IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 8/1 iphe. 28-30
  • Yoyisa Imiqobo Ethintela Inkqubela Yakho!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yoyisa Imiqobo Ethintela Inkqubela Yakho!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufumanisa Izinto Ezithintela Inkqubela Yakho
  • Ukoyisa Imiqobo
  • Unganikezeli
  • Ukutsaleleka KuMdali Ngenxa Yobuhle Benyaniso
    Vukani!—2005
  • Ukuthetha Phandle
    Bathande Abantu—Yenza Abafundi
  • Nceda Amadoda Enze Inkqubela Yokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Ndiyeke Ukusebenzisa Iziyobisi?
    Imixholo Engakumbi
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 8/1 iphe. 28-30

Yoyisa Imiqobo Ethintela Inkqubela Yakho!

INQWELO-MAFUTHA yakho ilungele ukusuka, yaye iyaduma, kodwa ayivumi ukuhamba. Ngaba kukho ingxaki kwi-injini? Akunjalo, kukho ilitye elikhulu phambi kwelinye lamavili ayo. Into efunekayo kukuba ulishenxise ukuze inqwelo-mafutha ihambe.

Ngokufanayo, kukho imiqobo ethintela abanye babantu abafundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova ukuba bangahambeli phambili ngokomoya. Ngokomzekelo, uYesu walumkisa ngezinto ezifana ‘namaxhala ale nkqubo yezinto namandla akhohlisayo obutyebi anokuminxa ilizwi’ lenyaniso, aze athintele ubani ekukhuleni.—Mateyu 13:22.

Abanye, bathintelwa yimikhwa yemfuza okanye ubuthathaka babo ukuba bangahambeli phambili. Indoda ethile yaseJapan egama linguYutaka yayisithanda isigidimi seBhayibhile, ukanti yayinengxaki enzulu yokungcakaza. Yayizama ngokufuthi ukoyisa lo mkhwa ombi kodwa yatsho phantsi. Lo mkhwa wayo wokungcakaza wayifaka ezingxakini ezinkulu, yaphulukana namakhaya ayo amathathu, intsapho yayo yayeka ukuyihlonela yaye nayo yaphelelwa sisidima eyayinaso. Ngaba yayinokuwushenxisa lo mqobo ize ibe ngumKristu?

Okanye khawucinge ngebhinqa eligama linguKeiko. Ngoncedo lweBhayibhile, layeka imikhwa enjengonqulo-zithixo, ukuziphatha okubi nokuba ngumxeli-thamsanqa. Noko ke, uKeiko uthi: “Owona mqobo wawumkhulu kum yayikukutshaya. Ndazama ukuyeka ukutshaya izihlandlo ezininzi kodwa ndandingakwazi.”

Mhlawumbi kunokubakho nto ithile onokuyibona njengomqobo ongenakushenxiswa ethintela inkqubela yakho. Enoba yintoni na, qiniseka ukuba ngoncedo lukaThixo, inokoyiswa.

Khumbula isiluleko sikaYesu kubafundi bakhe emva kokuba bengakhange bakwazi ukukhupha idemon kumntu onesifo sokuwa. Emva kokuba uYesu ephumeze oko bangakhange bakwazi ukukwenza, wathi kubafundi bakhe: “Ukuba ninokholo olulingana nokhozo lwemostade, niya kuthi kule ntaba, ‘Suka apha uye phaya,’ isuke, kungabikho nto eninqabelayo.” (Mateyu 17:14-20; Marko 9:17-29) Ewe, ingxaki enokubonakala njengentaba kuthi, incinane yaye yinto engenamsebenzi kuMdali wethu onamandla.—Genesis 18:14; Marko 10:27.

Ukufumanisa Izinto Ezithintela Inkqubela Yakho

Ngaphambi kokuba woyise imiqobo, umele ufumanise ukuba iyintoni na loo miqobo. Unokukwenza njani oko? Maxa wambi, ilungu lebandla, njengomdala okanye umntu ofundisisa naye iBhayibhile, uya kuzisa nto ithile engqalelweni yakho. Kunokuba usigatye eso siluleko sothando, ufanele uzithobe ‘uphulaphule ingqeqesho uze ulumke.’ (IMizekeliso 8:33) Ngamany’ amaxesha, unokububona ubuthathaka bakho ngokufundisisa iBhayibhile. Ewe, ilizwi likaThixo “liphilile, linamandla.” (Hebhere 4:12) Ukufunda iBhayibhile neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni kunokutyhila iingcinga zakho ezinzulu, iimvakalelo neentshukumisa zakho. Kuyakunceda ukuba uzihlolisise ngokuvisisana nemilinganiselo kaYehova ephakamileyo. Kutyhila izinto ezinokuthintela ukuhambela kwakho phambili ngokomoya.—Yakobi 1:23-25.

Ngokomzekelo, masithi umfundi othile weBhayibhile uthanda ukucinga ngezinto ezingcolileyo. Usenokungayiboni ingozi, esithi akukho nto iphosakeleyo ayenzayo. Njengoko eqhubeka efundisisa, ufunda amazwi kaYakobi 1:14, 15 athi: “Ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe. Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono; isono, xa sithe safezwa, sivelisa ukufa.” Ngoku uyayibona indlela eliyingozi ngayo eli khondo kwinkqubela yakhe! Unokuwushenxisa njani lo mqobo?—Marko 7:21-23.

Ukoyisa Imiqobo

Mhlawumbi ngoncedo lwamaKristu aqolileyo, umfundi unokwenza uphando olongezelelekileyo eLizwini likaThixo, esebenzisa iWatch Tower Publications Index.a Ngokomzekelo, umxholo othi “Thoughts (Iingcinga),” walathisela umfundi kumanqaku aliqela apapashiweyo athetha ngokoyisa iingcinga eziyingozi. La manqaku abalaselisa imibhalo yeBhayibhile eluncedo, njengombhalo wabaseFilipi 4:8, othi: “Hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.” Ewe, iingcinga ezingcolileyo zimele zithatyathelw’ indawo ziingcinga ezinyulu nezakhayo!

Xa esenza olo phando, ngokungathandabuzekiyo umfundi uya kubona neminye imigaqo yeBhayibhile eya kumnceda aphephe ukuyandisa ingxaki anayo. Ngokomzekelo, IMizekeliso 6:27 noMateyu 5:28 ulumkisa nxamnye nokondla ingqondo ngezinto ezivuselela umnqweno wesini. Umdumisi wathandaza esithi: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto.” (INdumiso 119:37) Kakade ke, ukufunda nje le mibhalo yeBhayibhile akwanele. Indoda esisilumko ithi: “Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo, kodwa umlomo wabangendawo umpompoza izinto ezimbi.” (IMizekeliso 15:28) Xa ecingisisa kungekuphela nje ngoko uThixo akuyalelayo kodwa nangesizathu sokuba akuyalele, umfundi unokuqonda ngakumbi ukuba iindlela zikaYehova zezobulumko yaye zisengqiqweni.

Ekugqibeleni, lowo uzabalazela ukoyisa umqobo othintela inkqubela yakhe ufanele afune uncedo lukaYehova ngokukhululekileyo. Ngapha koko, uThixo uyakwazi ukubunjwa kwethu, uyazi ukuba asifezekanga yaye senziwe ngothuli. (INdumiso 103:14) Xa ubani eqhubeka ethandaza ecela uncedo lukaThixo, aze azame ukuphepha ukucinga ngezinto ezingcolileyo, ekugqibeleni uya kufumana umphumo ovuyisayo—isazela esicocekileyo.—Hebhere 9:14.

Unganikezeli

Enoba ulwisana nabuphi na ubunzima, umele uqonde ukuba uya kumana uwela kubuthathaka obufanayo ngamanye amaxesha. Xa oko kusenzeka, kuyinto yokwemvelo ukuziva ukhathazekile yaye udanile. Noko ke, khumbula amazwi afumaneka kwabaseGalati 6:9 athi: “Masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.” Abakhonzi bakaThixo ababenyanisekile njengoDavide noPetros nabo baba neentsilelo ezithile ezibangel’ iintloni. Kodwa abazange banikezele. Basamkela isiluleko ngokuthobeka, benza iinguqulelo eziyimfuneko, baza baqhubeka bezingqina bengabakhonzi bakaThixo ababalaseleyo. (IMizekeliso 24:16) Nangona uDavide wenza iimpazamo, uYehova wambiza ngokuba ‘yindoda evunyiweyo yintliziyo yam, eya kwenza zonke izinto endizinqwenelayo.’ (IZenzo 13:22) NoPetros wazilungisa iimpazamo zakhe waza waba yintsika yebandla lamaKristu.

Abaninzi namhlanje baye baphumelela ngendlela efanayo ekoyiseni imiqobo. UYutaka, okhankanywe ngaphambilana, wasamkela isifundo seBhayibhile. Uthi: “Ukuxhaswa nokusikelelwa nguYehova kwinyathelo ngalinye endandilithabatha kwandinceda ndayoyisa ingxaki endandinayo yokungcakaza. Ndivuya kakhulu kuba ndabubona ubunyaniso bamazwi kaYesu athi, xa ubani enokholo, angashenxisa ‘neentaba.’” Ekuhambeni kwexesha, uYutaka waba sisicaka solungiselelo ebandleni.

Kuthekani ngoKeiko, owayelikhoboka lecuba? Udade owayemqhubela isifundo wamcebisa ukuba afunde amanqaku awahlukahlukeneyo kaVukani! athetha ngokukhotyokiswa licuba. Kwinqwelo-mafutha kaKeiko kwakukho namazwi afumaneka kweyesi-2 kwabaseKorinte 7:1 ukuze amkhumbuze yonke imihla ukuba ufanele ahlale ecocekile emehlweni kaYehova. Sekunjalo, akazange akwazi ukuyeka ukutshaya. Uthi: “Ndandizicaphukela gqitha. Ngoko ndaqalisa ukuzibuza eyona nto ndandiyifuna—ngaba ndandifuna ukukhonza uYehova okanye uSathana?” Emva kokwenza isigqibo sokufuna ukukhonza uYehova, wathandaza ngokunyanisekileyo ecela uncedo. Uthi: “Ndamangaliswa kukuba ndikwazi ukuyeka ukutshaya ndingakhange ndenze mgudu ungako. Ndiyazisola nje kuba ndingazange ndithabathe manyathelo ngokukhawuleza.”

Nawe unokuphumelela ekoyiseni imiqobo ethintela inkqubela yakho. Okukhona uvisisanisa iingcinga zakho, iminqweno intetho nezenzo zakho nemilinganiselo yeBhayibhile, kokukhona uya kuzihlonela uze ube nentembelo kwisiqu sakho. Abazalwana noodade wenu bokomoya, kunye namalungu entsapho yakho, aya kuziva ehlaziyekile yaye ekhuthazekile xa enxulumana nawe. Okona kubaluleke kakhulu, uya kuba nolwalamano olusondele ngakumbi noYehova uThixo. Wathembisa ukuba uya ‘kushenxisa nasiphi na isikhubekiso endleleni yabantu bakhe’ xa beqhawula kumakhamandela kaSathana. (Isaya 57:14) Yaye qiniseka ukuba xa usenza umgudu wokushenxisa nokoyisa umqobo othintela inkqubela yakho yokomoya, uYehova uya kukusikelela ngokuyintabalala.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe ngeelwimi eziliqela ngamaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 28]

UYesu wathembisa ukuba xa umntu enokholo, unokoyisa imiqobo enjengeentaba

[Umfanekiso okwiphepha 30]

Ukufunda iBhayibhile kusinika amandla angakumbi okoyisa ubuthathaka bokomoya

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share