IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/93 iphe. 2
  • Iintlanganiso Zenkonzo Ka-Oktobha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintlanganiso Zenkonzo Ka-Oktobha
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 4
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 11
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 18
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 25
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 10/93 iphe. 2

Iintlanganiso Zenkonzo Ka-Oktobha

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 4

Ingoma 225

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Cebisa iindlela anokusetyenziswa ngazo amaphephancwadi akutshanje kwintsimi yasekuhlaleni. Bethelela ukubaluleka kokunikela umrhumo kaVukani! neMboniselo ngazo zonke izihlandlo. Buyela kubo bonke obubahambisele amaphephancwadi ngenjongo yokuqalisa umzila wamaphephancwadi. UOktobha yinyanga yokugqibela yohlaselo lomhlaba ongabelwanga bani. Khuthaza bonke bawaxhase ngokuzeleyo amalungiselelo okugqibela ohlaselo lomhlaba ongabelwanga bani. Xa ixesha livuma, balisa amava anik’ umdla aye ananditshwa kumhlaba ongabelwanga bani.

15 imiz: “Ukubonakalisa Ukungakhethi Buso Kubulungiseleli Bethu.” Imibuzo neempendulo. Balaselisa iinkalo zalo mbandela ezixhalatyelwe ngokukhethekileyo kwintsimi yasekuhlaleni.

20 imiz: Yandisa Ubulungiseleli Bakho Bendlu Ngendlu Ebudeni BukaOktobha. Umveleli wenkonzo okanye omnye umzalwana ofanelekayo uxubusha nabaphulaphuli ukubaluleka kobulungiseleli bendlu ngendlu. Yenza imiboniso: (1) Umvakalisi uqalisa incoko ekhokelela kwinqaku elikuVukani! okanye kwiMboniselo yakutshanje. Umvakalisi unikela umrhumo kaVukani! okanye weMboniselo. (2) Kusetyenziswa indlela efanayo, kodwa umrhumo awamkelwa. Umvakalisi unikela amaphephancwadi aze andlale isiseko somzila wamaphephancwadi. (3) Umvakalisi usebenzisa iphecana ukuqalisa incoko engacwangciswanga aze anikele amaphephancwadi akutshanje kumntu onomdla. (4) Umvakalisi ubuyela kumntu abenze umzila wamaphephancwadi kuye ugqiba kwelokuba anikele umrhumo. Ukuba bhetyebhetye okunjalo kufanele kubakhuthaze bonke abavakalisi bandise ubulungiseleli babo bendlu ngendlu ebudeni bukaOktobha. Ngokungathandabuzekiyo bambi ebandleni baza kukhonza njengoovulindela abangabancedani kule nyanga. Abanye abanokukwazi ukwenjenjalo basenokuba abakashiywa lithuba lokuba bafake izicelo.

Ingoma 42 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 11

Ingoma 4

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Funda izaziso zokufunyanwa komnikelo, uze ulincome ibandla ngokuxhasa kwalo ngobubele umsebenzi wazwenibanzi nangokunyamekela iintswelo zezinto eziphathekayo zebandla lasekuhlaleni. Ngokufutshane hlolisisa amalungiselelo enkonzo yasentsimini ale veki, uze uvakalise uxabiso ngenkxaso enenzondelelo yabavakalisi.

15 imiz: “Ukunikela Imirhumo Kwindlu Ngendlu.” Ingxubusho nabaphulaphuli. Sinesizathu esivakalayo sokunikela imirhumo ngehlombe ebantwini esidibana nabo kwinkonzo yasentsimini nakwabo sinikela ubungqina obungacwangciswanga kubo. Amaphephancwadi abhalwe imihla akhutshwe ngayo yaye sifanele sihambise iinkupho zakutshanje kodwa asifanele sithandabuze ukuhambisa amaphephancwadi amadala xa kuvela ithuba lokwenjenjalo. Qiniseka ukuba amaphephancwadi owahambisayo acocekile yaye awonakalanga. Yiba nomvakalisi ofanelekayo esenza umboniso ngentshumayelo eyandlalwe kwisiqendu 3.

20 imiz: “Imfundiso Yobuthixo Inempembelelo Enamandla.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Ukuba ixesha liyavuma funda iziqendu nezibhalo ezibonisiweyo.

Ingoma 44 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 18

Ingoma 65

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IiNdaba Ezingokobuthixo.

15 imiz: “Nikela Ingqalelo Kwabanomdla Obafumeneyo.” Intetho nemibuzo ethile eya kubaphulaphuli. Yenza umboniso ngendlela abavakalisi abaye bawakha ngayo umdla kwintsimi yasekuhlaleni, okanye yiba nomvakalisi ebalisa amava akutshanje abonisa ukubaluleka kokubuyela kwabo baye barhumela okanye abaye bamkela iinkupho ezinganye zikaVukani! nezeMboniselo.

20 imiz: “Ngenelwa Ngokupheleleyo KwiNdibano YeSithili ‘Yemfundiso Yobuthixo’ Yowe-1993”—Icandelo 1. Ingxubusho nabaphulaphuli yesiqendu 1-16. Abavakalisi bafanele baxubushe iingongoma ezifanelekileyo nezifundo zabo zeBhayibhile eziya kube zikho endibanweni.

Ingoma 60 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 25

Ingoma 75

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Quka amalungiselelo enkonzo yasentsimini ale veki, uze utsalele ingqalelo kwiingongoma ezikumaphephancwadi akutshanje abavakalisi abanokuzisebenzisa xa behambisa imirhumo. Ukuba ixesha liyavuma, ngokufutshane yenza umboniso omnye okanye emibini yeentshumayelo ezinokufaneleka kwintsimi yasekuhlaleni. Khumbuza ngemfuneko yokubuyela kubo bonke abaye babonakalisa umdla.

15 imiz: “Ngenelwa Ngokupheleleyo KwiNdibano YeSithili ‘Yemfundiso Yobuthixo’ Yowe-1993”—Icandelo 2. Xubusha nabaphulaphuli isiqendu 17-19 uze uhlolisise ngenyameko umbandela othi “Emasikukhumbule NgeNdibano YeSithili.” Quka nezinto emasizikhumbule ezifanelekileyo ezisekelwe kwinkcazelo ekwiMboniselo kaJuni 15, 1989, iphepha 10-20, okanye khuthaza amaqela eentsapho axubushe iingongoma ezikula manqaku ngaphambi kokuya endibanweni.

20 imiz: “Ukuqhuba Isifundo SeBhayibhile Sekhaya.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Yiba nomboniso olungiselelwe kakuhle womvakalisi enceda umntu amqhubela isifundo aqonde indlela izibhalo ezibonisiweyo eziwuxhasa ngayo umbandela oxutyushwayo osesiqendwini. Kumboniso okwamnye umvakalisi usebenzisa imibuzo esecaleni ukumnceda enze inyaniso ibe yeyakhe. Sebenzisa icandelo elikhethiweyo lencwadi Ukumanyana Ekunquleni okanye Unokuphila Ngonaphakade.

Ingoma 78 nomthandazo wokuqukumbela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share