezenziwe ngayo okanye wazithanda kuba zikuhambisa kamnandi? Zinjani ngoku njengoko kukudala uzinxiba? Ngaba ziyakutsweba?
Ukuthenga izihlangu akulula. Yaye ukufumana izihlangu ezikulinganayo, kunzima ngeyona ndlela. Kutheni kunjalo nje?
Ukufumana Izihlangu Ezikulinganayo
Okokuqala, luluphi olona nyawo lwakho lukhulu—lolwasekunene okanye lolwasekhohlo? Ngaba ucinga ukuba ziyalingana? Khawucinge kakuhle! Enye into ofanele uyiqwalasele kukuba umntu ufanele alinganise izihlangu ngezi ndlela zine: xa ehleli phantsi, xa emile, xa unyawo lushukuma, naxa kutshisa. Yintoni umahluko?
Ithetha ngokulinganisa izihlangu uhleli phantsi, incwadi ethi Professional Shoe Fitting ithi: “Xa umntu elinganisa izihlangu ehleli phantsi kufuneka unyawo luthi tyaba phantsi.” Kwakhona umntu kufuneka alinganise izihlangu emile. Xa umntu emile indlela olumile ngayo unyawo lwakhe iyatshintsha. Le ncwadi icatshulwe ngasentla ithi: “Xa unyawo luthe bhaxa phantsi luba ngathi yingxowa nje enamathambo nentlala yaye xa umntu emile luyarhwaqela lube luncinane kunokuba kunjalo xa ehleli.” Kodwa kukho amanye amanqanaba amabini.
Umntu kufuneka alinganise isihlangu naxa unyawo lushukuma—ehamba, ebaleka, etsiba okanye esenza umthambo. Oku kubangela ukuba “ukumila konyawo kutshintshatshintshe.” Okwesine, kufuneka umntu alinganise isihlangu xa kutshisa yaye kufumile. Oku kunokubangela ukuba unyawo lube lukhulu ngesi-5 ekhulwini. Siyaqondakala isizathu sokuba kuthi qabu wakukhulula izihlangu ekupheleni kosuku, ingakumbi ukuba unxibe izihlangu ezingakulinganiyo! Yaye kuxhaphakile ukuba abantu banxibe izihlangu ezingabalinganiyo.
Zilinganiswa Njani Iinyawo Zakho?
Kangangeminyaka, uEric ubesoloko ethenga izihlangu ezingusayizi 10 onesiqingatha okanye usayizi 11. Ngelo xesha wayekhathazwa ziikonsi kuzwane lwakhe olugobileyo yaye uzipho lukabhontsi wakhe wecala langasekhohlo lwalukhulela ngaphakathi. Ingcali yokunyanga iinyawo yamcebisa ukuba aye kulinganisa iinyawo zakhe kumntu oqeqeshelwe ukulinganisa iinyawo. Wothuka uEric akufumanisa ukuba ebefanele ukuba unxiba usayizi 12 onesiqingatha omile njengo-A! U-“A” luphawu olubonisa ukuba unyawo lunciphile. Kodwa ngaba ukulinganisa ubude nokuvuleka kwesihlangu kwanele ukuze isihlangu sikulingane? Ufanele uzilinganise njani iinyawo zakho?
Kwamanye amazwe kusetyenziswa isixhobo esibizwa ngokuba yiBrannock xa kulinganiswa unyawo. (Bona umfanekiso.) Esi sixhobo sinokusetyenziswa ukulinganisa unyawo ngokwamanqanaba amathathu: ubude bonyawo, umgama phakathi kwesithende nelungu elidibanisa unyawo neenzwane, nobubanzi bonyawo. Kodwa ke, nyawo ngalunye lumile ngendlela yalo. Kungenxa yoko le nto siqale sizilinganise izihlangu ngaphambi kokuba sizithenge. Inokuba lapho ke kanye ingxaki. Ngaba wakha walinganisa izihlangu ozithanda ngeyona ndlela waza wafumanisa ukuba ziyakutsweba? Umthengisi uthi: “Ezi zihlangu ziza kuvuleka.” Uyazithenga ezi zihlangu yaye uqalisa ukuzisola emva kweentsuku okanye iiveki ezimbalwa uzinxiba. Emva koko uphuma iikonsi, iinzipho zakho zigobela ngaphakathi okanye uba nebhanyanisi!
Ngaba Ungasifumana Isihlangu Esikulingana Gingci?
Unako na ukuzifumana izihlangu ezikulingana gingci? Incwadi ethi Professional Shoe Fitting ithi akunakuzifumana. Ngoba? “Ngenxa yeengxaki eziliqela. . . . Akukho mntu uneenyawo ezilingana gingci nezifana twatse.” Ngoko ukuba isihlangu sikulingana gingci kunyawo olukhulu, asiyi kukulingana kakuhle kwelinye icala. “Oku akuthethi ukuba umntu akanakuzifumana izihlangu ezimlinganayo, kodwa sifanele silumke xa sithetha ngegama elithi esikulingana ‘gingci’.”
Ukuba ufuna ukubona apho buthi zinzi khona ubunzima bomzimba wakho esihlangwini, jonga izihlangu zakho ekukudala uzinxiba. Jonga ufele olwandlalwe esihlangwini sakho ngaphakathi (lining). Yiyiphi eyona ndawo idlekileyo kulo? Kwiimeko ezininzi, iba yindawo ehlala isithende, emva kwesithende nangaphantsi. Kuthetha ukuthini oku? Kuthetha ukuba “isihlangu asilingani gingci nonyawo. Iinxalenye ezithile zesihlangu ziyadleka ngoxa enye inxalenye yaso ingonakali.”
Nendlela owenziwe ngayo umphambili wesihlangu ibalulekile. Ngaba uyaphawula ukuba izihlangu zenziwe ngendlela engafaniyo? Izihlangu ezitsolo apha ngaphambili (bal style) ziyacuthana xa zibotshwe ngemitya. Noko ke, ukuba iinyawo zakho zityebile, ezona zihlangu zikufaneleyo zezo zithe gabalala apha ngaphambili (blucher style), kuba ezi zihlangu azicuthani xa zibotshwe ngemitya. (Bona umfanekiso.) Kutheni oku kubalulekile nje? Kwale ncwadi inye ithi: “Amaxesha amaninzi, izihlangu ezidla ngokuba nengxaki esithendeni zidla ngokubangelwa kukuqina kwesihlangu kumphezulu wonyawo, ngenxa yoko unyawo lutyhaleleka ngasemva.”
Kuthekani Ngezihlangu Ezichophileyo Zamabhinqa?
Izihlangu ezichophileyo ezithandwa kakhulu ngamabhinqa zibangela iingxaki ezahlukahlukeneyo. Izihlangu ezichophileyo zitshintsha ukuma komzimba, ngokufuthi zidla ngokwenza umntu agobe, nto leyo, edla ngokubangela ukuba namadolo agobe ukuze umzimba ume nkqo. Izihlangu ezichophileyo zenza ukuba iziqa ziqine yaye loo nto ibangela ukuba zibonakale ngakumbi.
Ngaloo ndlela, isithende yeyona ndawo ibalulekileyo kwizihlangu zamabhinqa yaye siso esenza ukuba umntu ahambe kamnandi ngeso sihlangu okanye ahambe kabuhlungu. Incwadi ethi Professional Shoe Fitting ithi zithathu izizathu eziyintloko ezibangela ukuba izihlangu zibe nesithende esiphakamileyo: ‘(1) “iwonga,” zenza umntu athi ncothu kancinane, (2) ukuveza ubuhle besihlangu—indlela esenziwe ngayo okanye ifashoni, (3) nokuveza ukumila kukabani—izihlangu zamabhinqa ezichophileyo zibangela kuvele ukumila kwemilenze.’
Amabhinqa afanele ayixhalabele indlela isithende esimile ngayo kuba indawo obuthi zinzi kuyo ubunzima bomzimba ixhomekeke kwindlela esimile ngayo isithende sesihlangu. Ukuba ubunzima bomzimba buthe zinzi ngasemva okanye ngaphambili esithendeni, kusenokubakho ingxaki. Ngoba? Kuba eso sithende sinokwaphuka aze umntu aye kuwa kabuhlungu.
Ngokusuka kule ngxoxo imfutshane, kuyacaca ukuba ukuze umntu afumane izihlangu ezimlingana gingci kufuneka achithe ixesha yaye mhlawumbi nemali ethe chatha, ekubeni ukufumana isihlangu esifanelekileyo kuthabatha ixesha. Kanti izihlangu zakho zinokuba negalelo kulonwabo lwakho nakwimpilo yakho. Ngoko musa ukungxama xa uthenga izihlangu. Zilinganise kakuhle. Yiba nomonde. Musa ukukhohliswa yifashoni okanye yimbonakalo yesihlangu.
[Ibhokisi ekwiphepha 29]
Iingongoma Ezibalulekileyo Omele Uziqwalasele Xa Ukhetha Izihlangu
Kwincwadi yabo ethi Professional Shoe Fitting, uWilliam A. Rossi noRoss Tennant banikela la macebiso alandelayo.
“Isizathu sokuba ubani alinganise isihlangu asikokufumana isayizi yesihlangu, njengoko abanye besenokucinga njalo.” Kutheni kunjalo nje? Ngenxa yokuba isayizi yesihlangu ixhomekeke kwizinto ezininzi, njengobude besithende, indlela esenziwe ngayo, ufele esenziwe ngalo nenkampani eyenze eso sihlangu. Oku kunjalo ngakumbi namhlanje kuba izihlangu zenziwa kumazwe amaninzi asebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo.
Xa ulinganisa izihlangu, tsala iikawusi ukuze iminwe yakho ingagobeki kuba oko kunokubangela ukuba lungabonakali kakuhle unyawo lwakho ukuba lungakanani.
Ufanele uzilinganise kanjani izihlangu—uhleli phantsi okanye umi ngeenyawo? “Kulula ukuba umthengi alinganise izihlangu ehleli phantsi.” Yaye oko kubangela ukuba lungabonakali kakuhle unyawo ukuba lungakanani. Ngoko ke, yima ngeenyawo ukuze ulinganise kakuhle. Ewe, linganisa macala omabini. Musa ukugqiba kwelokuba unyawo lwasekhohlo lukhulu kunolwasekunene. Linganisa macala omabini!
“Ukuze kulinganiswe izihlangu kakuhle kufuneka ubuchule obukhethekileyo babantu abaqeqeshwe kakuhle kunye noonovenkile abaliqela abakuqondayo ukubaluleka kokuba umntu athenge izihlangu ezimlingana kakuhle.”
[Imizobo ekwiphepha 28]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Indlela esakhiwe ngayo isihlangu
isoli
icala lesihlangu
umphezulu wesihlangu
umbindi wesihlangu
isithende
isoli yesithende
impumlo yesihlangu
isoli
ithwathwa eliphakathi kwesoli nesihlangu
icala lesihlangu
umphezulu wesihlangu
ulwimi lwesihlangu
inxalenye yesihlangu esezantsi kweqatha
umva wesihlangu
isithende
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
IBrannock
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Zonke iintlobo zezihlangu zenziwe ngezi ndlela zisixhenxe zisisiseko
[Imifanekiso ekwiphepha 30]
Izihlangu ezibotshwa ngemitya
IBlucher
IBal